xhosa.1563.hloni
Italente engaphaya
komkhusane
Emva kokushiya umsebenzi wakhe wokuqala, uHloni Modise wonyukela ngasentla kwishishini lomculo weli njengompapashi wezinye zeendumasi zethu eziphambili. Kweli bali uHloni usichazela ngokwenzeka ngaphaya komkhusane...
UMPHATHI wam wokuqala wabenza nzima ubomi bam. Emva kwenyanga ezine, ndathi: "Ndihlawule imali yam ndihambe." Ndayisebenzisa yonke loo mali ngaloo njikalanga. Ndandibacaphukela abantu baloo nkampani kangangokuba ndandingafuni nemali yabo ebhegini yam.
Ngoku ndisebenza njengelabel manager kwaSony-BMG weli loMzantsi Afrika. Inkampani ekuzisela iimvumi ezifana noBeyonce, uR. Kelly, uCeline Dion, uBrandy noBritney Spears, nezinye zeemvumi eziphambili zeli.
Ndaqala ndingumncedisi ndaza ndafumana ithuba lam bakufuna umntu oza kwakha ubuhlobo obuhle namaziko ezosasazo asekuhlaleni, ukuze anike udumo iimvumi zethu ngakumbi.
Ndandingenamoto ndihamba ngezithuthi zikawonke-wonke ukuya kwiindibano. Ndakhe ndahamba no-Andile Gaelesiwe (umsasazi kaKhumbul'ekhaya) sisiya kudliwano-ndlebe ngeteksi!
Bathi ogxa bam, "Hloni asiyondlela esenza ngayo leyo." Kodwa kwakufuneka izinto zenzekile nokuba ndenze njani.
Sekuyiminyaka emithathu ndilapha. Ndaziphumelela izifundo zam zokuphatha ishishini kwaye ngoku ndenza izifundo zeproject management and media liaison.
Umsebenzi wam uquka ukuqinisekisa ukuba iimvumi zethu zipapashwa ngokwaneleyo - kwi-TV, kunomathotholo nakumaphepha-ndaba neemagazini.
Ndiyibhala phantsi yonke into endimelwe kukuyenza neemvumi zam, ndifake amanqaku amaphepha-ndaba neemagazini abhalwe ngazo kwiifayile zabo. Kuze kuthi kwakungathethwa ngabo, bangathi akukho nto ndibenzele yona.
Thina asinikwa zimbasa zeeSAMA! Ngoko kubalulekile kakhulu ukuva umntu encoma umsebenzi wam!
Enye yeemini ezinzima kum yaba ngumhla apho iindibano zam zatshintshwayo ndagqibela ngokujongana nodliwano-ndlebe lukaKB neMalaika kwiinqkubo ze-TV ezahlukeneyo wabe uLetta Mbuli enodliwano-ndlebe lwemagazini - ngemini enye!
Ndandisehla ndisenyuka ukuqinisekisa ukuba izinto zihamba kakuhle kwiindawo zonke.
Ndiye ndibone amantombazana amaninzi ekuvuyela ukungena kulo msebenzi. Emva kweenyanga ezintathu, aphele emehlweni. Ukuba uze kuba ufuna udumo, awuzukwazi ukuhlala ixesha elide.
Ndafunda kuLindelani Mkhize kudala (obesenza inkqubo ethi I Want To Sing Gospel?) ukungazoyiki iindwalutho.
Wathi, "Khumbula iindumasi ziphathwa njengoothixo phandle phaya, kodwa zingabantu abafana nawe nam abanamatyala ekufuneka bawabhatale njengaye nabani na."
Kodwa ndikwazile ukumelana nalo msebenzi ngenxa yabazali bam abasandimamelayo xa ndibaxelela ngosuku lwam olubi. Nangenxa yomfana endincuma naye, uKgothatso Mtau, oliliwa lam. Yena akananto yakwenza nomculi ungumhlalutyi wezoshishino. Kunye nosana lwam, endiluthandayo, uThabang. Ukuba ngumama kwandibonisa ukuba ndomelele ngenene ndingayiyo nantoni na endifuna ukuba yiyo - umama, iqabane lothando, ibhinqa elinesakhono nomfundi.
Iimvumi esezikhulile ngeminyaka nangamava, ziyayiqonda imeko ngoko kulula ukusebenza nazo. Ndicinga ukuba yiyo into ebenze bahlala kangaka, bayazilungisa izakhono zabo kuba bawuthatha umculo njengeshishini.
Iimvumi ezisencinane zihlala nje unyaka ubemnye emva koko ziphel' emehlweni. Bacinga ukuba kufuneka baziphakamise bangakhathali ukuze babe ziindumasi.
Ukusebenza nabantu abanempakamo akuyiyo eyona nto indikhathazayo ngalo msebenzi. Eyona ibuhlungu kuxa sishiywa yimvumi. Wonke umntu ufuna ulwazi ngemvelaphi yayo neefoto, ngelo xesha wena uphulukene nelungu losapho. Awubi naxesha lakukhala.
Ndiye ndasondela kakhulu kuJabu Ndaba weMalaika phambi kokusweleka kwakhe. Nangexesha sele egula kakhulu, wazirhuqa weza apha ezo kuthetha malunga nodliwano-ndlebe. Ube ngumntu olungileyo - kwaye abalungileyo bahlale behamba kuqala.
Ngamanye amaxesha kufuneke ube ngumama kwezi mvumi kaloku ndakhe ndamzamela isuti ndincedwa ngumntakwethu elungiselela ukuvela kwiTV!
Ndakwazi ukuya kubabona esibhedlela uVuyo Mokoena noJabu Khanyile phambi kokusweleka kwabo. Oko kwenza kwalula ukuba ndibakhulule.
Okulandelayo endizakukwenza, mna kukuziqesha ngokwam. Kweli shishini, kukho ubungozi bokuzibona sele uhleli iminyaka engama-20 ngenxa yokonwaba uzilibale ulibale nokufunayo.
Ndingumntu okhutheleyo kwaye ndifuna ukusebenzisa oko ngokusebenza neemvumi ukuze ndingaphinde ndifune kuqeshwa mntu. [x]
Umbhali: Patricia McCracken
ISAKHONO ESIHLE
Encokola noLesley Mofokeng emsithweni weChannel O Awards.
UHloni onwabile noJabu Khanyile ongase-khoyo.
KUMNANDI UKUSEBENZA NABO
UHloni usixelela ngezinye zeemvumi azithandayo...
ULETTA MBULI, imvumi:
Ezinye iindwalutho zisoloko zifuna oku noku, ingakumbi xa ziza kufota. Zifuna umlungisi-buso nomnxibisi othile kodwa nokuba sele umfumene zingonwabi. ULetta akanjalo. "Ndixelele okufunayo ndikwenze," utsho.
U-DJ SBU, imvumi nosomashishini:
U-DJ Sbu ungomnye wabantu abasoloko bebulela xa kukho izinto omenzele zona.
UCHIPPA, imvumi nomlinganisi:
Akoyiki ukumxelela umntu xa esenza umsebenzi wakhe ngendlela. Ungusomashishini onengqondo ezinzileyo.
USIBONGILE KHUMALO, imvumi yomculo wejezi ne-opera:
Akenzi nantoni na kwaye uqaphela nabantu abamenywayo xa kuphehlelelwa icwecwe lakhe. Uyakwazi akuzeleyo kwishishini lomculo akoneliswa nje liholo elizele ngabantu abangenamsebenzi. Ungumama onomthetho!
UJABU HLONGWANE, imvumi yomculo wokholo:
Abanye abantu uyayeka ukubatsalela umnxeba kuba usazi ukuba baza kukumoshela usuku, kodwa uJabu weJoyous Celebration uyakuhlekisa kutsho kuphele nokokukhathazeka!
Ukunye neemvumi ezineembasa zeSAMA uJabu Hlongwane noSipho Makhabane.
Wonwabile noGlen Lewis kumsitho weMetro FM Awards...
