xhosa.1077.teens
Ukungenzi namhlanje into ongayenza ngomso kungavakala kuyindlela elungileyo yokuphila, kodwa amaxesh' amaninzi kubanzima ukugqiba into okhe wayiyeka ixesha elide ungayenzi. Nazi iindlela esingaphelisa ngayo uxinzelelo lwengqondo ngokwenza esifanele sikwenze ngexesha esifanele sikwenze ngalo
EZOLUTSHA
Ukwenza izinto zenzeke
UYAYAZI imvakalelo enje kuba yonk' into iqala kakuhle. Ititshala ikuxelela umsebenzi ofanele uwenze - wena ubona ingumsebenzi olula. Uzibone unexesha elininzi kuba ufuneka emva kwenyanga.
Kukho abo ke bathanda "ukuwulibala" loo msebenzi bagqibele bewukhuphile nasezingqondweni zabo.
Nangona kunjalo, inkoliso yethu ibanawo umva-ndendwa osixelela ukuba ixesha liyahamba kufanele siwuqale umsebenzi esiwunikiweyo. Oko ke kwenza singalonwabeli ixesha esilichithayo singawenzi umsebenzi kuba sinaloo mva-ndendwa.
Side sizibone singamavila, singakwazi ukwenza umsebenzi ngendlela, okanye sizizibhanxa, kuba nje sisonqena.
Kuba siziva kanjalo, oko kwenza kubenzima nangakumbi ukuwuqalisa nokuwugqiba loo msebenzi. Sigqibela ke sesibandeza!
Nazi izinto ezingakunceda ungonqeni ukwenza umsebenzi wakho ngexesha:
INYATHELO 1: Yazi indlela
Xa ufun' ukunciphis' umzimba uyakwazi ukutya ofanele ungakutyi. Kunjalo nasemsebenzini owunikiweyo: xa ufun' ukwenza umsebenzi kukho izinto ofanele ungazicingi. Zibuze oku kulandelayo:
Ingaba ndicinga ukuba kuza kuthiwa mandiwuyeke umsebenzi xa ndingawenzi?
Ingaba umsebenzi ndiwubona umncinane kunokuba unjalo, okanye ingaba ndicinga ukuba ndazi kakhulu ngaloo nto kunokuba ndisazi? (Umzekelo: ukuzibona usazi eso sifundo, ngoko akukho mfuneko yokulungiselela imvavanyo yangomso.)
Ingaba ndiyazilibazisa ngokucoca indlu yam endaweni yokwenza umsebenzi wam?
Ingaba ndizibona zingenangxaki izinto "ezincinci" ezindiphazamisayo? (Umzekelo: ukuya kubukela inkqubo yeTV oyithandayo endaweni yokwenza umsebenzi wesikolo. Uya kuzinqanda kanjani ungachith' iiyure ezininzi ubukel' iTV ube ungekawenzi umsebenzi wesikolo?)
Ingaba ndenza into enye ixesha elide emsebenzini wam? (Oko kukuchith' iiyure uhombis' ikhava yeprojekthi yakho, okanye uwubhala uwucima umhlathi wokuqala isincoko sakho.)
Sakuyiqonda indlela esizikhohlisa ngayo, kuya kubalula ukuphepha ezi zinto zikuphazamisayo ungawenzi umsebenzi wakho wesikolo.
INYATHELO 2: Thembeka kuwe
Xa ufuna ukuwenza ixesha elifutshane umsebenzi onawo, kwamkele oko - ungavumeli isazela sikuphazamise kuloo nto.
Umzekelo, xa loo msebenzi ungazukwenza mahluko kwiziphumo zeemviwo zakho, kubhetele uchithe ixesha elininzi kweziny' izifundo.
Kungenzeka ufune ukuchith' ixesha elininzi kwisifundo esinamanqaku abalulekileyo.
Khumbula: uFat Charlie uthi thembeka! Oko akuthethi kuthi yiyeke yonk' imisebenzi enzima.
INYATHELO 3: Ceba kakuhle
Kwazi okulindelekileyo kuwe, ubale namanyathelo ekufuneka uwathabathe ukuze ugqib' umsebenzi wakho. Naku okungakunceda:
Wohlula-hlule. Ungawubona umkhulu umsebenzi xa uwonke, kodwa ukuwohlula-hlula amacandelo aliqela kuwenza ubelula.
Wakuwohlula-hlula, zinik' ixesha elaneleyo lokugqiba icandelo ngalinye. Ungaziqhathi ngokucinga ukuba ungagqiba amacandelo amaninzi ngexesha elinye.
Umvuzo nokuphumla. Qinisekisa ukuba uzinika ixesha lokuphumla nelokonwaba kwisicwangciso sexesha lakho. Oko kuya kukunik' ixesha lokonwaba uziva kukhona okuphumezileyo kwaye oko kuya kukwenza ungabi naxinzelelo lomsebenzi oseza kuwenza.
Jonga izinto eziphazamisayo. Zijonge izinto esizikhankanyileyo. Zazi xa uzibhanxa ngokwakho.
Ungaziqhitsi. Ukuziqhitsa kuya kukwenza ungabinamdla emsebenzini wakho. Amany' amacandelo angathabatha ixesha elifutshane kunokuba ubucinga, ngoko kusenokufuneka ulitshintshe ixesha obulicwangcisile.
Okokugqibela
Isazela. Ixhala. Ukucaphuka. Zezo zinto ke ezifanele zikwenze ungaluvumeli olo hendo lokungawenzi umsebenzi wesikolo.
Kaloku uyonwaba kakhulu xa usazi ukuba uwugqibile umsebenzi wakho wesikolo? [x]
