



Study groups 



Kutheni sikhuthaza abavelisi abasaphuhlayo ukwenza amaqela ofundo-nzulu? 



Instructions: 

1. Folio strap: Amaqela ofundo-nzulu

2. Byline: NguJane McPherson, umphathi wenkqubo yakwa Grain SA weNkqubo yoPhuhliso 



Omnye wemisebenzi eyilwayo emikhulu kwinkqubo yethu yophuhliso kukuyilwa kwamaqela ofundo-nzulu nenkonzo ayinikwayo. 



Ziliqela izizathu zokubaluleka kokwenza amaqela ofundo-nzulu nokuwagcina eququzela: 

Abantu abenza umsebenzi wokufama kwindawo abahlala kuyo baba neengxaki eziyeleleneyo kwaye banokufunda omnye komnye; 

Izisombululo zeengxaki zinokufunyanwa phakathi kwamalungu eqela;

Kuthande ukuba lula kwaye kunciphisa iindleko ukunika inkxaso kubantu abaliqela kunokunika abantu ngabanye; 

Yinto enako ukwenzeka ukuba nesicwangciso esisekiweyo semisetyenzana nesoqeqesho sonyaka ukuze umntu ngamnye aqhubele phambili ukuya kwinqanaba lokurhweba; 

Iqela linelizwi eliphakame nelomelele ngaphezulu kunomntu omnye – xa lithe chatha inani labantu abacela into enye, abanye bayamamela. 



Iqela lofundo-nzulu liya kuba namandla kuphela xa amalungu alo ethatha ubunini beqela elo - nazi ezinye izinto ezifuna ukuqwalaselwa:

Iqela malidibane rhoqo; 

Iqela malibe nomthetho-siseko, oneenjongo nemiba ekufuneka iphunyezwe ebalulwe ngokucacileyo; 

Iqela kufuneka libe nesakhiwo solawulo lwendlela ekusetyenzwa ngayo – musa ukuvumela iqela lakho lofundo-nzulu ukuba lithathwe ngabanye abantu abangengomafama enene – malingabi liqonga lezinye iiajenda; 

Amalungu eqela mawabe neenjongo zonyaka – ukuba indawo ojolise kuyo icacile indlela iya kuhambeka lula; 

Chonga iimfuno zamaqela wandule ukuthatha amanyathelo enziwayo okuhlangabezana nezo mfuno – umzekelo, ukuba iqela lifuna icebiso ngesichumiso, mema abameli abavela kumaqela ezichumiso ukuba eze kuthetha neqela – mema iingcali ukuba zize kuthetha ngezihloko ezitsala umdla; 

Yenza isicwangciso semihla sonyaka uphelele ekuqaleni konyaka ukuze amalungu akwazi ukwenza izicwangciso eziyimfuneko zokuya ezintlanganisweni. 









