Safex												Xhosa



Isengxoweni (okanye intetho elolo hlobo)!



Intshayelelo:

Folio strap: Ukuthengisa izityalo eziziinkozo

Byline: Liqhelaniswe ukusuka Kwizifundo zoLawulo zaseAgribusiness nguJane McPherson



Sisengabantwana sasifundiswa oku “ungabokubala amantshontsho phambi kokuba aqandusele”, nangona kunjalo, wakuba usivunile isityalo sakho, sesakho ngenene. Ngoku kufuneka wenze isigqibo sokuba ingaba uza kusithumela apho sifuneka khona kwangoko na okanye uza kusigcina ulinde de ixabiso linyuke (okanye lihle, ukuba akubanga nathamsanqa – xa ke sicingela ukuba ubungenalo ubhambathiso lokuthengisa, lona ke ufanele ukuthembeka kulo. 



Yeyiphi imibandela ekufuneka ndiyiqwalasele malunga nolondolozo? 

Ingaba ndinako ukuwenza umsebenzi, ukucoca nokulondoloza efama?

Ingaba ndinako ukungqalisa ukutya ukusuka emasimini (ngexesha lokuvuna) ukuya kumsebenzi wesisele se-silo, komnye umfama, kumatshini wokucola okanye komnye umsebenzisi weemveliso zombona?

Ukuba kufuneka ulondolozwe efama umbona okanye kumsebenzi orhwebayo wesisele esiyi-silo ingaba yintoni ixabiso lolu londolozo ngetoni nganye? 

Ingaba ixabiso lokulondoloza liya kunika inzuzo esalayo na emva kokuhlawulwa kwenzala nezinye iintlawulo? (Funda ushicilelo olucoselelweyo nakoluphi ubhambathiso olungenelelweyo malunga nolondolozo.) 

Zintshukumo zini ezilindeleke kwixabiso lesityalo esiziinkozo? 



Hlaziya naziphi izicwangciso zokuthengisa ngokusekwe, obona buncinci, kuphando lweveki nganye lwentengiso malunga nemozulu kunye nemikhwa yamaxabiso emva kokuzidibanisa nomthengisi wakho okanye umcebisi wakho malunga nentengiso. 



Yeyiphi imibandela ephembelela ixabiso lombona eMzantsi Afrika?



Imeko yokunika inkxaso neyemfuno ebangwayo

Ukuba kubekho umbona okhoyo oyintsalela eMzantsi Afrika (njengowama-2004 nowama-2005) ixabiso lombona leSafex likholisa ukurhweba kufutshane nolungelelwaniso lokuthumela ukutya ngaphandle.

Xa kubonakala ngathi kusenokubakho unqongophalo lombona eMzantsi Afrika (njengowama-2006 nowama-2007) ixabiso lombona leSafex likholisa ukurhweba kufutshane nolungelelwaniso lokuthatha ukutya ngaphandle.



Amaxabiso ombona ehlabathi

Ixabiso lombona lehlabathi yeyona nxalenye inkulu kubalo lwamaxabiso olungelelwaniso lokuthatha nokuthumela ngaphandle.

Amaxabiso ombona ehlabathi kwakhona ahluka mihla le ngokwemeko yehlabathi.

Inguquko kwixabiso lehlabathi iya kwenza inguquko kumanqanaba olungelelwaniso lwamaxabiso okuthatha ngaphandle. 

Amaxabiso olungelelwaniso lokuthatha ngaphandle ombona waseUSA naseArgentina ubukhulu becala asetyenziswa njengesikali samaxabiso ombona saseMzantsi Afrika.



Isantya sotshintshiselwano lweRandi/US-dollar 

Iindleko ezinxulumene nobalo lwexabiso lolungelelwaniso lokuthatha nelokuthumela ngaphandle ezifana nexabiso lokuthenga umbona kummandla wentengiso wehlabathi (ixabiso-elikhululekileyo-lombona okuthuthlo kwilizwe elithile), iindleko zothutho ngolwandle neinshorensi yothutho, lixelwa liphinde lihlawulwe ngokweeUS-dollars.

Ukuguqula ezi ndleko ziye kwiirandi zaseMzantsi Afrika kufuneka ziphindaphindwe ngesantya sotshintshiselwano serandi/US dollar.

Amaxabiso ahla esenyuka mihla le kwisantya sotshintshiselwano serandi/US-dollar ngokunjalo aya kwenza inguquko kumaxabiso ombona olungelelwaniso okuthatha nokuthumela ngaphandle.



Ukubekwa kwexabiso lombona laseMzantsi Afrika



Utshintshiselwano Ngempahla yaseMzantsi Afrika (South African Futures Exchange - Safex)

Umbona waseMzantsi Afrika ukurhwebo lwayo yonke imihla kummandla weemveliso zezolimo we-South African Futures Exchange (Safex) eyinxalenye yeJohannesburg Stock Exchange (JSE).

I-Safex inokuchazwa njengesixokelelwano sefandesi eyenziwa ekhompyutheni apho abathengi (umzekelo abacoli bombona) kunye nabathengi (umzekelo abavelisi bombona) banokuthenga ngokubiza amaxabiso kwifandesi okanye banikele ngokuthengisa umbona kwithuba (kwinyanga) ethile.

Iziganeko zokurhweba kummandla wentengiso weemveliso zezolimo zikhona yonke imihla ukusuka ngentsimbi ye-09:00 - 12:00.

I-Randfontein (Gauteng) yindawo ekubhekiselelwa kuyo yexabiso lombona.

Ixabiso lombona we-Safex ngoko ke lixabiso lombona osiwa eRandfontein.

Ukuba umbona usiwa nakweyiphi i-silo eyiyenye ngaphandle kweRandfontein, makwenziwe ulungelelaniso kwixabiso elibonisa iindleko zothutho ukusuka kuloo silo ukuya eRandfontein, kananjalo nezinye iindleko.



Ukubala ixabiso lomvelisi wombona

Ukufikelela kwixabiso umvelisi aya kulifumana ngombona, xa usiwe kwi-silo ebhalisiweyo yeSafex engeyiyo iRandfontein, kufuneka kuthatyathwe iimali ezithile kwixabiso lombona.leSafex.

Eyokuqala ethatyathwayo yeyomahluko wendawo (yona iziindleko zothutho ezibaliweyo ukusuka kwi-silo ethile ukuya eRandfontein) kwaye ipapashwa ngonyaka ngamnye yiSafex.

Ukuba umbona usiwa kwi-silo yorhwebo, ishishini lezolimo (umnini-silo) uya kufuna intlawulo yokuphatha umsebenzi.

Okuqhelekileyo kukuba intlawulo yokuthengisa kananjalo iya kuhlawuliswa lishishini lezolimo okanye iqumrhu elirhwebayo ukuba umbona awuthengiswa ngokungqalileyo kumcoli wombona (umzk. umbona uthengiswa lishishini lezolimo lisenzela umfama).

Ukuba umbona awuthengiswa ngqo emva kokusiwa (uyalondolozwa okwethutyana) kufuneka kananjalo kwenziwe amalungiselelo eendleko zolondolozo.



Ukubalwa kwexabiso lombona afikelela kulo umvelisi kwi-silo kunokushwankathelwa ngale ndlela:

 

Ixabiso leSafex lombona
 

 
- Umahluko ngokwendawo
 

 
- Iindleko zokuphatha umsebenzi
 

 
- Intlawulo yokuthengisa
 

 
- Iindleko zolondolozo
 

 
= Ixabiso lomvelisi kwi-silo
 

 


Kubalulekile ukuba umvelisi aqonde ukuba ixabiso afikelela kulo umvelisi lelona xabiso liphantsi anokulifumana ngombona wakhe kwi-silo ethile. Ngokuthetha-thethana ngqo nequmrhu lokucola, ishishini lezolimo okanye amanye amaqumrhu okurhweba ngezityalo eziziinkozo unokufumana ixabiso eliphucukileyo kunexabiso afikelela kulo umvelisi.



Kubaluleke ngenene ukuba umvelisi akhumbule ukuba ungumnini wesityalo esingumbona – kukuwe ukuthengisa kanti ukuba akulonwabelanga ixabiso, thetha-thethana ukuze ufumane ixabiso eliphucukileyo. Ixabiso leSafex lixabiso elilelona lincinci elingathelekisekiyo onokuzilungisela ukulamkela. 























