Safety										Xhosa



Ukhuseleko yinto yokuqala



Instructions: 

Folio strap: Ukhuseleko

Byline: Ulwazi lufunyanwa kwincwadi yoqeqesho yakwaGrain SA manual: Iitrektara nezixhobo zokusebenza efama

Insert: Qaphela



Njengabanini beetrektara nezixhobo zokusebenza, kufuneka siyazi inyaniso yokuba sinoxanduva lokubeka iliso nakubani osebenza ngezixhobo zethu. 



Siphantsi kwemithetho eyahlukahlukileyo ephathelene nokukhanyisa, impilontle yangasese, ukufumana impepho, impahla yokhuselo, ukucocwa koomatshini ngokunjalo nokukhokela abo basebenza ngezixhobo eziyingozi. Iimeko ezingenalukhuselo zikholisa ukubandakanya:

Isantya esiphezulu kakhulu.

Ukunqongophala kokusetyenziswa kwezixhobo zokhuselo.

Ukulungalungisa oomatshini abashenxisekayo.

Unqongophalo lwamakhaka okuzikhusela.



Imithetho yokhuseleko

Nasi isishwankathelo semithetho yokhuseleko yokusebenzisa izixhobo zeshishini:

Sebenzisa isixhobo esilungileyo: Musa ukunyanzelisa izixhobo ezincinci ukwenza umsebenzi ofanele ukwenziwa sisixhobo somsebenzi omkhulu.

Gcina izixhobo ngenkathalo: Gcina izixhobo zitsolo okanye zilungalungiswe kakuhle kwaye uzicoce rhoqo. Qinisekisa ukuba imiqheba ibotshelelwe ngokhuseleko kakuhle.

Sebenzisa iindodo zokhuseleko nezinye izixhobo ezininzi. Ngokunjalo sebenzisa isigqumathelo sobuso okanye esothuli ukuba umsebenzi wokusika unothuli.

Gcina abagcini kwiindawo zabo kwaye bekwiindawo ezifanelekileyo zokusebenza.

Mababe kude abantwana: Zonke iindwendwe zeshishini mazigcinwe kude kwindawo yokusebenza.

Gcina indawo yokusebenza icocekile: Iindawo ezixineneyo nezitulo ezide zimema iingozi.

Londoloza izixhobo ezingasetyenziswayo: Xa zingasetyenziswa, mazilondolozwe izixhobo – zisuke endleleni. Zikhuphe embaneni izixhobo ezingasetyenziswayo.

Faka isinxibo esifanele umsebenzi: Impahla eyekeyeke isuka ibambeke kwiinxalenye ezishukumayo.

Wulawule umsebenzi: Sebenzisa iziqhoboshelo okanye izixhakamfuli ukubamba umsebenzi. Kukhuselekile oko kunokusebenzisa izandla zakho kanti oko kunika izandla zakho ixesha lokukhululeka ukuze zisebenzise isixhobo.

Musa ukunyanzelisa isixhobo: Siya kuwenza umsebenzi phucukileyo nangokukhuselekileyo kunokunyanzeliswa ngokwamendu esingayilelwanga wona.

Musa ukungcotsha: Gcina indawo efanelekileyo yokubeka iinyawo nokulungelelanisa umzimba ngawo onke amaxesha.

Zitsale kakuhle izixhobo – musa ukuzinyanzelisa. Ukuba kufuneka utyhilize ngamandla, sebenzisa umva womphakathi wesandla uze usigcine sivulekile isandla. Oku kuya kuthintela iindawo ezitsolo zeminwe.

Izixhobo ezineencam ezitsolo zibambele kude nomzimba wakho. Oku kuya kuthintela ukwenzakala okunokubakho xa sinokuphuncuka isixhobo.

Umbane oya kwizixhobo mawuhambe phantsi emhlabeni. Sebenzisa iplagi eneencam ezintathu okanye isinabisi sombane esinocingo oluqhtyoshelwe kwisiqwenga somhlaba esaziwayo.

Ukukhanya nempepho mazilunge kakuhle. Qiniseka ukuba iindawo zee-bench zinokukhanya okwaneleyo nokuba imisi ephuma kwiimibhobho yee-exhaust iphumela ngaphandle kwamagumbi okusebenzela.

Gcina inyanda yoncedo lokuqala esebenzisekayo. Ukwenzakala okungathi kuncinci makunyangwe kwangoko ukuze kungaqalisi usulelo kuko.





