xhosa.1559.yourstories_crime
Wabanjelwa ukudlwengula intombi yakhe eneenyanga ezintathu - kodwa kuba engafuni ukubizwa ngesidlwengu seentsana entolongweni, wafuna umntu angambulala ukuze avalelwe njengombulali
WAYEGCUMA ziintlungu, igazi limpompoza emzimbeni wakhe, kodwa uJudy wakwazi ukutsalela umnxeba umyeni wakhe, u-Allen. Waphaphatheka ukugoduka ngalo mini imbi kuMeyi ka-2001, wafika owakwake edunduluze ebaleni emzini wabo oseSouth Carolina e-US.
Wathi efika uJudy esibhedlela kwabe sele kukuncinci okungenziwa ngoogqirha ukusindisa loo mama wayenama-39 eminyaka. Waba ke uyasweleka ngenxa yenxeba lembumbulu.
U-Allen wachazel' amapolisa ukuba uJudy wamxelela ukuba udutyulwe ngumntu ogama "linguBarry", owayemlinde endlwini ukufika kwakhe esuka emsebenzini.
Ingaba ngokwenene wayitsho loo nto" Kunzima ukuqiniseka.
Kaloku xa kubulewe inkosikazi, umrhanelwa wokuqala isoloko ingumyeni. Ingaba u-Allen wambulala umkakhe"
Ngelixa ephika ukuba unento yokwenza nelo tyala, abaphandi balo babephicotha indawo yexhwayelo.
Kwakucacile ukuba umbulali wayengene kuwo onke amagumbi endlu yesi sibini. Watya ukutya, wahlamba eshawareni, wadlala imidlalo yeTV - wasebenzisa nesixhobo sokudlala sesondo.
Abaphandi bafumana nomyalezo ongaqhelekanga oshwatyanisiweyo. "Lo myalezo uya kowakwam, uMelanie Binney," wawuhambisa usitsho. "Bekungafanelanga kube nje, ndicela undixolele. Ndishiya yonke into endinayo kowakwam." Ityikitywe ngezantsi "Jonathan Binney".
U-Allen Southern wayesithi akazi mntu unjalo, kwaye ngokolwazi lwakhe nowakwakhe akamazi loo mntu.
Kodwa amapolisa ayecinga ukuba uyaxoka. Aze akrokra ngakumbi emva kokufumanisa ukuba umnxeba wasendlini ufakwe umatshini wokushicilela.
U-Allen wayeshicilela iincoko zowakwakhe emnxebeni kuba ecinga ukuba uyakrexeza.
Kanti izihlobo nabahlobo nabo babengqina ukuba umtshato wabo ubuneengxaki; kangangokuba babelala kumagumbi ohlukeneyo. Babesahleli kunye ngenxa yonyana wabo owayeneminyaka emihlanu.
Okunye, kwiintsuku ezimbini phambi kokuba abulawe uJudy, waxelela iwele lakhe uTrudy ukuba uya ngokumoyika umyeni wakhe. Esithi ukuba kuye kwenzeka into embi kuye, bazi ukuba ngu-Allen!
Ingaba u-Allen wagqiba ekubeni ambulale kuba engafuni ukubona owakwakhe neny' indoda, kwaye esazi nokuba inkundla iza kuthi nguJudy omakathathe umntwana xa beqhawula umtshato" Ingaba wambulala ukuze afumane unyana wakhe neemali zenkosikazi yakhe"
Amapolisa aqonda ukuba esi sisizathu esaneleyo esingayenza indoda ibulale umkayo.
Kodwa kukho laa leta. UMelanie Binney wafunwa wafunyanwa waze watsho ukuba umbhali waloo leta ngumyeni wakhe, uJonathan.
U-Allen wathi akamazi uJonathan, kodwa amapolisa ayekholelwa ekubeni uyithengile loo ndoda yayinama-26 eminyaka ukuba ibulale unkosikazi wakhe.
Kodwa abuzange bubekho ubungqina bokuba loo madoda ayazana.
Kwakhutshwa incwadi yokuba abanjwe njengomrhanelwa kwityala lokubulala uJonathan owayengaphandle ngebheyile kwityala lokudlwengula.
Wabanjwa ezimele emzini wakhe. Waxelela amapolisa ukuba ubezama ukuzibulala!
"Ufile, akunjalo"" ubuzile uJonathan ngexesha bembamba.
"Ubani"" labuza ipolisa.
"Ibhinqa endilidubulileyo," watsho uJonathan.
Izijunqu zecuba ezathathwa kwindawo yexhwayelo zavavanywa yaze iDNA eyafunyanwa kuzo yabonisa ukuba elo cuba lalitshaywa nguJonathan.
Umpu oyi-9mm owafunyanwa kufutshane nekhaya likaJonathan nendawo yexhwayelo wafunyaniswa njengesixhobo esasetyenziswayo ukubulala. Kwaye imbumbulu yaloo mpu yafunyanwa epokothweni kaJonathan.
Kodwa ubembulalelani uJudy" Kuyacaca ukuba wayengaqhekezi. Okanye bethandana - kubonakala ngathi bebengazani aba bantu de kwayimini yentlekele.
UJonathan watsalela umnxeba amapolisa esentolongweni. Wayefuna ukuvuma ityala.
"Sasicinga ukuba uza kusixelela ukuba uthengwe ngumyeni womfi," utsho uLieutenant Spike McCraw ongomnye wabaphandi belo tyala.
Endaweni yoko, uJonathan wabaxelela umnqa.
UJonathan Binney wavuma ukuba uyidlwengule intombi yakhe. Wayesazi ukuba uza kubanjwa, watsho. Ingxaki yakhe yayinye, kaloku abantu abadlwengula abantwana abathandwa ncam entolongweni. Babethwa rhoqo okanye badlwengulwe.
"Wayengafuni ukwaziwa ngaloo nto entolongweni kuba esithi akafuni kuzibona sele elibhinqa lamabanjwa. Wayefuna ukuvalelwa njengombulali," utsho uLieutenant McCraw.
UJonathan wakhetha indlu ayibone kuqala. Wangena ngefestile, waqhawula iintambo zomnxeba walinda, elungele ukubulala umntu wokuqala oza kungena.
Ngelishwa kwaba nguJudy.
Into yokuqala ayifumanayo xa efika endlwini ngo-3.30 emva kwemini evela emsebenzini imel' ukuba yaba yileta kaBinney. Wabe sele embona yena siqu. Uthe xa ezama ukubaleka, wamdubula kabini, wamchana kwakanye emazantsi esisu.
Kwakunzima kuJudy kodwa wakwazi ukufowunela umyeni wakhe u-Allen ngeselfowuni. Wacinga ukuba uthi "Barry" kanti uthi "Binney".
UJonathan Binney wafunyaniswa enetyala lokubulala uJudy Southern nelokudlwengula intombi yakhe. Wafumana ebekucela emapoliseni ngexa wayevuma izityholo - isigwebo sentambo. [x]
Umbhali: Marissa Charles/Splash News
AMABALI OLWAPHULO-MTHETHO
Sasi-cinga ukuba uza kusi-xelela ukuba umyeni womfi
umqe-shile ukuba ambu-lale
Wabulala umntu anga- maziyo ngaphandle kwesizathu
1. UJudy no-Allen Southern, bekunye nonyana wabo, uJoshua, owayeneminyaka emihlanu ngexesha lokubulawa kukanina.
2. Ekuqaleni babekholelwa ukuba u-Allen wathenga umntu oza kubulala umkakhe.
3. Ubuso besidlwengu seentsana nombulali: uJonathan Binney.
4. UJonathan kunye nowakwakhe, uMelanie. Kwakuyincwadi yokuzibulala eyayisiya kuye eyanika amapolisa umkhondo.
5."UBarry" okanye "uBinney"" Umbhalo kwincwadi eyafunyanwa kufutshane nomzimba kaJudy.
6. Isixhobo esasetyenziswa ukubulala safunyanwa kumasimi akufutshane apho phakathi kwendawo yexhwayelo nendlu kaJonathan Binney.
7. I-DNA eyafunyanwa kwizijunqu zecuba yabonisa ukuba bezitshaywa nguJonathan.
