Questions										Xhosa



Imibuzo ebuzwa ngabamameli berediyo Lesedi



Imiyalelo: 

Folio strap: Kuthethwa gabalala



Ngethuba losasazo lwasemoyeni lakutshanje kwirediyo Lesedi, uJohan Kriel, umququzeleli wophuhliso lwephondo eFree State, ucele abamameli ukuba bathumele kuye ii-sms zemibuzo abanqwenela ukuba iphendulwe. Nantsi ilandela eminye imibuzo: 



Ihektare enye inkulu kangakanani kwaye indawo ndiyiqwalasela njani? 



- Iqhelaniswe ukusuka Kwizifundo Zophuhliso Lwezakhono Zobuchule zakwaGrain SA nguJane McPherson



Kubalulekile ukwazi ubukhulu bentsimi etyaliweyo kuba izibalo nemilinganiso yamaqondo kuyimfuneko:

Isixa se-diesel, imbewu, isichumiso nemichiza ekufuneka isetyenziswe kwindawo leyo;

Iindleko ezibandakanyeka ekutyaleni indawo;

Amanani ezityalo ngehektare nganye;

Ixabiso leinshorensi yesityalo;

Iintlawulo ezihlawulwa kubabhambathiswa njl.njl. 

	

Khumbula ukuba indawo yehektare enye inje:

1 ha = 100 m X 100 m 

1 ha = 10 000 square meters (m2)

Ukuba usebenza endaweni ethile ukwenzela umfama, ekuqinisekileyo ukuba ufuna ukwazi ubukhulu bamasimi ngokwekektare, uya kwahlula ii-square meters ngo-1 000 ukufumana inani leehektare (shenxsa ikoma kwiindawo ezine ukuya ekhohlo). 

Umzekelo:

50 000 m2 = 5 ha

30 000 m2 = 3 ha 

160 000 m2 = 16 ha 



Kwezi ntsuku, kukho izixhobo zekhompyutha (GPS) ezikwaziyo ukubala indawo ncam yentsimi ngokusebenzisa izinxulumanisi ze-satellite, kodwa baninzi abantu abangenalo olu fikeleleko kwezobugcisa. Kukho imigaqo-siseko ekwisiseko senene sokuqikelela indawo enokusetyenziswa njengentsimi yokufama. 



Indawo esisikweri ibalwa kanje: 

Indawo (Area) = Ubude (Length) X Ububanzi (Breadth) (A = L X B) 

Masithathe ukuba ubude becala elinye yi-2 m. 

Indawo = 2 m x 2 m 









 A = 4 m2



Indawo yoxande ibalwa kanje: 

Indawo (Area) = Ubude (Length) X Ububanzi (Breadth) (A = L X B) 

Masithathe ukuba ubude bexande yi-4 m ukuze ububanzi bexande bube yi-2 m.

A = L X B 

A = 4 m X 2 m 



					 A = 8 m2



		Thwe 	

 Indawo kanxantathu ibalwa kanje:







A = ½ Isiseko (Base) X Ubude (Height) (½ B X H)

Masithathe ukuba isiseko sikanxantathu yi-2 m ukuze ukuphakama kube yi-3 m

A = (½ X 2 m) X 3 m

A = 1 m X 3 m



A = 3 m2





Ukuba akuqinisekanga ngobukhulu bentsimi yakho kwaye akukwazi kufumana mntu unokukulinganisela yona, zama ukuyilinganisa ngokwakho. Unako ukulinganisa ububanzi bevili lakho (imoto, iveni, itrektara okanye ibhayisikile, phawula indawo ethile evilini ngepeyinti okanye ngetshokhwe uze ubale inani lamaxesha okujikeleza kwevili xa uhamba ecaleni kwentsimi. Ukuba uphindaphinda inani lamaxesha okujika kwevili l nobubanzi bevili, uya kubazi ubude belo cala lentsimi. Phindaphinda lo msebenzi ngawo onke amacala entsimi uze uzobe intsimi ephepheni. Wakuba ufumanise ubume bentsimi nobude bamacala, uya kukwazi ukusebenzisa ii-formula zokubala ezingentla ukubala indawo.



Yintoni isakhono sokuqulatha kwaye zingaphi iihektare zedlelo ekufuneka ndizigcinele inkomo enye?



- Icebiso Lobuchule Bophuhliso Emaphandleni inqaku 33

 

Zininzi iintlobo ezahluka-hlukileyo zemfuyo egcinwa ngabantu edlelweni okanye kwiindawo zokutyisa ezifama – iinkomo zobisi, iinkomo zenyama, amahashe, iigusha, iibhokhwe njl.njl. Izilwanyana zitya isixa esithile sesondlo yonke imihla (kuxhomekeke kubukhulu nakuhlobo lwesilwanyana) Ukuze ukwazi ukubala inani lezilwanyana ezinokugcinwa entsimini, isakhono sokuqulatha sendawo nganye sibalwe ngokwenzululwazi – oku kukuthetha gabalala kuba ixhomekeke kwimeko yedlelo. Ukuba imeko yedlelo ayincomeki, ngoko ke kuza kufuneka ube nentsimi ethe chatha ngesilwanyanga ngasinye kanti ukuba imeko yedlelo ilungile, uya kukwazi ukugcina izilwanyana ezithe chatha kuloo ntsimi. Nangona kunjalo, izibalo zikunceda ekubaleni inani leehektare eliqhelekileyo elifuneka ukugcina isilwanyana ngasinye. Umzekelo, kwiindawo ezinkulu zeFree State, isiqhelo ziihektare ezi-6 Ngomlinganiselo Omkhulu Womhlambi ngamnye (Large Stock Unit – LSU). 



Ukuze ubale inani lezilwanyana, kubalulekile ukubalula isilwanyana ngasinye njenge-LSU. I-LSU enye ilingana nenkomo enye enkulu neseyikhulile (ekwiminyaka engaphezulu kwemibini). Khumbula ukuba ngokuya siba sikhulu isilwanyana, kokukhona sifuna ukutya okuthe chatha ngemini ukuze sisinde. Omnye umbandela ofanele ukuqwalaselwa kukuba xa isilwanyana sisebenza (sinika ubisi okanye sitsala ikhuba njl.njl.) siya kufuna isondlo esithe chatha. 



Imfuyo
 
Imfuyo elingana ne-LSU
 

 
Iinkomo ezindala kuneminyaka emibini ubudala
 
1,0
 

 
Iinkomo ezineenyanga ezintandathu – ukuya kwiminyaka emibini
 
0,6
 

 
Iigusha neebhokhwe
 
0,15
 

 
Amahashe
 
1,0
 

 


Izintlu zobunzima bemizimba yezilwanyana

Zonke iinkomo azilingani ngobukhulu – kukho ezincinci, eziphakathi nezikhulu. Okuqhelekileyo kukuba ngokuya siba sikhulu isilwanyana, sitya ngokuthe chatha. Imfuyo inokuhlelwa ngokobunzima bayo:



Isilwanyana
 
Ubunzima ekuphileni (kg)
 

 

 
Sincinci
 
Siphakathi
 
Sikhulu
 

 
Iigusha (ovine)
 
≤50
 
50 - 70
 
≥70
 

 
Iinkomo (bovine)
 
≤500
 
500 - 700
 
≥700
 

 
Amahashe (equine)
 
≤300
 
300 - 600
 
≥600
 

 


Amaxabiso omlinganiselo wemfuyo wokutyisa imfuyo eyahlukahlukileyo ngokobunzima bomzimba



Isilwanyana
 
Ubunzima ekuphileni (kg)
 

 

 
Encinci
 
Ephakathi
 
Enkulu
 

 
Imazi yegusha (kubandakanywa igusha esezinyaweni)
 
0,08
 
0,1
 
0,15
 

 
Iimazi zegusha ezomileyo nabalaneli
 
0,06
 
0,08
 
0,1
 

 
Iinkomo zobisi
 
0,8
 
1,0
 
1,1
 

 
Iinkomo ezanyisayo kubandakanywa netakane elisezinyaweni
 
0,7
 
0,9
 
1,1
 

 
Ezinye iinkomo ezingaphezu kweenyanga ezingama-24
 
0,6
 
0,7
 
1,0
 

 
Iinkomo ezingasanyiyo ezingaphantsi kweenyanga ezingama-24 
 
0,5
 
0,6
 
0,7
 

 
Amahashe
 
0,8
 
1,0
 
1,2
 

 


Kubaluleke kakhulu ukusebenzisa intsimi ngendlela enolondolozo kwaye makungagqithiswa kwisakhono sokuqulatha sentsimi– ukuba akuqinisekanga ngesakhono esithe ncam sokuqulatha kwentsimi yakho, zidibanise neofisi eyiyeyona ikufutshane yeSebe leZolimo kwaye kufuneka bakwazi ukukunika ingcombolo ngendawo yakho. 



Kufuneka ndibe nantoni ukuze ndibe lilungu lakwaGrain South Africa?



- NguJane McPherson, umphathi wenkqubo yakwaGrain SA yeNkqubo yoPhuhliso lwamaFama



Nawuphi umntu ongumfama/umvelisi wezityalo eziziinkozo unako ukuba lilungu lakwaGrain South Africa. Kukho iintlobo ezahlukahlukeneyo zokuba lilungu lalo mbutho, kodwa ezona ntlobo zixhaphake kakhulu ngamalungu orhwebo nawamaqela ofundo-nzulu. Intlawulo ehlawulwa ngumntu ofuna ukuba lilungu lokurhweba elipheleleyo yi-R2.00 ngetoni nganye yezityalo eziziinkozo ezithuthwa, ngentlawulo eyiyeyona incinci yeR570 (kubandakanywa nerhafu yentengo). 



Kukho ukuba lilungu leqela lofundonzulu olubiza iR10 ngelungu ngalinye leqela lofundo-nzulu ngonyaka. Ukuba kukho abantu abafuna ukwenza iqela lofundo-nzulu baze babe ngamalungu eGrain South Africa, ncedani nizidibanise nomququzeleli wephondo ongoyena ukufutshane ogama neenkcukacha zoqhagamshelwano ezivela ngasemva kwikhasi lePula Imvula. Injongo yamaqela ofundo-nzulu kukubamba iintlanganiso rhoqo apho yonke imiba yemveliso yezityalo eziziinkozo ixoxwa khona –ukuba lilungu leqela lofundo-nzulu kukwathetha ukukwazi ukufumana ufikelelo kwiinkqubo zezifundo zoqeqesho ezinikwa yiGrain South Africa ebudeni bonke bonyaka. 

