Pula 										IsiXhosa

		

Ukuqhagamshelana ngokusebenzisa iPula/Imvula



Imiyalelo: 

Folio strap: Inkqubo yophuhliso lwamafama

Byline: NguJane McPherson, umphathi wenkqubo yaseGrain SA yeNkqubo yoPhuhliso lwamaFama



INkqubo yoPhuhliso lwamaFama iqhagamshelana ngamanqaku anomdla nomlimi ngokusebenzisa ileta yeendaba zenyanga nganye i-Pula/Imvula.



Ngenyanga nganye kunikelwa ngeekopi ezingamawaka ali-18 000 ze-Pula/Imvula ngeelwimi ezisixhenxe – isiNgesi, isiBhulu, isiSuthu, iSetswana, iSesotho sa Leboa, IsiZulu nesiXhosa. Qho ngenyanga iPula/Imvula inamaphepha asibhozo anikwa inkxaso yiMaize Trust. I-Winter Cereals Trust yona inamaphepha amane awongezelelweyo apapashwa ngeSesotho ngoMatshi, ngoJuni, ngoSeptemba nangoDisemba. I-OPOT ke yona inamaphepha amane awongezelelweyo apapashwa ngazo zonke iilwimi (ngaphandle kwesiXhosa) ngoJanyuwari, ngoEpreli, ngoJulayi nango-Oktobha. 



Senza onke amalinge okubandakanya amanqaku atsala umdla womlimi ngenyanga ethile. La manqaku onke aphathelele kwimiba yomhlaba, umsebenzi wokufama, imisebenzi yemveliso, ukuthengisa, ukusetyenziswa koomatshini kunye nolawulo. 



Kwakhona masibulele abaxhasi bale nkqubo ngethuba abasinika lona lokufaka igalelo kuphuhliso lwezolimo nenguqu kwicandelo lezolimo.

