Producer (Maize)									IsiXhosa



Dibana nabatyunjwa boMlimi Osaphuhlayo Wezityalo Eziziinkozo wama-2010 

Imiyalelo: 

Folio strap: Umlimi wonyaka wezityalo eziziinkozo

Byline: NguJane McPherson, umphathi wenkqubo yaseGrain SA weNkqubo yoPhuhliso lwabaLimi

Photos: 



Abatyunjwa ngokunjalo nabaphumelele ugqatso lomLimi Osaphuhlayo Wezityalo Eziziinkozo wonyaka wama-2010 babhengeziwe kwaye ogqwesileyo uya kubhengezwa kwitheko lodumo eliza kuququzelelwa yiGrain SA ngomhla wesi-8 Oktobha 2010. Bemi ngendlela elandelayo:

David Maleleka – Kestell, kwiPhondo laseFree State.

Thabo Macholo – Kestell, kwiPhondo laseFree State.

Daniel Mocwiri – Mareetsane, kwiPhondo laseMntla-Ntshona. 

Frans Gaoganediwe – Ventersdorp, kwiPhondo laseMntla-Ntshona.

Klerk Melken – Mofufutso, kwiPhondo laseMntla-Ntshona.

William Matasane – Senekal, kwiPhondo laseFree State.



UDavid Maleleka 

UDavid Maleleka wazalwa ngowe-1954 efama kwisithili saseKroonstad. Wakhulela efama waza waya esikolweni sendawo leyo sasefama wada wafikelela kwibanga lesi-3 (ibanga 5 ngokwamabanga anamhla). Ukususela kwiminyaka eli-14 ubudala usebenze efama kaMnu AJ Jonker, apho luphuhle khona uthando lwakhe lomsebenzi wokufama. UDavid utshate noEvelena oyinkosikazi engummangaliso – uqhuba iitrektara entsimini! 



Emva kweminyaka ethile waya eWitsieshoek apho ahleli khona esenza umsebenzi wobhambathiso emigodini ekwindawo yaseGoldfields. Ngowe-1991 uDavid weva ukuba uRhulumente wenza isibhengezo sokumema abantu abanomdla wokuthenga iifama kwisithili saseKestell. Ngowe-1992 waqesha ifama apho enza umsebenzi wokufama khona kwithuba langoku. Emva koko wakwazi ukuyithenga le fama ngemali-mboleko yaseLand Bank. Ifama kaDavid ingama-272 eehektare kanti umhlaba olimekayo kuyo ngama-252 eehektare. 



Kwiminyaka emininzi uDavid ebeyiqeshisa le fama njengoko ebengakwazi ukude abe nemali eyaneleyo yokuwenza ngokwakhe umsebenzi wokufama. UDavid uphinde waqalisa ukwenza umsebenzi wasefama ngowama-2008. Ngowama-2009 ukwazile ukuvelisa isityalo esilungileyo sengqolowa kumhlaba weehektare ezili-106 waza walima iihektare ezingama-88 zombona neehektare ezingama-28 zeembotyi ezomileyo. Iimbotyi ezomileyo zinika iqela labafazi abavela eQwaQwa impangelo. UDavid uthi umsebenzi wakhe wokufama uwukhulisa njenge” “trapsix” (ulovane). 



UThabo Macholo 

UThabo wazalwa ngowe-1982 waza waqala esikolweni eLaerskool Tweeling. Ngowe-1989 utata wakhe uthenge ifama apho benza khona umsebenzi wokufama kwithuba langoku. Uthando lwakhe lomsebenzi wokufama lwaqala esemncinci. Uphumelele ibanga lakhe lematriki Esikolweni Semfundo Ephakamileyo sasePaul Erasmus ngowama-2003 waza wenza isigqibo sokuncedisa utata wakhe efama. Esikolweni ubethatha inxaxheba kwimidlalo yezeembaleki kanti ebekwadlalela iphondo lakhe iBhola yomBhoxo, ebandakanywa kumaqela adlalayo aseMzantsi Afrika angaphantsi kweminyaka eli-17, 19 nama-21 ubudala.

 

UThabo uthanda umsebenzi wokufama kwaye ufuna ukuba yimpumelelo kwifama eyiyeyakhe. Ngowama-2009, edibene notata wakhe, balime ama-25 eehektare zengqolowa, ama-99 eehektare zombona nama-33 eehektare zeembotyi ezomileyo. UThabo uyakhula njengomlimi kwaye ufuna ukufunda banzi. Ubekhona kwizifundo eziliqela, ulilungu leqela lofundo-nzulu laseMaluti kwaye uyabamamela abalimi abadala abamabela ngolwazi namava abo. 

 

UThabo uzimisele ngolawulo lwemali nangokwenziwa kwezicwangciso kwaye unothakazelelo ngethuba elinokuvela lokulima iimbotyi ezomileyo ngakumbi njengoko zingenisa imali ethe chatha kunezityalo eziziinkozo. Njengabo bonke abanye abalimi, unethemba lokuba ixabiso lezityalo eziziinkozo liya kwanda ukuze kube yinto enokwenzeka ukufumana inzuzo nokuthi umntu aphinde enze utyalo-mali emsebenzini wokufama. 



UThabo ufuna ukuba ngumlimi omkhulu orhwebayo ngenye imini; unqwenela ukusebenza nabalimi abarhwebayo ukuze azuze amava athe chatha.

 

UDaniel Mocwiri

UKokamo Daniel Mocwiri wazalwa ngowe-1949 kwiLali yaseSiberia eMntla-Ntshona (kwisithili saseMareetsane). Ungoyena mncinci kusapho lwakhe nenkwenkwe eyiyo kuphela phakathi kwabantwana abalithoba. Uqale isikolo eSiberia, waza waya eMareetsane kodwa uphumelele ibanga le-12 Esikolweni Semfundo Ephakamileyo sase-Itlotleng. Emva koko uqhube ngezifundo zakhe kwiZiko loQeqesho laseBatswana. Kwakhona wenze izifundo zasekhaya neDamelin kunye neYunivesithi yaseVista ukuze afumane iDiploma yezokufundisa. Imfundo yesidanga uyifumene kwiYunivesithi yasePotchefstroom waza waqalisa ukusebenza njengotitshala Esikolweni Samabanga Aphantsi ngowe-1975 waqhuba ngokufundisa apho kwada kwangowama-2008. Utshate noEvelyn kwaye basikelelwe ngabantwana abathandathu, amakhwenkwe amabini namantombazana amane. 



Njengoko ibinguye yedwa unyana, uyise wamfundisa ukuba zininzi iindlela zokuziphilisa. Uqalise ngokufunda ukulima ngesipani seenkabi eseyinkwenkwana elula esesesikolweni kanti oku kube sisiqalo sothando lokulima lobomi bonke. Ngowe-1975 wakha ivenkile elalini notata wakhe waza ngowe-1977 wathenga itrektara yakhe yokuqala. Utata wakhe usweleke ngowe-1988 waza kuba wayefundisa, wayiqeshisa intsimi yakhe kwiprojekthi yokufama yaseMareetsane kwada kwangowe-1993. Ngowe-1994 uqalise ukuzenzela umsebenzi wokufama ngokwakhe esebenzisa itrektara yakhe kwintsimi yeehektare ezingama-75.



UDaniel uqhube ngokufundisa waza ethubeni, akuba ewukhulisile umsebenzi wakhe wokufama, wacela ilungu losapho ukuba limncedise efama. Isikolo awayefundisa kuso sikwaselalini ngoko ke ebekwazi ukufama ukuphuma kwesikolo nangamathuba eeholide zesikolo. Namhla, uDaniel ufama emhlabeni odityanelweyo oziihektare ezingama-200. Kulo nyaka ulime iihektare ezili-100 zombona nezinye iihektare ezili-100 zikajongilanga. 



Ngowama-2008 uDaniel wabumba iqela lofundo-nzulu laseSiberia waza wakhethwa njengoSihlalo. Ube ngomnye wabalimi asebekwibanga eliphambili kwiNkqubo yaseGrain SA yoPhuhliso lwamaFama ngowama-2009. UDaniel uyaliqonda ixabiso lothungelwano lwenkxaso kwaye uthetha kakuhle ngenkxaso ayifumana kuMnu James van der Linde waseTechnichem omnika inkxaso yemichiza nembewu, ngokunjalo noMnu James Moeng onika inkxaso yesichumiso. UDaniel ufumene inkxaso-mali yemveliso yakhe yezityalo eziziinkozo iminyaka emininzi eLand Bank.



UFrans Gaoganediwe – okwabagqwesileyo

UFrans Gaoganediwe wazalelwa eSterkstroom ngowe-1957; ungoyena mdala kubantwana abalishumi. UFrans ufunde Esikolweni Samabanga Aphantsi seseMesweng apho aphumelele khona iBanga lesi-7. Inkosikazi yakhe, uPhina, nayo yazalelwa kwisithili saseSterkstroom yaza yaphumelela iBanga lesi-7 layo Esikolweni Samabanga Aphantsi saseRabana. Kwithuba langoku uyinkosikazi ehleli ekhaya nencedisa ngomsebenzi wokufama ngokubasela.



Emva kokushiya isikolo, ukususela ngowe-1985 ukuya kowe-1989, usebenzele i-Senwes, efama kwisithili saseSterkstroom. Ngeli xesha ebelimela iimvavanyo zemiboniso. Oku kunike amava okufunda angummangaliso malunga nokulinywa kombona nangezenzo ezilungileyo zokufama. Ukususela ngowe-1990-1993 usebenze eSenwes eSterkstroom. UFrans uthunyelwe kwicandelo leenkomo neegusha apho ebezigonya ngesitofu se-A.I. + nemithamo yezilwanyana. Kulapha apho athe waphuhla uthando lweenkomo ze-Bonsmaras. Ngowama-2000 uthunyelwe kwicandelo lwezityo zobisi, emva kokuthengiswa kwee-Bonsmaras, apho aqhube khona nge-A.I. kumhlambi we-Friesland, ngokunjalo ebephethe iinkqubo zokunikwa kwezondlo nezokugonya. Emva kokuba i-Senwes ithengise ifama, uqhube ngokusebenzela i-Senwes ngokulimela iimvavanyo. Ngowama-2002, uFrans wathunyelwa eSterkstroom kwi-Ofisi eyiNtloko ye-Senwes eKlerksdorp apho abe ngumqhubi khona.





Ngowama-2002 uqalise ngomsebenzi wasefama emhlabeni owawukhona. Ngowama-2001 ufake isicelo semali-mboleko eLand Bank awayifumana ngowama-2002. Uye wathenga isitshixo sefama nako konke okufunekayo ngokupheleleyo oko bekubandakanya itrektara ezimbini, amakhuba amabini, ezinye izixhobo ezimbalwa kunye nezindlu zeenkuku (ezigcina iinkuku ezingama-56, 000). Izindlu zeenkuku kwithuba langoku zinika iimveliso egqibeleleyo kwimijikelo esixhenxe enesiqingatha ngonyaka ngamnye. UFrans unobhambathiso olusisigxina nabakwaRainbow Chickens. 



Kwiminyaka esibhozo edlulileyo wakhe umhlambi wakhe weenkomo wada wafikelela kwiinkomo ezingama-38, umhlambi weegusha wona wande wada waba ziigusha ezingama-63, uthenge enye itrektara, iveni ye-Toyota Hilux, ilinye lokusila lehamile waza waphucula izindlu zeenkuku ngokufakela iisilingi, imilomo yamanzi nemijelo yokunika isondlo. Kwakhona uphucule izibiyeli. Kwithuba langoku kwakhiwa iishawa zabasebenzi.



UFrans unqwenela ukukhulisa ishishini lakhe ngokuthenga enye ifama. Ufuna ukuba ngumlimi orhweba ngokupheleleyo. Oku kungenzeka kuphela xa esebenza nzima, esiya kumathuba ezifundo kwaye enika uqeqesho kubasebenzi bakhe. UFrans ubona ukuba uRhulumente ufanele ukuqwalasela zonke iiprojekthi zabo, akhuthaze abalimi ukuzikhulisa asuse abantu kwiiprojekthi ezisileleyo. UFrans uthi ufumana inkxaso egqibeleleyo kubalimi abarhwebayo bendawo ahlala kuyo baseVentersdorp. 



UKlerk Melken – okwabagqwesileyo

UKlerk Melken wazalwa ngowe-1970 kwiLali yaseMofufutso eMntla-Ntshona. Ungowesibini kubantwana abalishumi bakaJohn noDora Melken, abasaqhuba ngomsebenzi wokufama kwalapho. Waqalisa ngesikolo eMofufutso, waya Esikolweni Semfundo Ephakathi saseKhunwana waza waya esiKolweni Semfundo Ephakamileyo saseAtamelanga apho aphumelele khona iBanga le-11. Ngowe-1992 uqalise ukusebenza njengomsebenzi wasefama, waqhuba ngawo kwada kwaba ngowama-2000. UKlerk utshate noJoyce ngowama-2002 kwaye basikelelwe ngabantwana abathathu, intombi eenye namakhwenkwe amabini. 



UKlerk uqalise umsebenzi wasefama eselula kakhulu ngeehektare ezingama-50 kuphela, ngelo thuba ukwazile ukufumana imali-mboleko yakhe yokuqala yemveliso e-NWK ngowama-2001. Esaqala uFebruwari wama-2003 uthenge ithole elinye. Ngoku uneenkomo ezili-16. Ngowama-2008 uthenge igusha enye ngoku uneegusha ezngama-20 neebhokhwe ezili-10. Kwakhona uneenkuku ezingama-80. 



UKlerk wangenela iqela lofundo-nzulo laseMofufutso ngowama-2000 kwangelo xesha lokusebenza kwakhe njengomsebenzi wasefama. NgoNovemba 2008 wanyulwa njengoSihlalo weli qela lofundo-nzulu. Uye kuninzi lwezifundo zoqeqesho zaseGrain SA, ezibandakanya: Intshayelelo Yezifundo ngoMbona, Intshayelelo yeZifundo ngoJongilanga, Izifundo ngaBabhambathiswa, Izifundo ngoLondolozo, Izifundo Ezisisiseko ngokuKhandwa kweNjini, Intshayelelo Yezifundo Zamazimba, Izifundo Esezikwibanga Eliphambili ngoMbona zamaFama Aselekwibanga Eliphambili, Izifundo Zolawulo Lweshishini Lezolimo kunye Nezifundo Zolawulo Lwezicwangciso zeFama.



Kwithuba langoku uqhuba umsebenzi wokufama kwiihektare ezili-150 zomhlaba oqeshiweyo odityanelweyo onobunzulu bama-80 cm. Ulime iihektare ezingama-60 zikajongilanga, iihektare ezingama-42 zombona otyheli neehektare ezingama-48 zombona omhlophe. Umsebenzi wokufama kwindawo eyomileyo yelizwe, uKlerk ukuqonda kakhulu ukubaluleka kokulondolozwa kokufuma komhlaba. UKlerk uphupha ngokuba nefama eyiyeyakhe (kwaye abe nesiqinisekiso sethayitile). Uthi ufuna ukukhulisa umsebenzi wakhe wokufama ade abe neehektare ezili-1 000 ezizezakhe kwindawo apho imihlaba inzulu khona kwaye neemvula zixhaphake! UKlerk ufumana inkxaso kuMnu du Toit waseTechnichem kwaye ukholelwa ekubeni phakathi kwabantu abamkhuthazayo nabanolwazi olubanzi. 



UKlerk uthi uyazithanda ezolimo kuba uyindoda ekwaziyo ukuziqhuba nethanda ukuziphuhlisa nokwenza izinto ngendlela efanelekileyo. 



UWilliam Matasane – okwabagqwesileyo

UWilliam wazalelwa kwiSithili saseWinburg apho wayehamba esikolweni sasefama. Emva koko uye Esikolweni Semfundo Ephakamileyo saseWinburg. Uqale ukusebenza e-Allemanskraal (eyaziwa kakhulu njengeAventura Resort Aldam). Uqalise ngokusebenza njengeweyita, waza waba ngumpheki oyintloko kanti ekugqibeleni uye waba ngumphathi werestyu, kwada kwaba ngowama-2004. Lo gama esebenza e-Aldam uye wazibandakanya kwilinge lomsebenzi wokufama namahlakani amathathu. Ngowama-2004 uthenge ifama yase-Verblyden, apho ahlala khona nenkosikazi yakhe nabantwana. Benza umsebenzi wokufama ngokwabo ngaphandle kwawo nawaphi amahlakani. Apha bakhupha imveliso kajongilanga nombona ngempumelelo. (UWilliam uthi watshisa iminwe yakhe ngengqolowa kwiminyaka emibini edlulileyo kwaye akanqweneli kuzama kwakhona – ngakumbi ngamaxabiso angoku).

 

UWilliam uthi ufuna ukunika abantwana bakhe amathuba angazange wawafumana yena. Intombi yakhe enkulu ifunda unyaka wayo wesine we-B.Com, kanti eyesibini yenza unyaka wayo wesithathu wobuNjineli kwezoMbane, ize eyokugqibela yenze unyaka wayo wesibini eSecretarial College, kanti yena “uJohannes, die boer” usesikolweni saseSenekal, apho akwiBanga lesi-4 khona. 

 

UWilliam ngumlimi onempumelelo kwaye kwithuba langoku wenza umsebenzi wokufama kwiihektare ezingama-900. Ifama yakhe ithathe iihektare ezingama-400 aze aqeshe omnye umhlaba olimekayo wokongeza eVentersburg (kwabanye abalimi abamnyama abangawusebenzisiyo umhlaba wabo) kunye nomhlaba olidlelo ofumaneka kuMasipala waseWinburg. UWilliam ufuna ukuthenga omnye umhlaba ngaphezulu kwisithili saseSenekal kodwa ukhalaza ngokuba uRhulumente ufuna ukunceda abo “Wat geld sluk en nie hulle wat iets regkry nie ”. 

 

UWilliam usebenzisa intlanganisela yenkxaso-mali ukuze abe nemali yezityalo zakhe – imali yakhe kunye neemali-mboleko zemveliso ezivela e-VKB naseLand Bank. Kulo nyaka, isityalo sakhe sikajongilanga sikwazile ukuhlawula isixa esipheleleyo seemali-mboleko ukuze iinzuzo ezifumaneke emboneni zibe yimali yepokotho yakhe, Ulime iihektare ezili-110 zombona neehektare ezili-145 zikajongilanga eSenekal, ngokunjalo neehektare ezingama-60 zombona kunye neehektare ezingama-75 zikajongilanga eVentersburg. Unomhlambi weenkomo zenyama ezingama-90 kunye nabalandeli kwaye uneqhayiya ngesantya sakhe sama-91% sokufumana amathole – akukho bahambi abangenzi nto efama. Ukwaqhuba iigusha ezingama-30 kodwa uthi akanakuwandisa umhlambi weegusha njengoko ifama yakhe ikufutshane kakhulu kwilokishi yaseMatwabeng eSenekal.



UWilliam uxhalabile ngexabiso lezityalo eziziinkozo. Izenzo zokusebenzisa imali ngendlela efanelekileyo zibalulekile kwishishini lakhe kwaye wenza utyalo-mali apho alindele iimbuyekezo khona. Uthi akanakukuthethelela ukuthenga izixhobo ezitsha zokusebenza ezihlala eshedini kubukhulu bobude bonyaka. Ingqalelo yobucukubhede nolondolozo loomatshini ibaluleke kangangoko – yonke into inendawo yayo kwaye igcinwa ngenkathalo. 



UWilliam ngumntu oneengcinga ezingenaluxhomekeko kodwa uyixabisile inkxaso ayinikwa nguJohan Kriel yaseGrain SA, ngokunjalo nenkxaso eqhubayo evela kubalimi bendawo yakhe abarhwebayo ngakumbi uMnuPhioip Basson, oluncedo olukhulu kuye. 

















