XHOSA.1542.muthi
kubhale uFORCE KHASHANE
NGABA ukungawazi umnombo wakho kungakhokelela ekubeni uvalelwe entolongweni" "Andizazi izinyanya zam," kubhale indoda etsal' isigwebo seminyaka eli-15.
"Ndinama-33 eminyaka ngoku kwaye ndifun' ukuthi xa ndiphuma apha ndizazi ukuba ndingubani na kuba ndinoloyiko ndingaphuma sele engasaphili utata ndize ndingayifumani inyaniso ngomntu endinguye.
"Nguwe ongandinceda kule ntsinda-badala."
Ndiye ndaxakeka ukuba ngaba yintoni le ibhida le ndoda... Ngaba ibhidwe kukungazazi kunesenzo esiyiphose entolongweni"
Ndiye ndafika kwisivakalisi esithi: "Andisazi nesiduko sam."
Nantso ke into ebendiyifuna khon' ukuze ndikwazi ukujongana nale ngxaki yale ndoda.
Xa eli gama lesiduko lisetyenziswe ngolu hlobo lithetha isithakazelo.
Bangaphi abantu abajongene nobunzima obunje" Kuthiwani ke ngaba abanye abangakhathalelanga kuwazi umnombo wabo"
Kwenzeka ntoni ebantwaneni abaziswa emhlabeni bangaxelelwa ngamasiko nezithethe zabo" Ngaba baza kuba neengxaki ezifana nezeli banjwa"
Ayindanelisanga inkcazelo yokokuba unobangela wokubanjwa kwakhe kukungazazi izinyanya zakhe.
Thina magqirha siyaqinisekis' ukuba sihlala sinonxibelelwano nezinyanya zethu.
Ukwazi isiduko sakho kukwenza uzazi izinyanya zakho, uwazi umnombo wakho, imvelaphi yemilowo yakho kwaneenkosi zendawo eyayihlala kuyo.
Inkqubela nokuzinza kosapho kuvela kwizinto ezilolu hlobo.
Umzekelo ukuthwasa kugqithiselwa kwizizukulwana ngezizukulwana. Ngokunjalo nobufama, ukwakha, ukuba nemfuyo nezinye izinto.
Iintsapho ziyakwazi ukwenza amasiko athile ukucenga izinyanya ukuba zibuyise iintsikelelo zazo.
Xa ndifunda ileta yeli banjwa kuyacaca ukuba usapho lwalo aluzange lumenzele isiko: "Xa ndisithi azange ndaziswe kwizinyanya zam ndizama ukucacisa ukuba azange ndixhelelwe nto kuthiwe ndenzelwa imbeleko."
Xa kuthethwa ngembeleko kuthethwa ngofele lwempahla exhelelwa umntwana aze abelekwe ngalo ngunina.
Mandulo kwakuthi xa kuzelwe umntwana ekhaya aziswe kwizinyanya zakhe ngokuthi axhelelwe ibhokhwe.
Kule mihla bambalwa kakhulu abantu abanolwazi nobuchule bokushuka ufele lwebhokhwe ukuze lube yimbeleko elungele ukubelek' usana.
Imbeleko yinxalenye yokwanda kosapho. Xa umtshakazi engafumani bantwana kwakuye kucebise igqirha okanye umntu omdala wosapho ukuba kuxhelwe ibhokhwe kwenzelwe umtshakazi imbeleko.
Kweziny' iilali imbeleko yayiqatywa ibomvu ukuze ufele lwebhokhwe lungomi.
Ibomvu lithatyatywa njengesiqholo esiphelis' ivumba esithandwayo nazizinyanya kwaye namathwasa ayayithambisa emzimbeni nasezinweleni - kwaye lilo eligcina unxibelelwano phakathi kwamathwasa nezinyanya!
Umntwana obelekwe ngembeleko eqatywe ibomvu ufumana iintsikelelo kwizinyanya zakhe.
Ngelishwa ke andiqondi ukuba amanenekazi ale mihla anxiba ezona zakha zachopha izihlangu, alandela ifashoni naziphangelelayo angamelana nembeleko!
Ndiqinisekile ukuba uyazibuza ukuba into yokubeleka usana eyenziwe ngofele lwebhokhwe idibanaphi nokunceda umntu othothoza entolongweni"
Into ekufanele ayenze kuqala kukuba azame ukudibanisa umnombo wakhe. Kubalulekile kwakhona nokuba aqiniseke ukuba uyanxibelelana rhoqo nosapho lwakhe.
Ngokwenjenjalo ke angafumanisa ukuba ngaba zizinto ezifana nokungenzelwa kwakhe imbeleko na ezimkhokelele kwiimeko ezilolu hlobo ebomini. Ngaloo ndlela uza kuziqonda kakuhle izinto ezimkhokelele ekubeni enze athathe ezi zigqibo azithathileyo ebomini. [x]
30 BONA XHOSA - June 2006
Sithetha ngamayeza esintu
Wazi umnombo wakho!
Bhalela uForce ngemibuzo yakho ngamayeza esintu kule dilesi:
Talking Muthi, Box 473014, Parklands, 2121 okanye uthumele i-e-mail ku-forcek@caxton.co.za
