Pro-activity 									Xhosa



Iimpawu zomfama olungileyo



Imiyalelo: 

Folio strap: Ulawulo 

Byline: NguPhonnie du Toit, ARC-GCI

Exploding quote: Evuka mva ikholwa zizagweba.



Amafama akholisa ukuphoswa ngamathuba amahle okunciphisa iindleko okanye okubamba ithuba lokwenza inzuzo ephezulu, nje ngenxa yokuba awasukumi kuselithuba.



Maxa wambi afumana amava eelahleko ezinkulu ngenxa yomonakalo wemithombo eyindalo, efana nokhukuliseko lomhlaba emva kwesichotho esikhulu, kuba balibala umgaqo-siseko obalulekileyo “ukunqanda ingozi ingehli kuxabiseke ngaphezu kokuyishenxisa”.



Ukusukuma ingozi ingekehli kuthetha ukwenza isicwangciso kuselithuba kananjalo zikhona iziganeko ekufuneka zenziwe kwangoko. Malunga nomsebenzi wokuvelisa ukutya okuziinkozo, lo ngumba obaluleke kakhulu kulawulo. Ikhalenda yokulima isityalo kwifama yakho masibonise yonke imisetyenzana ebandakanya intengiso yakho. Umhla wokutyala ofanelekileyo (esona siganeko singundoqo efama yakho usenokuba ngosuku lokuqala kwinyanga kaJuni xa unesicwangciso sokulima ingqolowa okanye ngomhla wokuqala kuNovemba xa ulima isityalo sasehlotyeni. Inkoliso yemisetyenzana yakho yesicwangciso neyolungiselelo kwiinyanga eziphambi kwezokutyala iya kujikeleza lo mhla. Ukusoloko ucingela phambili okoko ligama lalo mdlalo.



Uludwe lwemisetyenzana efuna ukuqwalaselwa ukuba ingaba yenziwe kuselithuba na phambi komhla wokutyala:



Uqwalaselo olunganqunyanyiswayo nokuhlola

Lo msetyenzana osoloko uqhuba ubalulekile ukuze umfama asebenze kuselithuba. Iingqwalaselo ezenziwe kwixesha lonyaka langoku zinako ukunceda kakhulu ekuthinteleni iimpazamo nasekwenzeni izigqibo eziphucukileyo zexesha lonyaka elizayo. Ukhula, umzekelo, oluchongwe ngethuba lexesha lonyaka lokukhulisa luya kubonisa uhlobo lwesitshabalalisi sokhula esinokusetyenziswa kwixesha lonyaka elizayo. Ukuba akuphumeleli ukuchonga iingxaki kwixesha lonyaka langoku imeko isenokuba mandundu kwixesha lonyaka elilandelayo.



Ukucwangcisa nokuphinda kucwangciswe isixokelelwano somsebenzi wokwenza imveliso

Phinda uhlalutye isakhono somhlaba sokuvelisa imveliso wandule ukuqikelela isixa seehektare onenjongo yokulima izityalo zakho kuso. Phicotha ummandla wentengiso uze ukhethe izityalo ezinika inzuzo ephucukileyo ngokokuseka ingqiqo yakho kulwazi oluthembekileyo malunga nommandla wentengiso. Zoba ulwabiwo-mali wandule ukulungiselela isicwangciso somsebenzi wokuvelisa ukutya ephepheni ngendlela echaneke kangangoko kunokwenzeka. 



Sebenzisa awona mathuba abalaseleyo ommandla wentengiso

Kwimo engqonge ummandla wentengiso wangoku kubalulekile ukusayina ubhambathiso nearhente ethembekileyo yommandla wentengiso. Ubhambathiso luya kukukhusela kumaxabiso anyuka esihla ezixhasi. Lungiselela ubhambathiso ngesityalo ngasinye ngelona xabiso lihle linokufumaneka.

 

Fumana imali-mboleko yemveliso

Kufuneka ufake isicelo semali-mboleko yemveliso ukuba ufuna ukulima iihektare ezithe chatha kunesixa semali onaso kuwe. Musa ukubambezela ukuzidibanisa neziko lezemali nje wakuba ugqibile ukulungisa isicwangciso sakho sokuvelisa ukutya. Inkqubo yokwamkelwa kwemali-mboleko isoloko ithatha ixesha. 



Lungiselela ubhambathiso nombhambathiswa othembekileyo

Ukuba imeko ayikuvumeli ukuba uzilimele ngokwakho ngokunjalo nomsebenzi wokutyala, sayina ubhambathiso nomboneleli weenkonzo ithuba liselihle. Qiniseka ngexesha lokwenza isicwangciso ukuba iinxalenye zokulima ezifunekayo ziya kubakho xa utyala isityalo sakho. Phambi kokusayina ubhambathiso yenza ilinge elilodwa lokuphanda ngemeko yezixhobo zokusebenza zombhambathiswa. Khumbula, nakuphi ukwaphuka ngethuba lokulungiswa komhlaba okanye ngelokutyala kuya kuba lilishwa lomfama ngokwakhe.



Ukulungia izixhobo zokusebenza noomatshini 

Elona xesha lilungileyo lokukhathalela izixhobo zakho lisekupheleni kwexesha lokutyala lonyaka. Ukuba lo msebenzi awuhoywanga umfama usemngciphekweni wokuthi athi ekhanda izixhobo zokusebenza ngexabiso eliphezulu abe elahlekelwa lixesha elixabisekileyo nto leyo enokwenza umhla osemva kwexesha lokutyala. Xa izixhobo zigcinwe kakuhle emva kokuzicoca kakuhle, zifumane inkonzo efanelekileyo kwaye zikhuselwe ekukhuthukeni, lincinci kakhulu ixesha elinokufuneka lokulungisa izixhobo ukwenzela ixesha lonyaka lokutyala.



Amanyathelo olondolozo lomhlaba

Hlola zonke izakhiwo ezikhoyo ezifana neekhonto kunye nemijelo yamanzi. Zinike ixesha lokugcina okanye ukukhanda ezi zakhiwo ukunqanda ukonakala komhlaba wakho ongaphezulu oxabisekilyo ngethuba elilandelayo lexesha lonyaka lemvula. Ukuba kukho ezinye izakhiwo ezitsha ekufuneka zisekiwe lo msebenzi mawuqale msinyane kangangoko. Imiqathango yolondolozo lomhlaba ifuna isicwangciso esicoselelweyo nexesha elaneleyo sokusiphemeza. 



Thenga amagalelo 

Ixesha lokuthenga malichithwe ngendlela efanelekileyo. Thelekisa iimveliso zamagalelo uze ubambe uthethathethwano malunga nelona xabiso lihle ukuze ugcine iindleko ngehektare nganye ziphantsi kangangoko kunokwenzeka. Zinike ithuba lokuziqwalaselela ngokwakho ngexesha lonyaka lokukhulisa ukuze ukhethe eyona mveliso ilungileyo efana neentlobo-ntlobo zezityalo eziqhuba kakuhle okanye ukufaka esinye isityalo endaweni yeso singaqhubanga kakuhle ngendlela ebekulindeleke ngayo. Musa ukuthandabuza ukufaka uxinzelelo kwiqumrhu elinika inkxaso ukuqinisekisa ukuba iimveliso oziodolayo ziyafumaneka ngethuba elifanelekileyo. 



Khumbula, zininzi iingcali neengcaphephe ezithandayo ukukuncedisa kuyo yonke le misetyenzana. Sukuzileqa ngomzuzu wokugqibela. Yenza isicwangciso sakho NAMHLANJE!





