Practice										Xhosa



Uyayenza intshumayelo yakho?



Imiyalelo

Folio strap: Uqeqesho

Byline: NguJane McPherson, umququzeleli wenkqubo yakwaGrain SA yeNkqubo yoPhuhliso lwamaFama



Ungaliqhuba ihashe ulise emanzini, kodwa akunakuze ulenze liwasele! Kunyaka odlulileyo, bangaphezulu kuma-2 000 abantu abathi baya kwizifundo zoqeqesho ezazinikwa yiNkqubo yoPhuhliso lwamaFama yakwaGrain SA. Mhlawumbi ngoku lixesha lokuba sizibuze – olu qeqesho lunazimpembelelo ziphi kwimisebenzi yezoLimo yamafama? 



Ukuba ubuyile kwizifundo zengabula-zigcawu kumsebenzi wokuvelisa (umbona, ujongilanga okanye amazimba), nceda zibuze imibuzo elandelayo: 

Izityalo zam ndizivelisa kumhlaba oluhlobo luni?

Ndityale iihektare ezingaphi?

Yintoni ubunzulu obusebenzisekayo bomhlaba wam?

Yintoni isimo se-pH (ubumuncu) yomhlaba wam?

Yintoni isimo sezondlo zomhlaba wam (i-N, i-P ne-K)?

Kulindeleke imvula yonyaka engakanani kwindawo yam?

Kunyaka oqhelekileyo, sisivuno esingakanani endinethemba lokusivuna kwindawo yam?

Ingaba ndineqweqwe lokuhlakula emasimini am?

Ndityale siphi isityalo kwaye ingaba ndikhethe kakuhle?

Linini ixesha elilelona lilungileyo lokutyala isityalo sam kwaye kutheni ilelona xesha libalaseleyo?

Ndisenze njani isigqibo sokuba ndisebenzise esiphi isichumiso nokuba ndifake esingakanani?

Ndityale wuphi umhlanganisela kwaye yintoni eyenze ndathatha eso sigqibo?

Bendijolise kumanani angakanani ezityalo?

Ndiphumelele ukufumana amanani angakanani ezityalo ekugqibeleni?

Bendinesicwangciso sokufaka isichumiso esingakanani ndaza ndaphumeza ntoni?

Manyathelo waphi endiwathathileyo ukutshabalalisa izibulali-zityalo nezifo kwisityalo sam?

Ubunjani umsebenzi wam wokutshabalalisa ukhula?

Loluphi ukhula oluziingxaki emasimini am?

Ndichithe imali engakanani ukuvelisa isityalo?

Libe yintoni ixabiso endilifumene ngetoni nganye kwaye oko kuthelekiseka njani namanye?

Zibe yintoni iindleko endizenze ngesityalo ngehektare nganye?

Zibe yintoni iindleko endizenze ngesityalo ngetoni nganye?

Emva kokuvuna esi sityalo, ndinesicwangciso sokutyala ntoni kuloo ntsimi kunyaka ozayo?

Ndiza kuzithwala njani iindleko zesityalo esilandelayo?

Ingaba iitrektara zam zanele ukusebenza le ndawo endisebenza kuyo?

Ingaba ndiya kukwazi ukwenza wonke umsebnenzi ngexesha elilungileyo/elifanelekileyo?

Ingaba ndinazo izixhobo endizifunela ukuvelisa isityalo?



Ukuba akukwazi kuphendula le mibuzo mhlawumbi kufuneka uqwalasele incwadi yoqeqesho okanye uye kwezinye izifundo. Ezi zezona ziseko kwaye ukuba unenjongo yokuba ngumfama orhwebayo kufuneka ukwazi ukuziphendulaela le mibuzo ngokwakho. 



Aliqela amaqumrhu phandle phaya asebenzisa amasimi angawamafama asaphuhlayo: 

Unayo intsimi?

Ngubani owenza umsebenzi wokufama entsimini yakho?

Yintoni iinjongo zakho ngokusetyenziswa kwale ntsimi kwixesha elizayo? 

Nceda zibuze le mibuzo ukuze ufumane impendulo ecacileyo malunga nophuhliso lwakho njengomfama – ingaba ukufuna ngenene ukuba ngumfama okanye ufuna ukufumana ingeniso kwintsimi yakho ngokuba ngumnini-ntsimi ongekhoyo kuyo? 



