Planter 1 (OPOT)										Xhosa



Injongo yesixhobo sokutyala 



Imiyalelo:

Folio strap:  

Byline: Ulwazi lufunyenwe kuluhlu lwezifundo zoBhambathiso kwezoLimo



Injongo yesixhobo sokutyala kukubeka imbewu nesichumiso emhlabeni ngendlela echaneke kangangoko ukuze kuqinisekiswe ukuntshula okulungileyo ngesantya esifanelekileyo sokukhula kwembewu oko kusenziwa kunye nokufakwa okufanelekileyo kwesichumiso esifunekayo. Imiba elandelayo kufuneka iqwalaselwe:



Umgama phakathi kwemiqolo.

Umgama phakathi kwembewu ekumqolo omnye.

Ubunzulu, isixa nokufakwa kwesichumiso.

Ubunzulu nokufakwa kwembewu.

Ukudibana phakathi kwembewu nomhlaba ofumileyo.



Isixhobo sokutyala sigqobhoza umhlaba, siwuvule, sifake imbewu kwindawo evulekileyo, sigalele umhlaba phezu kwembewu size siwunyhanyhathe kancinci umhlaba ukuze kuqinisekiswe ukudibana okuncomekayo phakathi komhlaba ofumileyo nembewu. 



Kukho iintlobo ezahluka-hlukeneyo zezixhobo zokutyala kodwa umba wona xa kuthethwa gabalala uyafana – kukho inxalenye evula umhlaba, indlela yokufaka isichumiso nendlela yokuchola imbewu nokuyibeka ngokwesantya esinqwenelekayo. 



Imiba ethile ebalulekileyo ekufuneka ikhunjulwe 

Isichumiso sikholisa ukufakwa emhlabeni phambi kokubekwa kwembewu – oku kuqinisekisa ukuba imbewu nesichumiso azidibani njengoko oko kunokuba neempembelelo ezingalunganga malunga nokuntshula. 

Ngenxa yaso esi sizathu, isichumiso sifakwa ngezantsi kwembewu. (Inxalenye evula emhlabeni ukuze kungene isichumiso ithande ukuba nde kwaye iyagqobhozela emhlabeni. Inxalenye yembewu yona imfutshane kwaye isebenza calanye, yona ilahla imbewu kufutshane kumphezulu womhlaba.)

Umhlaba othile uwa phezu kwembewu emva kwesenzo sokutyala kodwa zisenokuba zisekhona izithuba ezishiyeke phakathi kweengqakumbana zomhlaba. Ukuze kuqinisekiswe ukudibana okufanelekileyo phakathi komhlaba nembewu (ngokwenza njalo kuqinisekiswe ukuba imbewu inako ukufunxa ukufuma ukuze iqale ukukhula), kusenokuba yimfuneko ukufaka uxinzelelo oluthile lokuqinisa umhlaba. Amavili asetyenziswa ngale njongo abizwa ngokuba ngamavili oxinzelelo. 









