Planter 2 (Maize)										Xhosa



Izixhobo zokutyala – zazi iinxalenye zakho



Imiyalelo:	

Folio strap: Ukusetyenziswa koomatshini

Byline: Ulwazi lufunyenwe kuluhlu lwezifundo zoBhambathiso kwezoLimo

Photos: 	

Isisu sesixhobo

Amavili okuthutha

Ivili lokuquba 

Iipleyiti zesixhobo sokutyala emoyeni

I-auger yesichumiso

Isivuli somsele wembewu 

Isivuli somsele

Intsimbi yokusika yediski

Iidiski zokugquma

Amavili oxinzelelo



Ingaba ulwazi lwakho ngeentlobo-ntlobo zeenxalenye zesixhobo sokutyala lungakanani?

Hlaziya inkumbulo yakho ngokufunda eli nqaku apho zonke iinxalenye ezahluka-hlukeneyo ziboniswayo kwaye zichazwayo khona.



Isisu sesixhobo 

Esi sisakhelo apho kuqhotyoshelwa khona inxalenye yesixhobo sokutyala, ngokunjalo unxulumano phakathi kwesixhobo sokutyala netrektara.



Izitsibisi 

Ezi ziziphathi zembewu nesichumiso. Zisenokwenziwa ngeplastikhi eyomeleleyo okanye ngentsimbi. 



Amavili 

La ngamavili apho isixhobo sesityalo sithuthwa khona.



Ivili lokuqhuba 

Eli livili eliqhutywa kukudibana komhlaba ophuma kwisixhobo sokutyala esihambayo. Eli vili lokuqhuba lihamba ngokwesantya setrektara. Injongo yevili lokuqhuba kukuvuselela iintsebenzo-matshini zesixhobo sokutyala – iintsebenzo-matshini zokulinganisa imbewu nesichumiso. 

 

(Iigiyeri) zokugqithisa 

Ukuze kwenzeke ukulungelelanisa isantya seentsebenzo-matshini zembewu nesichumiso, kusetyenziswa isixokomelwano seegiyeri namatyathanga kunye namazinyo amavili. Ezi giyeri namatyathanga zinako ukumataniswa ngokwamaqondo olungelwano ahluka-hlukeneyo ukuze kufumaneke imimiselo enqwenelekayo. 



Iintsebenzo-matshini zokusasazwa kwembewu

Kukho iintlobo ezahluka-hlukileyo zeepleyiti, ezahluka ngobukhulu nangobume oko kuxhomekeka kwisityalo esityalwayo ngokunjalo nakubukhulu bembewu ( ngaphandle kwezixhobo zokutyala emoyeni).



Intsebenzo-matshini yosasazo lwesichumiso



Isivuli somsele wembewu



Isivuli somsele wesichumiso



Isigqobhozeli sediski

Le ntsimbi ikholisa ukuba ngaphambili kwisixhobo sokutyala kwaye isoloko ikhona kwizixhobo zokutyala ezingahlakuliyo apho kubakho khona izinto ezisetyenziswayo ezingaphezu komhlaba.



Iidiski zokugquma

Ezi zibekwa phezu komhlaba ukugquma imbewu etyaliweyo nesichumiso.



Amavili oxinzelelo 

La ngamavili amancinci ngasemva kwisixhobo sokutyala kumqolo ngamnye, wona axinzelela umhlaba ukuqinisekisa ukudibana okufanelekileyo kwembewu nomhlaba.



Intsebenzo-matshini yoxinzelelo lomoya kwizixhobo zokutyala emoyeni 

Oku kunokuba noxinzelelo lomoya oluxinzelelayo okanye olufunxayo.





