Planning (Maize) 									IsiXhosa

Ukwenza isiCwangciso – sisitshixo sakho sokuphumelela emsebenzini wokuvelisa izityalo



Imiyalelo: 

Folio strap: Ulawulo

Byline: NguJane McPherson, umphathi wenkqubo yaseGrain SA yeNkqubo yoPhuhliso lwamaFama



Akunakuze uvuke ngenye intsasa ube sowuthatha isigqibo sokutyala isityalo. Ukuvelisa izityalo zokurhweba kufuna amandla amakhulu okwenza isicwangciso. Le ilandelayo yimibuzo ekufuneka iphendulwe: 



Ingaba kweli xesha lonyaka unesicwangciso sokutyala ntoni? 

Kukho imibandela eliqela ekufuneka iqwalaselwe phambi kokuba uphendulwe lo mbuzo. Kufuneka ukwazi oku:

Imihla elindelekileyo yeqabaka.

Imvula elindelekileyo.

Ubunzulu bomhlaba.

Amanqanaba e-pH nokuzaliseka kwe-acid emhlabeni.

Ubukho bamagalelo emsebenzini wemveliso.



Imali uya kuyifumana phi? 

Umsebenzi wokukhupha imveliso sowuduru kakhulu kanti iindleko zawo emhlabeni owomileyo zikummandla we-R5 000 ngehektare nganye. Ukuba umlimi ufuna ukuboleka imali yokutyala isityalo, ngoko ke kufuneka sibuze imibuzo elandelayo: 

Ungasifaka phi isicelo semali-mboleko yemveliso? 

Sithini isantya senzala esiya kusetyenziswa? 

Lingakanani ithuba lemali-mboleko? 

Ukuba ufumana imali-mboleko, ingaba ingeniso oyifumana kwintengiso yesityalo iya kwanela ukuba uhlawule ityala ngayo? 

Loluphi ukhuselo onokulinika iziko elibolekisa ngemali? Khumbula ukuba abantu namaziko abolekisa ngemali bakwenza oku njengeshishini labo kwaye bafuna ukwenza iinzuzo kwimali leyo. Inzuzo abayenza ngokubolekisa ngemali iyilwa yinzala abayifakelayo. Akukho mntu ofuna ukulahlekelwa yimali ngoko ke umbolekisi ufuna ukuqiniseka ukuba umboleki uya kuphinda alihlawule ityala ngokwesivumelwano. 

Ingaba imali iya kufumaneka nini? Oku kusenokungavakali njengomba obalulekileyo, kodwa kumsebenzi wemveliso yezityalo, ukulungiswa komhlaba kuqala kwiinyanga eziliqela phambi kokutyalwa kwesityalo kubaluleke kakhulu. Ukuba imali ifika emva kwexesha, umhlaba awunakulungiswa ngokwaneleyo ukuze oko kwenze ukuba umlimi abe semngciphekweni omkhulu wezivuno ezingaphucukanga.



Ungasithengisa njani isityalo? 

Xa ulima izityalo zokuba uzisebenzisele wena ngokwakho (umsebenzi wokufama wokuzigcina wena wedwa), intengiso asiyongxaki. Nangona kunjalo, wakuba uqalisile ukuvelisa izityalo zokuthengisa, kufuneka ucinge ngentengiso yazo. Buza imibuzo elandelayo: 

Ngubani oya kuthenga imveliso? 

Kungalindeleka liphi ixabiso? 

Ukutya okuziinkozo kuya kufika njani kummandla wentengiso? 

Ngubani oya kuthutha isityalo? 

Ngubani oya kuhlawula uthutho lwesityalo? 



Ukulima okusentloko

Ukulima okusentloko kubaluleke kakhulu, kanti okona kubaluleke ngakumbi kukuba yonke imisebenzi yokulima kufuneka yenziwe ngexesha elilungileyo. 

Kanye-kanye yintoni injongo yomsebenzi wokulima? 

Uza kuqalisa nini ukulima? 

Uza kusebenzisa sixhobo siphi? 

Ufikelela kobuphi ubunzulu? 

Ingaba unamandla awaneleyo etrektara okwenza imisebenzi yokulima okuyimfuneko? 

Injani imeko yezixhobo kwaye zinganako ukuwenza umsebenzi? 



Ukulima okulandeliswayo

Kanye-kanye yintoni injongo yomsebenzi wokulima? 

Uza kuqalisa nini ukulima? 

Uza kusebenzisa sixhobo siphi? 

Injani imeko yezixhobo kwaye ingaba zingakwazi ukwenza umsebenzi? 



Imbewu

Imbewu yakho uza kuyithenga phi? 

Ngubani oza kukucebisa ngembewu efanelekileyo? 

Ingaba sowucingile ngobude bexesha lokulima waza wenza isicwangciso sembewu ngokobo bude? 

Zingaphi izityalo ezifanelekileyo ngehektare nganye?



Isichumiso

Ingaba uzithathile iisampulu zomhlaba? 

Uzifumene iziphumo zohlalutyo lomhlaba? 

Ingaba ukhona umntu onike iingcebiso zesichumiso esichanekileyo kwintsimi nganye ngesityalo ngasinye owenza isicwangciso saso? 

Ingaba icebiso malunga nesichumiso lihambelana nesivuno ekujoliswe kuso? 

Uza kusebenzisa sichumiso siphi? 

Uza kusebenzisa iikilogram ezingaphi ngehektare nganye? 



Amaqondo emilinganiselo yesixhobo sokutyala 

Umsebenzi wokutyala mhlawumbi ngowona msebenzi uhamba wodwa obaluleke kakhulu kumjikelo womsebenzi wokuvelisa izityalo. 

Ingaba isixhobo sokutyala sinako ukufakwa amaqondo emilinganiselo yamanqanaba achanekileyo? (Unalo ufikelelo kwiipleyiti, iigiyeri namaazinyo amavili achanekileyo?).

Bungakanani ububanzi bemiqolo obunqwenelayo? 

Ufikelele njani kwisigqibo malunga nobo bubanzi bemiqolo? 

Ukuba uza kuhlakula emva kokuba isityalo sihlumile, ingaba isixhobo sokuhlakula siza kukwazi ukusetyenziswa kobo bubanzi bemiqolo? 

Ufuna izityalo ezingakanani? 

Unesicwangciso sokusebenzisa isichumiso esingakanani? 

Ingaba unganako ukwenza amaqondo emilinganiselo ngokwakho, okanye ngubani oya kukuncedisa ngamaqondo emilinganiselo? 



Ukutshatyalaliswa kokhula

Ukhula olusezityalweni zakho unesicwangciso sokulutshabalalisa njani? 

Ukuba uza kutshabalalisa ngomatshini:

Unaso isikofolo na? 

Ingaba isikofolo sisetwe ngokobubanzi obufanayo bemiqolo obufana nobesixhobo sokutyala? 

Ingaba amazinyo esikofolo asetwe ngokuchanekileyo? 

Ukuba uza kutshabalalisa ukhula ngemichiza:

Ingaba unaso isitshizi? 

Ingaba zonke iinxalenye zesitshizi zikwimeko elungileyo yokusebenza? 

Ngubani oya kwenza amaqondo emilinganiselo kwisitshizi? 

Yeyiphi imichiza eza kusetyenziswa? 

Bubungakanani bomchiza ngamnye obuya kusetyenziswa? 

Kukweliphi ibanga lomjikelo wemveliso yesityalo apho kuya kufakwa khona imichiza? 

Ukutyala

Ingaba umhlaba ufume ngokwaneleyo ukuze uvumele ukuntshula? 

Imbewu kufuneka ityalwe nzulu kangakanani? 

Ingaba ufaka inani elichanekileyo lembewu ngemitha nganye? 

Ingaba ufaka iikhilogram zesichumiso ezichanekileyo ngehektare nganye? 

Ingaba ufake izibulali-lukhula nezibulali-zinambuzane ngokwesicwangciso? 



Ukucoca nokulondoloza

Emva kokuba kugqityiwe ukutyala, ingaba isixhobo sokutyala sicociwe saza salondolozwa

	kakuhle? 

Emva kokuba kugqityiwe ukutshiza, ingaba isitshizi sicocwe saza salondolozwa ngendlela efanelekileyo? 



Umaleko wangaphezulu 

Ngowuphi umaleko wangaphezulu ofanele ukufakwa? 

Ufanele ukufakwa nini? 

Ungakanani ofanele ukufakwa? 



Ukuba uza kuba ngumlimi oncomekayo orhwebayo, kufuneka usebenze nzima, kwaye kufuneka usebenze phucukileyo! Kufuneka ucwangcise, ucwangcise uphinde ucwangcise, wandule ukwenza yonke into ngokuchanekileyo kwaye ngexesha elifanelekileyo. 

