Planning 



Akuzange kwaba msinyane kakhulu ukuqalisa ngezicwangciso 



Instructions: 

Folio strap: Umsebenzi wokuvelisa

Byline: NguJane McPherson, umphathi wenkqubo yakwaGrain SA yeNkqubo yoPhuhliso lwamaFama



Mhlawumbi ube nexesha lonyaka elincomekayo njengakwiindawo ezininzi zeli lizwe imozulu ibinobubele kwaye sibe namava eemvula ezintle. Usenokuba uyakwazi ukuhlawula iimboleko zakho kwaye ube nemali eshiyekayo. Kodwa ke kukho izinto ekufuneka kuqaliswe ngazo kwixesha lonyaka elizayo.



Khumbula:

Gcina imali ukwenzela isityalo esilandelayo – ngokuya uboleka imali encinane – iya ngokuncipha imingcipheko okuyo;

Cinga ngeetrektara nezixhobo zokulima ekufuneka unazo ukuze ukwazi ukuphucula imisebenzi yakho yokulima; 

Zeziphi izityalo onenjongo yokuzilima kwixesha lonyaka elizayo lasehlotyeni?

Zingaphi iihektare onokukwazi ukuzilawula ngokwasemalini?

Sithini isixa esipheleleyo solwabiwo-mali esifunekayo ukuze kulinywe isityalo esizayo? 

Ukuba uza kufuna imboleko, uza kuthetha neliphi iziko malunga noncedo? 

Ingaba sowuzithathile iisampulu zomhlaba wakho? 



Kwixesha lonyaka elidlulileyo lokuveza imveliso, amaxabiso azo zonke izityalo eziziinkozo aye anda kakhulu kwaza kwaba yinto eyenzekayo ukufumana iinzuzo ezilungileyo. Ngelishwa, ngenxa yexabiso leoyile (elichaphazela amagalelo ethu angako) kananjalo nezantya ezandileyo zenzala, ixabiso lezinto eziligalelo kwixesha elizayo lonyaka selinyuke kakhulu. Kubalulekile ukuba umfama ngamnye azenze ngobunono izibalo zakhe kwaye enze izicwangciso ngocoselelo phambi kokutyala isityalo esilandelayo – iindleko ngehektare nganye ziya kuba yintoni kwaye singalindela ixabiso elithini ngezityalo?

