xhosa.1535.parenting
Ukukhethela umntwana
IZINTO ZOKUDLALA
Ingaba ubhidwe kukukhethela umntwana wakho kwizinto zokudlala ezininzi ezithengiswayo? Ingaba awazi nokuba umthengele ezimfundisayo okanye ezokuzonwabisa? Ingaba ufuna ukwazi izinto zokudlala ezimkhulisayo umntwana? Ungakhathazeki, lukho uncedo...
XA umntwana enonyaka sukuba esagxadazela xa ehamba kwaye eli nqanaba lokukhula litsala de abeneminyak' emithathu. Ngelo xesha ke akahlali phantsi unqandwa ngapha nangapha kwaye uya efunda ukuzenzela izinto.
Ngelo xesha nawe mzali unqwenela ukumthengel' izinto zokudlala eziza kumnceda ekukhuleni kwakhe emzimbeni, engqondweni nasemphefumlweni neziza kumfundisa ukuthetha nokwazi izinto ezimjikelezileyo.
Kwakhona ufuna nokuqinisekisa ukuba uthenga okuninzi ngemali oyisebenzele nzima!
Nanga amacebiso angakunceda...
Ukukhula ngokwasemzimbeni
Abantwana abakweli nqanaba lokukhula bayathanda ukudlala phandle kwaye bachith' ixesha elininzi bebaleka, bexhuma-xhuma okanye begaqa. Ezo zinto zibalulekile ekukhuleni kwabo emzimbeni, ngoko izinto zokudlala abangakwazi ukukhwela kuzo, bazityhale okanye basitsale kunye neebhola zezona zibafaneleyo.
Kweli nqanaba umntwana wakho akakakwazi ukudibanisa ukusebenza kwezandla namehlo kwaye zininzi izinto zokudlala ezingamnceda kuloo nto.
Ezona zithandwayo zezinemibala eqaqambileyo ongabeka enye phezu kwenye (njengezitena zokwakha) nezimfundisa ukumila kwezinto.
Ezi ke izinto zokudlala ziba nezinto zeplastiki ezinemibala eqaqambileyo ezinemingxuma efana nazo ezifakwa kuyo.
Izinto zokudlala ezitsalwayo nezityhalwayo bayazithanda abantwana bakufunda ukuhamba. Umzekelo amakhwenkwe ayathanda ukulayisha iimoto ezincinci kwenkuku baze bayityhale.
Akukwazi ukuhamba kakuhle umntwana, mthengele into yokudlala anokukhwela kuyo. Qinisekisa ukuba uyakwazi ukukhwela nokwehla kuyo, ukuba loo nto iqinile, ukuba uhlala kakuhle kuyo, ukuba ihamba lula nokuba ayinazo iindawo zokuyinyawuza.
Iipuzzle zabantwana neminy' imisebenzi yezandla ungamthengela kodwa uninzi lwabantwana abathandi ukuhlala ndawonye benze ezo zinto.
Xa umntwana ebonisa ukuba lichule lokuzoba, mthengele iphepha, iikhrayoni neepeyinti zeminwe eziza kumenza abonakalise ubuchule bakhe.
Ukukhula emphefumlweni
Izinto zokudlala ezihlohliweyo zezona zikhuthaza ukukhula ngokwasemphefumlweni kuba zona angathetha nazo aziwole nokuziwola.
Ukukhula ngokobuhlobo
Abantwana abaninzi bathanda ukudlala bodwa kunokudlala nabany' abantwana. Into abayithandayo kukuba nabanye abantwana abazidlalela eyabo imidlalo.
Zinininzi nezinto zokudlala abangazidlala abantwana babolekane xa enezininzi. Ezona zixhaphakileyo emakhwenkweni ziimoto ukanti emantombazaneni ngoonodoli. Oko kunganceda ethubeni kubafundise ukubolekana izinto zokudlala. Ekuqaleni abantwana abathandi ukubolekana kuba babona ngathi kuphiswa ngazo izinto zabo. Kubalula kodwa bakubona ukuba bayazibuyisa abantwana bakuyeka ukudlala ngazo.
Ukufunda ukuthetha
Eyona ndlela ilula yokufundis' umntwana ukuthetha kukumfundela amabali, kodwa ungagqibeli ngaloo nto.
Kuyo yonke imidlalo kuyathethwa, ngoko kufuneka uthethe naye ngento omthengele yona yokudlala. Umzekelo, xa umntwana edlala ngesigadla esikhulu, thetha naye ngamavili ajikelezayo, nangokuba sihamba siye kumaphi xa esityhiliza. Oko kuya kuphucula ulwazi lwakhe lwamagama.
Okokugqibela...
Ukumnceda umntwana azi okwenzeka ehlabathini, ukuba lisebenza kanjani nokuba yiyiphi inxaxheba yakhe, zininzi izinto zokudlala ezingamkhulisa engqondweni.
Ngaphandle kwesezibaliwe, ungamthengela izitena nezixhobo zokwakha.
BONA XHOSA October 2008
EZOBUZALI
Isipho sakwaReggie
IBONA inamakhadi ezipho akwaReggie axabisa i-R500 lilinye ephisa ngawo.
Xa ungazi omawukuthenge, amakhadi ezipho akwaReggie angakunceda kuba baneemveliso zabantwana, izinto zokudlala nemidlalo yabantwana enamaxabiso afikelelekayo.
Zifumanele elakho ikhadi kwiivenkile ezingama-36 zakwaReggie uze ufake nokuba yimalini kulo, uze uliphe umntu ongazithengela into ayifunayo kwaReggie.
Ukungenela utsalo lwabawelwe ngumq' esandleni, thumel' igama, idilesi nefowuni ofumaneka kuyo emini kule dilesi: BONA/Reggie's Giveaway, Box 32067, Mobeni, 4060, okanye i-SMS ethi REGGIES ku- 35919. (I-SMS nganye iyi-R3.)
Umhla wokuvalwa: 31 Oktobha 2008.
BONA XHOSA October 2008
Ingaba umntwana
NGOKWANELEYO?
UKULALA kuyinxalenye ebalulekileyo ebomini bethu. Xa silele siyaphumla sinike imizimba yethu ithuba lokubuyis' amandla. Ingaba ke kufuneka ulale ixesha elingakanani, ingakumbi emntwaneni osakhulayo?
Nasi isikhokelo esisekelwe kubudala bomntwana, phofu siyiqonde eyokuba abantwana abafani...
Usana: Ludla ngokulala phakathi kweeyure ezili-16 neli-19 ngemini kwaye luyavuka emva kweeyure ezimbini ukuya kwezintathu lufuna ukutya. Njengoko iintsana zivuswa kukulamba amaxesha amaninzi, azizilali iiyure ezine okanye ezintlanu.
Xa luneenyanga ezintathu: Lulala phakathi kweeyure ezili-13 nezili-15 ngemini, ezintlanu luzilala emini zize ezinye luzilale ebusuku. Ngeli xesha ke ukulala kwenza lukhule ngokukhawuleza.
Xa luneenyanga ezintandathu ukuya kwezili-12: Lulala phakathi kweeyure ezili-12 nezili-14 ngemini. Ngoku lumel' ukuba lulale kakhulu ebusuku, kwaye ngoku sukuba sele umqonda xa lulila kuba lulambile, ludiniwe okanye lusiva ubuhlungu.
Xa enonyaka ukuya kwemithathu: Kobu budala uxakeka kakhulu umntwana, ngoko uya kulala aphumle iiyure eziphakathi kwe-11 ne-13 ngemini. Kufuneka ube nezinto ozenzayo ezifanayo ezilungiselela umntwana ngaphambi kokuba alale..
Xa eneminyaka emithathu kuye kwemihlanu: Umntwana oselungele ukuya esikolweni sabantwana abancinane ulala iiyure ezili-11 ebusuku. Ufanele ukuba ukuqhelile ngoku ukulala kwaye oko nawe kukunika ixesha elaneleyo lokuphumla!
wakho ulala
UBUSAZI NA?
Ubusazi ukuba usana alulili iinyembezi zokwenene kwiiveki ezintathu zokuqala luzelwe, ukanti maxa wambi kuyenzeka oko de lube neenyanga ezintlanu! Ezi nyembeni zineehomoni zoxinzelelo, ngoko xa usana lulila yindlela yokuthothisa olo xinzelelo.
