Partnership (Maize) 								 IsiXhosa

		

Ubudlelwana bolwahlulelwano obenziwe ngowe-2008/2009



Imiyalelo: 

Folio strap: Inkqubo yophuhliso lwamafama

Byline: NguJane McPherson, umphathi wenkqubo yaseGrain SA yeNkqubo yoPhuhliso lwamaFama



Njengoko bekhukhankanyiwe kwithuba langaphambili, uphuhliso lomlimi alukhawulezi kwaye alungomsebenzi olula – lubandakanya abantu abahluka-hlukileyo, iintlobo zezifundo ezininzi ezahluka-hlukileyo kunye nexesha elininzi. Oku asinako ukukwenza sodwa yiloo nto kanye siyithakazelela kangaka inkxaso nokubandakanyeka kwaba bantu baninzi bangabanye. Kulo nyaka sibe nobudlelwana bolwahlulelwano naba balandelayo:



EMpuma-Koloni

EMpuma-Koloni, kusekwe ubudlelwana bolwahlulelwano obulungileyo nabantu/imibutho elandelayo: 

I-Dohne Agricultural Research Station – incedisa ngohlalutyo lomhlaba; 

I-PANNAR Seed – inike inkxaso ngembewu neeplothi zovavanyo;

Uvimba Financing Bank – unika inkxaso-mali kubalimi abasaphuhlayo eMpuma-Koloni; 

I-Eastern Cape Development Corporation – inika inkxaso-mali kubalimi abasaphuhlayo; 

I-Monsanto Seed and Chemicals – incedisa ngeemvavanyo zemiboniso-nkcazo; 

ISebe ezoLimo – lincedisa ngeemvavanyo zokutyala, iqhuba izifundo zoqeqesho;

I-UAP – inika imichiza yeemvavanyo;

I-Sidi Parani – inika inkxaso yeemvavanyo; 

ISebe loPhuhliso lwezeNtlalo – lincedisa ngeeprojekthi eMpuma-Koloni;

I-Traction Centre –inika inkxaso namacebiso kubalimi abasebenzisa ukutsala ngezilwanyana;

Amathole District Municipality. 



EMpumalanga

EMpumalanga, kusekwe ubudlelwana bolwahlulelwano nabantu/imibutho elandelayo: 

ISebe lezoLimo – iimvavanyo zokutyala nokuqhuba izifundo zoqeqesho;

I-MADC – inika inkxaso-mali kubalimi abasaphuhlayo;

UReggie Mchunu, Pannar – uncedisa ngembewu yeemvavanyo nokuzibandakanya kwiiNtsuku zamaFama; 

I-Afgri – inika imvisiswano kwiziza zeemvavanyo; 

I-Omnia – izibandakanya ngeeNtsuku zamaFama; 

I-Bayer – izibandakanya ngeeNtsuku zamaFama;

UShadrack Mabuza, Monsanto – uzibandakanya ngeeNtsuku zamaFama;

I-Qwemico – izibandakanya kwiiNtsuku zamaFama namacebiso ngemichiza; 

UBongani Nkosi – iinkonzo zeAgro Agricultural Services;

UKenneth Mokoena – iSasol Nitro;

URaymond Mnguni, uPhillip Khoza, uObet Gininda noSnukie Mdluli – MADC;

UBongiwe Magagula – Land Bank;

UPhonnie Du Toit – ARC Grain Crops Institute;

UKarel Taljaard – iSouth African Lime and Gypsum. 



EMntla-Ntshona

EMntla-Ntshona, kusekwe ubudlelwana bolwahlulelwano obulungileyo nabantu/imibutho elandelayo: 

ISebe lezoLimo GP;

I-Monsanto – imbewu yeemvavanyo nemvisiswano ngethuba leeNtsuku zamaFama; 

I-LED Randfontein – inkxaso ngethuba leeNtsuku zamaFama; 

I-Barlow world – izibandakanye ngeeNtsuku zamaFama; 

I-Tsunami – izibandakanya kwiimvavanyo zemiboniso-nkcazo; 

I-Senwes – inika inkxaso-mali kubalimi; 

I-Nerpo – yabelana ngeeNtsuku zamaFama; 

I-Land Bank – inika inkxaso-mali kubalimi neentsuku zamaFama ekwahlulelwana ngazo; 

I-Agricol – imbewu yeemvavanyo zemiboniso-nkcazo; 

I-Pioneer – imbewu yeemvavanyo zemiboniso-nkcazo; 

I-Khula – ithatha inxaxheba kwiiNtsuku zamaFama. 



I-Free State

E-Free State, ubudlelwana bolwahlulelwano busekwe nabantu/imibutho elandelayo: 

U-Lucas Serage waseSasol Fertilisers – iimvavanyo zesichumiso nenxaxheba ngethuba leeNtsuku zamaFama;

U-Div Bosman ovela eOmnia – unika inkxaso yokuvavanywa komhlaba namacebiso ngesichumiso, ixhasa abalimi asebekwibanga eliphambili;

U-Natis van Niekerk waseWenkem – unika inkxaso kubalimi asebekwibanga eliphambili malunga nemichiza;

U-Deon van der Ross, OVK – unika inkxaso-mali kubalimi asebekwibanga eliphambili;

ISebe lezoLimo – linika uqeqesho nenkxaso kubalimi; 

I-Novon Protecta – inika imichiza nenkxaso kubalimi asebekwibanga eliphambili; 

U-Charles Matlou ovela ePioneer – unika inkxaso kumaqela ofundo-nzulu nakubalimi asebekwibanga eliphambili;

U-Kobus Lindeque, uGert Heyns, uBright Breytenbach noDudu Mashile ovela eMonsanto – banika inkxaso kubalimi asebekwibanga eliphambili, imbewu yeemvavanyo zemiboniso-nkcazo nenxaxheba ngethuba leentsuku zamaFama;

U-Ferdie Roodt noJan Davel ovela eVKB – onika inkxaso-mali kubalimi asebekwibanga eliphambili;

U-Jan du Preez ovela eOpticrop – umcacisi wohlalutyo lwesichumiso nomhlaba; 

U-Cliffe Deacon ovela eAgricol – imbewu.



