Nominees (Maize) (1250 Words)							Xhosa



Dibana Nabanyulwa Abasaphuhlayo Abangabavelisi Bezityalo Eziziinkozo



Instructions: 

Folio strap: Umvelisi wonyaka wezityalo eziziinkozo

Byline: NguJane McPherson, umphathi wenkqubo yaseGrain SA yenkqubo yoPhuhliso lwamaFama

Photos: Add photos of each nominee

Add the ribbon we used last year



Abanyulwa, abaza kukhuphisana phantsi kwesihloko esithi Ukuphuhliswa Kwabavelisi Bezityalo Eziziinkozo Bonyaka wama-2009, sebekhethiwe. Ophumeleleyo uya kubhengezwa kwisiganeko sebhongo esiza kusingathwa yiGrain SA ngomhla we-9 Oktobha 2009. Naba ngezantsi abanyulwa:



UPhilip Xaba

Ngowe-1973 uPhilip Xaba waqala wasebenza njengomsebenzi wetrektara kwifama eyayibizwa ngokuba yiMagita. Ngowe-1983 abakwaSenwes bamqesha apho wasebenza khona njengenkokeli yeqela elisebenza kunye de kwaba ngowe-1992, waza emva koko waya eVetsak. 



Uchithe ixesha elininzi lobomi bakhe ejikelezwe yimo yezolimo waza waphuhla uthando lwezolimo. Utshate noJulia ongutitshala eBothaville. 



UPhilip ube yinxalenye yenkqubo ephuhlayo yezolimo kwithuba elide kodwa wazimanya kuphela ngokusesikweni neNkqubo yabaVelisi abakwiBanga eseliPhambili ngowama-2006. Kwakhona wayesakuba ngumVelisi ogqwesileyo woNyaka wama-2007.



UPhilip ukholelwa ekubeni azenzele izinto ngokwakhe kunokuxhomekeka kwabanye abantu ukuba bamenzele. Unethemba elikhulu ngengomso lezolimo kwaye uyandisile imisetyenzana yakhe ngokuqeshisa iihektare ezingama-300, akwaziyo ukuzisebenzisa ngobuchule.



USimon Mazwi

Phambi kokuba azalwe uSimon Mazwi, abazali bakhe babehlala eTaung baza emva kwethuba baya eFree State (eVierfontein), kuba babekholelwa ekubeni apho maninzi amathuba avulekileyo. Babengabavelisi ababelima ngeenkabi. Ethubeni babuyela eMakouspan apho baqalisa khona ngomsebenzi wokufama. Kulapho uSimon wazalelwa khona waza wakhulela apho.



USimon wayesoloko encedisa utata wakhe ngomsebenzi wasefama. Wayevuka ekuseni ancedise uyise ukulungisa isipani seenkabi phambi kokuya esikolweni kanti emva kokuphuma kwesikolo ebeqhuba ngokuncedisa utata wakhe ngomsebenzi wasefama. Emva kokuphumelela ibanga lesi-4, uSimon wazimanya notata wakhe efama. Ngowe-1963 waya kusebenza eLichtenburg njengomchweli, apho asebenze iminyaka eli-17. Ngeli xesha wayefama eMakouspan ngeempelaveki.



USimon wenze umsebenzi wokufama ngeenkomo bonke ubomi bakhe kanti uye wafumana ilifa lemfuyo ebazalini bakhe. Kwithuba langoku uneenkomo ezingama-30 neegusha ezingama-25. Ngowe-1992 wakwazi ukuthenga iFord 6600 ngemali awayiboleka eAgribank. Kananjalo walima iihektare ezili-15, ongumhlaba owayengowakhe kanti wayeqeshisa iihektare ezingama-60. Ngowama-2006 waqalisa ubhambathiso olutsha neAbsa, iNWK neMonsanto waza waba yinxalenye yeprojekthi, ebezimncedisa ngenkxaso-mali yeehektare ezili-103. Lo ngunyaka wesithathu eyinxalenye yale projekthi.



ULungile Malo 

Usapho lwakwaMalo lwaluvela eThaba Nchu kufutshane eBloemfontein eFree State. Baya eVentersdorp kuba kulapho bafumana khona umhlaba. Utata kaLungile Malo wayengumqhubi weloli ngenxa yoko wayeyisebenza ifama yakhe ngeempelaveki kuphela. 



Ngowe-1978 bafudukela eDelareyville baza bafumana iihektare ezili-100 zomhlaba kurhulumente. ULungile wayehamba isikolo eFrisgewagt aze ukuphuma kwesikolo nangeempelaveki aluse iigusha neenkomo kule fama. Ngowe-1993 waya kuhlala eMafikeng waba ngumfoti wasemitshatweni. 



Ukususela ngowe-1997 de kwaba ngowama-2000 wenza umsebenzi wokufama noyise kwifama yasekhaya. Ngowama-2000 wenza isigqibo sokwenza umsebenzi wokufama emhlabeni ongowakhe awawufumanayo. Uyise kaLungile wamboleka itrektara nezibonelelo eziligalelo. Waboleka ama- R25 000 eLand Bank waza waqeshisa nomnye umhlaba kutata wakhe. Emva kwelo xesha lonyaka wakwazi ukuthenga iveni yeNissan. Ngowama-2004 waba nexesha lonyaka elinzima kakhulu kodwa ngenxa yokusebenza kwakhe nzima, wakwazi ukuzuza lukhulu. 



USamuel Moloi 

USamuel Moloi wazalelwa kwifama eyayibizwa ngokuba yiMagdalena kwisithili saseFouriesburg ngowe-1969. Uyise wayesebenza njengomsebenzi wasefama kule fama. Wayengomnye wabantwana abasibhozo waza wahamba isikolo kwiLokishi yaseMashaeng ngaphandle kweFouriesburg apho waphumelela khona ibanga le-12. 



Ngeempelaveki wayesebenza efama eqhuba itrektara ngokunjalo encedisa apho anokunceda khona. Lalimonwabisa ishishini lokufama kwaye esoloko ephupha ngokuba nefama yakhe ngenye imini. Ukudibaniselana nabavelisi kwanceda ekuvuseleleni umdla wakhe kumsebenzi woqeqesho lokufama. Namhla uSamuel utshate noDianne, utitshala eMashaeng kwaye banabantwana abathathu.



USamuel uthi wayedla ngokumamela uJane McPherson xa wayethetha kwiLesedi FM ngomsebenzi wokulima izityalo eziziinkozo kanti oku kwamkhuthaza ukuphumeza iphupha lakhe, Ngowe-1996 waqalisa ukufama ngeenkomo neegusha kumhlaba odityanelweyo eFouriesburg. 



Ngowama-2004 waqesha iihektare ezingama-30 zomhlaba kumvelisi ongumrhwebi, uMnu Exley, apho walima umbona khona. Ngowama-2006 waqesha iihektare ezili-16 zomhlaba kuMaspala waseFouriesburg kwaye kulapho enza khona umsebenzi wokufama ngoku. USamuel unenxaxheba enkulu kwiNkqubo yoPhuhliso lwamaFama yaseGrain SA kwaye ulilungu leDishweshwe tsa Dikorong Study Group sithetha nje seleye kwiindibano zoqeqesho eziliqela.



UWilliam Matasane 

UWilliam Matasane wazalelwa kwisithili saseWinburg apho wayehamba khona isikolo sasefama waza emva koko waya kwisiKolo seMfundo ePhakamileyo saseWinburg. Wakhulela efama kwaye wayesoloko ephupha ngokuba nowakhe umhlaba ngenye imini nokuba ngumvelisi. Wayesoloko encedisa uyise efama apho wayesebenza entsimini eqhuba iitrektara.



UWilliam waqala ukusebenza eAllemanskraal (eyaziwa kakhulu njengeAventura Resort Aldam) njengompheki de kwaba ngowama-2004. Ngowama-2004 wathenga ifama iVerblyden apho enza khona umsebenzi wokufama kwithuba langoku. Uvelisa ujongilanga, umbona nengqolowa ngempumelelo. Utshate noAlina kwaye banabantwana abane – unyana omnye namantombazana amathathu. 



UNolundi Msengana

UNolundi Msengana wazalwa ngowe-1972 eCala eMpuma-Koloni. Waqala ukufunda ngowe-1978 eTshengiwe Junior Secondary School waza emva koko waya eZimele Secondary School UMtata. Waphumelela ibanga lematriki eNgangelizwe High School ngowe-1991. UNolundi waqala ukusebenza eKFC waza emva koko waqalisa ishishini lakhe lokuthengisa impahla yokunxiba nezihlangu. 



Uthando lukaNolundi lomsebenzi wokufama lusisiphumo semo eyayimngqongile apho wakhulela khona. Wakhulela phakathi kosapho apho abazali bakhe nezalamane zazifuyile kwaye zilima izityalo eziziinkozo emhlabeni odityanelweyo. 



UNolundi wayefuye iinkomo ezingama-20 kunye neenkuku zokosiwa ezili-100, lo gama bevelisa imifuno kwintsimi yehektare e-1. Wasebenza kunye nabazali bakhe emhlabeni odityanelweyo de wafumanisa ithuba elinikwa lisebe leMibandela yeMihlaba lokuqeshisa umhlaba nelungelo lesixokelelwano sokukhetha ukuthenga (PLAS).



Ifama yakhe ngama-350 eehektare – ama-80 eehektare asetyenziselwa ukutyisa impahla ukuze eseleyo ibe ngumhlaba olimekayo. Walima isityalo sakhe sokuqala kwixesha lonyaka lowe-2008, sityalo eso yayingujongilanga owayekwiihektare ezingama-20. Ngowama-2009 wenza isigqibo sokulima onke amasimi waza wakwazi ukulima iihektare ezili-135 zikajongilanga neehektare ezingama-40 zombona.



Oku kwenzeka ubukhulu becala ngenxa yenkxaso yakwaGrain SA ngokusebenzisa inkqubo yoqeqesho neSenwes ngenkxaso yabo yemali nangenkqubo yokulandela ngoqwalaselo. 



UShimi Makoka 

UShimi Makoka wazalwa eMabieskraal kwingingqi yaseRustenburg apho wakhula khona waza wahamba isikolo kwiminyaka yokuqala. Waphumelela ibanga lematriki eRustenburg Secondary School. Ukuphuma kwesikolo uShimi wafumana idiploma yezifundo zePublic Management and Development eUnisa. 



Ngowe-1987, uShimi wabizwa yiLand Bank, kwaza oko kwaba sisiqalo somdla wakhe kwezolimo. UShimi wafaka isicelo sefama waza wanethamsanqa lokufumana ifama ngesixokelelwano se-PLAS apho asaqhuba khona umsebenzi wokufama kude kube ngoku. 







