Mpumalanga										Xhosa

Umfanekiso uzoba amazwi aliwaka… Iimvavanyo zemiboniso eMpumalanga



Imiyalelo:

Folio strap: Iimvavanyo zemiboniso

Byline: NguJane McPherson, umphathi wenkqubo wakwaGrain SA wenkqubo yophuhliso

Ifoto 1: Isiza sovavanyo eMalekutu. 

Ifoto 2: Umhlaba osecaleni kwesiza sovavanyo eMalekutu. 

Ifoto 3: Isiza sovavanyo eMbuzini.

Ifoto 4: Uvavanyo lomboniso eMatibidi.

Ifoto 5: Imihlaba yabucala kummandla wesiza sovavanyo eMatibidi.

Ifoto 6: Imihlaba yabucala kummandla wesiza sovavanyo eMatibidi.

Ifoto 7: UMnu. Jerry Mthombothi, umququzeleli wophuhliso lwephondo: eMpumalanga kuvavanyo eBronkhorstspruit.

Ifoto 8: UMnu. Jerry Mthombothi (ekhohlo) noMnu. Boy Mokoena (umlimi) kuvavanyo eBronkhorstspruit.

Ifoto 9: Isiza sovavanyo eDundonald.

Ifoto 10: Isiza sovavanyo eDundonald.



Omnye wemisebenzi yethu kwiNkqubo yoPhuhliso lwamaFama, efumana inkxaso-mali kwiMaize Trust, kukutyala nokulondoloza iimvavanyo zemiboniso kwimimandla eyahlukahlukileyo. Injongo yezi mvavanyo kukubonisa ‘indlela yokusebenza ebalaseleyo’ kwaye sisebenzisa ezi ziza ngezinye iintsuku zamafama ezibanjwa ngonyaka uphelele. 



Ifoto 1 ikwisiza sovavanyo eMalekutu, malunga nomgama wama-30 km kumntla-ntshona weNelspruit. Ifoto 2 ngumhlaba osecaleni kwesiza sovavanyo. 



Zininzi iindawo zengxoxo ezinxulumene nezi foto zimbini nomahluko kwizivuno ekufuneka zivunwe phakathi kwezi zityalo uya kuba sisiphumo sokulandelayo: 

Inqanaba lobumuncu pH lomhlaba: ikalika yayifakiwe ngovavanyo; 

Umsebenzi wokufaka isichumiso wenziwe: zithathiwe iisampulu zomhlaba apho bekufakwe khona ikalika nesichumiso – qaphela;

Iintlobo ngeentlobo: uvavanyo beluyimbewu ebiyintlanganisela kanti enye ibiyimbewu ebigcinwe ukususela kwisivuno sethuba langaphambili;

Umhla wokutyala: izityalo zovavanyo zatyalwa ngoNovemba 2007 zaza ezinye zatyalwa ngoDisemba 2007; 

Amanani ezityalo nezithuba phakathi kwemiqolo: nangona kuyinto engenakwenzeka ukubona izithuba kwifoto yovavanyo, izithuba eziphakathi kwezithuba komnye umbona zikhulu kakhulu zona. 



Ifoto 3 ithathwe kwisiza sovavanyo eMbuzini, kumgama ongange-150 km emzantsi-mpuma waseNelspruit, xa usiya ngaseSwaziland. Umbona apha ubukeka kakuhle kakhulu – ngakumbi xa uthelekiswa nezityalo ezilinywa ngamafama endawo leyo. Ukubaluleka kokuthathwa kweesampulu zomhlaba, ubumuncu bomhlaba (pH), ukufakwa kwesichumiso, amanani ezityalo, ukukhethwa kwemihlanganisela nokutshatyalaliswa kokhula nezibulali zezityalo zonke ezo zizihloko ekuza kuxoxwa ngazo kule ndawo. 



Iifoto 4, 5 neyesi-6 zathathwa eMatibidi (emntla Graskop). Le yindawo abaxhamla kuyo abahlali apho inkoliso yomsebenzi yenziwa khona ngesandla ngabafazi (uJerry Mthombothi, umququzeleli wophuhliso lwephondo laseMpumalanga uthi le ndawo phantse kungathiwa ixhatshazwa ngabafazi). Ifoto 4, yabantu abasentsimini abaphethe ii-umbrella zabo, yathathwa kuvavanyo lomboniso, lo gama ifoto yesi-5 neyesi-6 ziyeyamasimi abucala kule ndawo. 



Imibandela yomsebenzi wemveliso ebalulekileyo apho siqolosele khona kule ndawo imi ngolu hlobo: 

Ukuthathwa kweesampulu zomhlaba – ukukwazi ukufaka izixa ezichanekileyo zekalika nesona sichumiso sifanelekileyo;

Umhla ongowona ufanelekileyo wokutyala (inkoliso yombona ityalwa emva kwethuba);

Amanani ezityalo nokukhethwa kwemihlanganisela, kananjalo;

Ukutshatyalaliswa kokhula.



Amafama ale ndawo anikwa iitrektara noomatshini liSebe leZolimo laseMpumalanga kodwa naxa kunjalo inkoliso yomsebenzi usenziwa ngesandla – kukho iingxaki ezinkulu malunga nokwabelwa kwamaqela izixhobo eziya kufuna uqwalaselo olufanelekileyo xa kuza kufumaneka ukusetyenziswa kwazo okulungileyo okuya kuba lulwandiso-mali. Ngokomgaqo-siseko wokusebenzisana, yinto enokwenzeka ukwabelana ngezixhobo zezolimo nangeetrektara, kodwa umbuzo ngowokuba ukuzikhanda nokuzilondoloza kuya kwenziwa njani ngenxa yobunzima obungako bokulawula olo xanduva – ngubani kanye-kanye ofanele ukuphendula ngazo?



Iifoto 7 neyesi-8 zezikaMnu. Jerry Mthombothi (ekhohlo), umququzeleli wophuhliso lwephondo eMpumalanga kunye noMnu Boy Mokoena (umlimi) kuvavanyo lwaseBronkhorstspruit. Umbona ulunge kakhulu nangona ixesha lonyaka elineemvula lenze ukuba ukutshatyalaliswa kokhula ngoomatshini kube nzima. 



UMnu. Mokoena yayingomnye wabalingwa kuKhutshiswano lwamaFama loNyaka ngowe-2007 – xa sasimbona ngoJuni 2007, wayezimisele ukukuyeka ukulima ngenxa yembalela. Kulo nyaka unama-400 ha ombona njengoko kuboniswe kwiifoto ezikhaphaya! 



Maninzi amafama kule ndawo asebengabalimi abarhwebayo – ukutshatyalaliswa kokhula kuko kuphela okusengumqobo ekusafuneka uweliwe. Uzikiso lwethu esijolise kulo kwixesha lonyaka elizayo luya kuba sekutshatyalalisweni kokhula ngemichiza. 



Iifoto 9 neye-10 zezovavanyo eDundonald, empuma xa umntu esiya ngaseSwaziland ukusuka eBadplaas. Ifoto 9 ibonisa isiphumo solawulo olulungileyo nomahluko phakathi kolu vavanyo nenye intsimi kwifoto 10 ucacile. 



Iingxaki kule ndawo, njengoko kuqhelekile zibandakanya ukuthathwa kweesampulu, imihla yokutyala, amanani ezityalo, umsebenzi wokuchumisa nokutshatyalaliswa kokhula. Amafama kule ndawo akholisa ukutyala kwiindawana ezincinci zomhlaba oxhamlwa nangabanye abahlali. 



Sivuyisana noMnu. Jerry Mthombothi ngomgangatho weemvavanyo zomboniso wakhe kwaye sijonge phambili ekufundeni nangaphezulu ngeentsuku zamafama ezicwangciselwe iinyanga ezizayo. 





















