Money										Xhosa



Ukulawula iindleko zakho



Instructions: 

Folio strap: Imibandela yemali

Byline: Ulwazi lufunyenwe kwincwadi yoqeqesho yakwaGrain SA: Umsebenzi wokuvelisa umbona nentengiso



Mayikhunjulwe into yokuba umsebenzi wokufama xa kuthethwa gabalala ujoliswe ekuyileni iinzuzo. Ininzi imali efunekayo xa kuza kulinywa umbona kwaye ukufakwa kweenkcitho ezilindelekileyo ezinxulumene nokuveliswa kombona ngomnye wemibandela ebaluleke kakhulu kulawulo lwefama yezityalo eziziinkozo. 



Kuyimfuneko ukwahlukanisa iindleko ngokwezintlu ezimbini ezahlukahlukileyo – iindleko ezingqalileyo neziguquguqukayo nezingaphaya kweendleko ezisisigxina. 



Iindleko ezingaphaya kwezilindelekileyo

Ezi ziindleko ezinxulumene nomsebenzi wokuqhutywa kwefama iphelele – ziindleko ezingenakunxulunyaniswa ngokungqalileyo nokulima eso sityalo sithile. Ezi ndleko zikholisa ukuqhuba, nokuba kungeliphi ixesha okanye ithuba lonyaka. Ezi ndleko zibandakanya iintlawulo zobalo lweemali, iintlawulo zebhanki, iintlawulo zabasebenzi nemivuzo, ukutsalwa kwemali ebhanki, umbane, iimvume, ii-levy, ukukhandwa kwempahla kunye nolondolozo, imali eyinzala yeemboleko, iindleko zothutho, nezinto zokubhala njl.njl. Ezi ndleko zisenokwahluka kakhulu ukusuka kumfama ukuya komnye, kuxhomekeka: kubukhulu befama, kubunzulu bomthwalo nesimbo neendleko zolawulo. 



Iindleko ezingqalileyo/eziguquguqukayo

Ezi ziindleko ezinokwayanyaniswa ngokungqalileyo nesityalo esilinywayo. Ezi ndleko zibandakanya izinto ezifana ne-diesel, isichumiso, imbewu, imichiza, ukuvuna nabasebenzi bamathutyana athile. Kwiziganeko ezininzi, ezi ndleko zithelekiseka ngokweehektare kungathathelwanga ngqalelo uhlobo lomsebenzi wokufama nesivuno esinokubakho sesityalo esicwangciselweyo. 



Kubaluleke kakhulu ukuba kwenziwe ucwangciso olufanelekileyo lwemali phambi kokulima nasiphi isityalo. Kuphucuke kakhulu ukulungiselela nokulima indawo encinci ngendlela efanelekileyo ukuze amathuba okufuma isityalo esihle abe ngabalaseleyo. Kusoloko kukho iindleko ezingaqatshelwanga xa kusenziwa isicwangciso sokulima izityalo – ngezantsi kukho umzekelo weendlela zokulima ezinokufuneka ngethuba lenkqubo yomsebenzi wokuvelisa izityalo.



Imisetyenzana enokwenzeka nenokufuneka: 

Ukusasaza ikalika.

Idiski yamasimi.

Ukukrazula amasimi.

Ikhuba elisisitshwezi.

Ikhuba.

Ukulungiselelwa komandlalo wezithole.

Ukutyala.

Ukutshiza ngezitshabalalisi zokhula nangezezinambuzane.

Ukufakwa komaleko wangaphezulu (ukufaka isichumiso).

Ukuhlakula.

Ukongezelela ukutshiza ngezitshabalalisi zokhula nangezezinambuzane.

Ukuvuna.

Ukuthuthwa kwezityalo eziziinkozo. 



