Mistakes 

Ufunde nto kwixesha lonyaka elidlulileyo? 



Instructions: 

Folio strap: Umsebenzi wokuvelisa

Byline: NguJane McPherson, umphathi wenkqubo yakwaGrain SA yeNkqubo yoPhuhliso lwamaFama



Ukuba uza kwenza iimpazamo kulo nyaka, mazibe ziimpazamo ezintsha! Khumbula okulandelayo kwixesha elizayo lonyaka:



Ngenkcazelo elula nje, ukuba ayini imvula (njengoko bekunjalo kwiindawo ezininzi kunyaka ophelileyo) akusayi kubakho sityalo. Nangona kunjalo, ukuba iyana, unethuba elihle lokufumana isityalo.

Ngokuya iba nzulu imihlaba yakho, uya ngokuncipha umngcipheko okuwo kumsebenzi wokulima izityalo. 

Amafama asebenza intsimi yawo ngokuchanekileyo ngexesha lonyaka lasebusika naphambi kokutyala anethuba eliphucukileyo lokufumana isityalo esihle. 

Ukuba uthatha iisampulu zomhlaba uze ufake isichumiso emhlabeni wakho ngokuchanekileyo, uya kufumana isityalo esiphucukileyo. 

Ukhula lusisishwabulelo kumfama – ukhula luthatha ukufuma, izondlo, ukukhanya nomoya ekufuneka zisetyenziswe sisityalo sakho – tshabalalisa ukhula lwakho xa ufuna ukuba ngumfama olungileyo. 

Azisekho iintsuku ekwakuthiwa ngazo ‘krwela ukuze ulime’ – iindleko zokufaka igalelo ziphezulu kwaye akukho mntu onokukwazi ukusebenzisa iindlela zokulima ezingaphucukanga. 

Ukuthengisa isityalo sakho ngendlela echanekileyo kubalulekile – ngokuya ufumana icebiso eliphucukileyo, aya kuya ngokuphucuka amaxabiso oya kuwafumana. Asiyonto inokwenzeka ukuba yingcali kuyo yonke imiba - kufuneka ufumane icebiso malunga nokuthengisa. 

Khumbula – ukuze wenze inzuzo kufuneka uwasebenze amasimi, uthenge izinto eziligalelo, utyale isityalo, ufake umaleko wangaphezulu (yinto eqhelekileyo leyo), utshabalalise ukhula nezitshabalalisi-zityalo, ufake phantsi kweinshorensi isityalo nesivuno. Kubaluleke kakhulu ukwenza isicwangciso solwabiwo-mali ngokuchanekileyo – akuniki themba ukulima indawo enkulu kunamandla akho okuyilawula. Kuphucuke kakhulu ukulima indawo encinci kodwa okwaziyo ukuyilawula kakuhle. 

Ukuboleka imali kuyanceda, kodwa kufuneka ibuyisiwe. Into ephucukileyo kukwenza umsebenzi wokufama omncinci ngemali yakho kunokusebenza indawo enkulu ngemali yomnye umntu – imali eyinzala ngumbulali lowo! 







