Mechanisation (Maize)									Xhosa



Ukusebenza ngoomatshini – ubuthathaka obunokuchana abalimi abaninzi



Imiyalelo: 

Folio strap: Ukusebenza ngoomatshini

Byline: NguJane McPherson, umphathi wenkqubo yaseGrain SA yeNkqubo yoPhuhliso lwamaFama



Ukuba unenjongo yokuba ngumlimi wezityalo orhwebayo, akusayi kuba kudala phambi kokuba uqonde ukubaluleka koomatshini – iitrektara, izixhobo zokusebenza noomatshini. Ekuqaleni, xa usebenza ngomhlaba omncinci kakhulu, usenokuba nako ukuwenza ngesandla umsebenzi, okanye usenokusebenzisa itrektara yezilwanyana (iidonki okanye iinkabi zeenkomo). Nangona kunjalo, wakuba uqalile ukusebenza inani elikhulu leehektare, uya kunqwenela ukusebenzisa oomatshini ukuze wenze umsebenzi othe chatha ngethutyana elingephi. 



Sifumanise ukuba baninzi abalimi abangakwazi kuqhuba ngomsebenzi kuba mhlawumbi bengakwazi kufikelela kwiitrektara nakoomatshini abaneleyo, okanye ngenxa yemeko esilelayo yezi zixhobo. Itrektara ayinamsebenzi kumlimi xa ingakwazi kusebenza – nangasiphi isizathu.

 

Ukuhlolwa koomatshini



Ukuba unezixhobo zokusebenza, okanye unenjongo yokuzithenga, kuya kufuneka ukuba kuhlolwe izixhobo ezilandelayo:



Iitrektara 

Ukuhlola itrektara kubandakanya ukuvavanya okulandelayo:

Ukuqwalasela amanqanaba eoyile namanzi. 

Ukufumana irekhodi yeenkonzo ezenziwe kwitrektara. 

Ukukhangela imeko yamathayara. 

Ukukhangela iindawo ezivuza ioyile – makungabikho zindawo zivuzayo. 

Qalisa itrektara uze umamele injini. 

Yindulule uze uqwalasele ukusebenza kweklatshi kunye neegiyeri.

Hakisha ufake igajethi uze uqwalasele izixokelelwano zokuphakamisa nezokusebenza

 kwamanzi.

Ingaba iyasebenza na i-PTO? 

Ingaba zonke iigeyiji nezikhanyisi zokulumkisa ziyasebenza na? 

Tsala isixhobo segajethi uze ujonge ukuba ingaba itrektara inawo na amandla.



Itrektara
 
Uhlobo
 
ii-kW
 
Imeko (ingaba itrektara ikwimeko esebenzayo na – ukuba akunjalo, chaza ingxaki kanti ukuba kuyenzeka qikelela iindleko zokukhanda) 
 
Ixabiso
 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 




Izixhobo zokutyala 

Qinisekisa uhlobo lwentsebenzo-matshini yesixhobo sokutyala – ingaba sisixhobo sokutyala esiyipleyiti na, isixhobo sokutyala esisebenza ngomoya na okanye intsebenzo-matshini esabuminwe na? 

Isixhobo sokutyala sityala imiqolo emingaphi? 

Hakisha isixhobo sokutyala kwitrektara. Faka imbewu nesichumiso kwiifaneli. Qhuba itrektara kumgama omalunga neemitha ezili-10 uze uqinisekise ukuba yonke imiqolo iyasebenza. Ukuba imbewu kunye okanye isichumiso aziphumi ngendlela efunekayo, qwalasela ngokuqaphela iindawo ezishukumayo ukuchonga ingxaki. 

Qinisekisa ukuba kukho iipleyiti ezongezelelweyo zesixhobo sokutyala (xa isisixhobo sokutyala esiyipleyiti).



Isixhobo sokutyala 
 
Uhlobo
 
Ubukhulu/inani lemiqolo 
 
Imeko (chaza)
 
Umgama wesithuba esiphakathi kwemiqolo
 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 


Izitshizi ze-boom 

Phambi kokuhakisha isitshizi, qwalasela inqanaba leoyile empompini. 

Hakisha isitshizi uze usinxulumanise kwi-PTO. Sebenzisa isitshizi uze uqwalasele ukuba yonke imilomo iyatshiza. 

Qwalasela uxinzelelo. 

Ukuba kukho iingxaki, fumanisa ingxaki – ingaba yimpompo, sisihluzi okanye yimilomo? 

Ukuba isitshizi asikho kwimeko yokusebenza, ingaba sinako na ukukhandwa? 



Isitshizi
 
Uhlobo
 
Ubukhulu/inani lemilomo 
 
Imeko (chaza)
 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 


Iigajethi nezixhobo zokusebenza 

Hlola isakhelo – ingaba sigobile okanye sineentanda na? (Khangela iziva zokutywina).

Hlola zonke iibholiti neendawo zoqhagamshelwano.

Hlola iindawo ezidibana nomhlaba (izikere okanye iidiski) – ingaba zifuna ukususwa kufakwe ezinye endaweni yazo? 

Hlola imibhobho neempompo ezisebenza ngamanzi – ingaba zikwimeko entle yokusebenza kwaye azinazindawo ezivuzayo na?

Hlola amavili asebenza uthutho – qwalasela uxinzelelo lwamathayara.

Qwalasela iibheringi kwiigajethi – ingaba yonke into ifakwe igrisi kwaye zikwimeko yokusebenza? 



Iigajethi 
 
Uhlobo
 
Ubukhulu
 
Imeko (chaza)
 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 
Qinisekisa ukuba wenza uvavanyo locoselelo lwazo zonke iitrektara nezixhobo zokusebenza ukuze ungenzi linge lokusebenza umhlaba omkhulu ngaphezu kokuba zinokukuvumela izixhobo zakho. Kubhetele ukufumana inzuzo kwiihektare ezimbalwa kunokufumana ilahleko kwiihektare ezininzi zomhlaba. Into efunekayo kukusebenza umhlaba omkhulu kangangoko unokuwusebenza ngocoselelo.

