Mechanisation (Maize) 								Xhosa

Ulawulo lokusebenzisa oomatshini – luxanduva lukabani?



Imiyalelo: 

Folio strap: Ukusetyenziswa koomatshini

Byline: UWillie Kotzé, ingcali: uqeqesho nophuhliso lwaseGrain SA lweNkqubo yoPhuhliso lwamaFama 



Kusenokwenzeka ukuba uye waba nethamsanqa ngokwaneleyo lokufumana iitrektara nezixhobo zokulima ezivela kwiSebe lezoLimo, okanye mhlawumbi kwelinye iqumrhu. Kusenokwenzeka ukuba wena ngokwakho ube akuzinikwanga izixhobo, kodwa ulindeleke ukuba wabelane ngazo nabanye abavelisi. Oku kunzima. Nangona kunjalo, khumbula ukuba unethamsanqa elithe chatha xa kuthelekiswa nabanye abaninzi abangenalufikelelo kwiitrektara nakwizixhobo kwaphela. 



Ukusetyenziswa koomatshini yintsikelelo, kodwa kufuna ulawulo. Kukho iintlobo zoxanduva ezifanele ukuthwalwa nguye wonke ubani obandakanyeka ekubasebenziseni. Izenzo zolawulo ezibonisa ukukhathala makuxoxwe ngazo ukuze emva koko nithathe izigqibo njengeqela – kufuneka nivumelane ngendlela yokwenza zonke izinto, kwaye kufuneka niqiniseke ukuba wonke umntu kwiqela lenu uvumelana ngenqaku ngalinye ukuze nikwazi ukuphumeza izigqibo zenu emva koko. 



Oonobangela abanokubakho bongquzulwano 

Baliqela oonobangela bongquzulwano malunga nokusetyenziswa kweetrektara kunye nezixhobo ezidityanelwayo, zinje ngezi zilandelayo:

Ingaba abantu kufuneka bekuhlawulele ukusebenzisa izixhobo, ukuba kunjalo, kutheni?

Kufuneka abantu behlawule bani xa befuna ukusebenzisa izixhobo? 

Ukuba kufuneka behlawule, iza kubalwa njani intlawulo – ngeyure okanye ngehektare? 

Baninzi abantu abafuna ukusebenzisa izixhobo ngosuku olunye.

Omnye umvelisi unamasimi amaninzi kwaye ufuna ukuwasebenza onke amasimi akhe – kanti abanye abavelisi banentsimi enye encinci kuphela. Zingaphi iihektare ezinokusetyenziswa ngumntu omnye? 

Abasebenzisi baza kuyifumana phi idiesel? Ingaba umntu ngamnye kufuneka athenge isiphathi esincinci esizeleyo kwigaraji yendawo ahlala kuyo, okanye ingaba iqela liza kuba netanki enkulu apho linokumpompa khona idiesel? 

Ukuba idiesel iziswa ngesixa esikhulu, ngubani oza kuthwala uxanduva lokulawula ukusetyenziswa kwayo. Ngubani umntu onenkathalo? 

Idiesel iza kuthengwa kwaye iphinde ithengiswe ngexabiso elifanayo, okanye ingaba iqela linenzuzo encinci eliza kuyenza, enokusetyenziselwa ukuhlawula iindleko ezithile zolondolozo?

Ukuba kukho into eyaphukileyo kwitrektara, ngubani othwala uxanduva lokukhandwa kwayo? 

Emva kokusebenzisa itrektara, ingaba itrektara kufuneka ibuyiswe ngetanki yediesel ezeleyo na? 

Abaqhubi betrektara – ingaba inokuqhutywa nangubani, okanye ingaba kufuneka kubekho umqhubi obekiweyo, okanye obona buncinci, nokuba ngubani onemvume yokuqhuba itrektara? 

Ingaba izixhobo zinikwe bani? 

Ingaba “abanini” sebezichonge ngokwamagama abo (o.k.t. ingaba esi sixhobo sifanele ukusetyenziswa linani labantu eliqingqiweyo kuphela, okanye nabani phakathi kwabahlali bephelele banokusisebenzisa?) 

Yintoni injongo ephambili yesi sixhobo? (Kufuneka sisebenze imihlaba enokulinywa, okanye ingaba sisenokusetyenziswa kananjalo ngeenjongo zothutho?) 

Ingaba kufuneka sigcinwe phi isixhobo – kwishedi enokufikelelwa nguye wonke umntu, okanye kumakhaya abantu ngabanye? 

Iitrektara ziza kuyifumana phi inkonzo yohlaziyo? 

Ngubani oza kugcina ingxelo yokuba iitrektara ziyinikwe nini inkonzo yohlaziyo? 



Uxanduva lomnini (lwabanini)

Ingaba abanini bayalwazi uxanduva lwabo malunga nokusetyenziswa kwesixhobo? 

Ingaba iinkqubo zisekwe kakuhle malunga nokusetyenziswa kwezixhobo? 

Ingaba kukho imithetho nemigqaliselo malunga nokuba: 

Ngubani onokusebenzisa izixhobo, kwaye nini? 

Ngubani onokubhexesha ukusetyenziswa kwezixhobo? 

Iindleko zihlawulwa njani? 

Iinkonzo zohlaziyo nokukhanda? 

Ukuqeqeshwa kwababhexeshi?

Amanyathelo okhuselo? 

Ukufakelwa kweetrektara nezixhobo endaweni yezikhutshiweyo? 

I-inshorensi kwiitrektara nezixhobo? 

Uvavanyo lwemeko yezixhobo? 

Iintlobo zobhambathiso nababhexeshi? (Ukuba umntu uhlawulelwa ukuqhuba njl.njl.) 

Ubhambathiso nomnini womhlaba – yintoni ekufuneka yenziwe, kwaye yenziwe

ngokweyiphi imigangatho? 

Izicwangciso zamaxesha?

Iinkqubo malunga nokufakwa kwemilinganiselo kwizitshizi nezixhobo zokutyala? 

Ulawulo emva kokusetyenziswa ngakunye – umzekelo, emva kokutshiza intsimi, makugcinwe ingxelo yemichiza ekufuneka ifakiwe? 

Ukunikwa kwenkxaso nentlawulo yediesel? 



Ababhexeshi (abaqhubi betrektara) 

Ngubani onayo imfanelo yokuqhuba itrektara? (Ngubani onokucelwa ukuqhuba itrektara?)

Ingaba kukho naluphi uqeqesho ekufuneka lufunyenwe ngababhexeshi? 

Ngubani oza kwenza uqeqesho malunga nokusetyenziswa kwetrektara ngokwendlela esekwe kwincwadi yoqeqesho lombhexeshi?

Luxanduva lukabani ulawulo lwababhexeshi? 

Ingaba itrektara nganye inomqhubi omnye kuphela, okanye ingaba ngabantu abahluka-hlukeneyo abaqhuba itrektara ngamaxesha ahluka-hlukeneyo? 

Ukuba kukho ngaphezu komqhubi omnye, ngubani onoxanduva lwetrektara? 

Ngubani onomthwalo wokuqwalasela itrektara ngentsasa nganye phambi kokuba iye emasimini? 

Ngubani ekufuneka eqinisekise ukuba imeko yemihla ngemihla yeetrektara isemgangathweni? 

Ingaba kukho izixhobo kunye nezibonelelo zokucoca iitrektara nezixhobo? 

Iingxaki naziphi kufuneka zixelwe kubani? 

Zeziphi iinkqubo ekufuneka zilandelwe xa kukhandwa iimposiso? 

