Marketing										Xhosa



Ukuthengisa ngenjongo yokufumana ixabiso elilelona lihle



Instructions:

Folio strap: Ukuthengisa umbona

Byline: Liqhelaniswe ukusuka Kwizifundo Zolawulo Loshishino Kwezolimo nguJane McPherson



Isoloko iyinto ephucukileyo into yokufumana ummandla wentengiso yesityalo phambi kokusityala, kodwa baninzi abantu abaqala ngokutyala, ngethemba lokuba baya kufumana ixabiso elihle xa sebesivelisile isityalo. Kwibanga langoku kubalulekile ukuba nesicwangciso sokuthengisa isityalo ngendlela encomeka kangangoko ukuze ufumane imali kangangoko unokufumana ngemveliso. 



Isicwangciso sokuthengisa masenziwe ngaxeshanye nesicwangciso sezinto eziphathekayo ezenzelwa imveliso. Izakhono zomvelisi zokuthengisa zibaluleke njengezakhono zokuvelisa imveliso. Ukwandisa izakhono zokuthengisa, kufuneka imbonakalo-luvo yovakalelo neyempumelelo kwaye kufuneka iphuhliswe malunga nokuthengisa. Isicwangciso sobuchule bokuthengisa esisetyenziswa ngumfama othile okanye liqumrhu lokufama siyinxalenye yenyanda esisixa esipheleleyo yolawulo lwemingcipheko esetyenziselwa ukuqinisekisa ukusinda kwezemali kwithuba elide. Ezolimo zijongene neentlobo ezininzi zokungaqiniseki nemingcipheko. Ukungaqiniseki ngamaxabiso kwenza ukuba kube nzima ukwenza isicwangciso kodwa kube kubalulekile kananjalo isicwangciso sokuthengisa sincedisa umvelisi ukucutha imingcipheko yamaxabiso nangona zingayibhangisi. 



Imbonakalo-luvo yakho malunga nokuba semngciphekweni iya kuyichaphazela ngamandla indlela owenza ngayo izigqibo zakho ngokuphathelele nokuthengisa. Kwiminyaka emininzi edlulileyo xa kwakukho isixokelelwano esilawulwayo sokuthengisa ngexabiso elisisigxina, uninzi lwamafama lwalukhalaza ngokuba alwenzi nzuzo xa lusebenzisa amaxabiso abekiweyo. Njengoko ngoku lingasekho ixabiso elilawulwayo kwaye intengiso iyintengiso ekhululekileyo, amafama amaninzi akhalaza ngokuba imimandla yentengiso ayifikeleleki. Nasiphi isixokelelwano sommandla wentengiso siza nemiceli-mingeni eyiseti kwaye kubalulekile ukuwabamba amathuba avulekayo. 



Ukwenza iimpazamo yinxalenye yobomi engenakuthinteleka – ukwenza iimpazamo kumsebenzi wokufama yinxalenye yalo msebenzi. Nangona kunjalo ukuba sisoloko sisenza iimpazamo loo nto ithetha ukuba asiyi phambili; sithetheleka bhetele xa sisenza iimpazamo ezintsha kuphela kuba oko kubonisa ukuya phambili. 



Uhlalutyo lwemisebenzi yentengiso yethuba langaphambili 

Ingaba ubuwachwayitele amaxabiso abesetyenziswa kwithuba elidlulileyo?

Yeyiphi imisebenzi yentengiso esebenze kakuhle? 

Kutheni ucinga ukuba isicwangciso sobuchule osisebenzisileyo siqhube kakuhle? 

Ngawaphi amaxabiso owasebenzisileyo kanye-kanye xa kuthelekiswa namaxabiso esizwe angawona aphantsi, angawona aphezulu nangawona aqhelekileyo kweli lizwe? 

Yeyiphi imisebenzi yentengiso engasebenzanga kakuhle? 

Kutheni ezinye zezicwangciso zakho zobuchule zingaqhubanga kakuhle? 

Ziintoni iinjongo zakho zoshishino kwiinyanga ezizayo ezilishumi elinesibini nangaphezulu kwiminyaka emihlanu ezayo – ezi njongo ziza kusichaphazela njani isicwangciso sokuthengisa? 



Ishishini lam lomsebenzi wokufama liqhuba njani?

Kufuneka uwubone umsebenzi wokufama njengeshishini kwaye kuyimfuneko ukuba rhoqo: 

Uphengulule isimo sezemali seshishini lakho liphelele. 

Uqinisekise ukuba kunyanzelekile ukuba iingxelo zezinto eziphathekayo nezemali zonyaka odlulileyo, kubandakanywa iindleko zezityalo eziphelela kakhulu emdeni, iingxelo zengeniso, imiqukuqelo yemali esesandleni kunye namacwecwe okulungelelanisa kufuneka egqityezelwe okanye ehlaziyiwe. 

Iingxelo zengeniso eziziswe ngaphambili, imiqukuqelo yemali esesandleni kunye namacwecwe okulungelelanisa kunye neendleko zohlalutyo lwengeniso eziphelela kakhulu emdeni, zinako ukulungiselelwa ukubonisa iziphumo zomboniso wamaxabiso ombona ahlukahlukileyo. 

Imiqukuqelo yemali esesandleni enganelanga kumaxesha ngamaxesha onyaka iya kunceda ukukubonisa ukuba sesiphi isicwangciso sentengiso esisesona sifanelekileyo onokusilandela.

Isicwangciso semveliso ephathekayo, i-inshorensi nesentengiso sihamba kunye nesicwangciso semali. 





Ukuseka amanqanaba amaxabiso ekujoliswe kuwo 

Ukuba akunafifi lweendleko ozenze ngesityalo sakho, kunzima ukwazi ukuba yimalini na ekufuneka uyifumene (ngetoni enye) ukuze ukwazi ukufumana inzuzo. Cinga ngokulandelayo: 

Bala isixa esipheleleyo seendleko zemveliso ngehektare nganye nangetoni enye evelisiweyo. 

Thathela ingqalelo iindleko ezingqalileyo – imbewu, isichumiso, i-diesel, izitshabalalisi zokhula, izitshabalalisi zezibulali-zityalo, abasebenzi bamathutyana neinshorensi yesityalo.

Bala icandelwana leendleko ezisisigxina isityalo esingumbona esifanele ukuzithwala kwingqikelelo yesiqabu solungelelwaniso nexabiso lenzuzo ekufuneka lihlangatyeziwe ngentengiso. Iindleko ezisisigxina zibandakanya irhafu, inzala, abasebenzi abasisigxina, umbane (zonke iindleko eziqhubayo nokuba usityalile isityalo okanye akunjalo). 

Isiqabu solungelelwaniso sichazwa njengexabiso apho imiba ejingayo engqalileyo nelungeleleneyo esisigxina ihlangatyezwa khona ukuvelisa inzuzo engenasixa sisalayo. 

Imveliso yombona ikholisa ukuba yinxalenye yesixokelelwano semveliso yefama ethile. Imveliso yemfuyo ebanzi neyenzisiswayo okanye umsebenzi wokucola nokuba ngowokuxuba umbona ukwenzela imixube yesondlo isenokuba ngumbandela oqhubela phambili umsebenzi wokuvelisa umbona. Umbona kananjalo usenokuba sisityalo esibaluleke kakhulu esisetyenziswa kwisicwangciso somjikeleziso wezityalo owenziwa efama. Kubalulekile ke ngoko ukuyikhumbula yonke le mibandela xa kusenziwa izibalo zexabiso ‘elilelona liphantsi’ – khumbula ukubeka ixabiso ngokunjalo kwezinye izinto eziluncedo ekuveliseni isityalo. 

Ukwishishini kwaye ukuba kufuneka uhlale kwishishini kufuneka wenze inzuzo kuwo nawumphi umsebenzi owenziwa efama. 



Ukuba ngumlimi kunzima kwaye mininzi imibandela ekufuneka igcinwe engqondweni ngesigqibo ngasinye. Ukuba ushiye intengiso yakho kwaye akuqinisekanga ngento omawuyenze, ndwendwela ishishini leZolimo lakho elilelona likufutshane okanye abarhwebi bezityalo eziziinkozo ukuze ufumane icebiso kangangoko unako. Nangona umntu kufuneka ewalumkele amacebiso, bakhona abantu abalungileyo nabathembekileyo phandle apha bakhona abanako ukukunceda ngenene – bafumane!







