Management (Maize)									Xhosa

Ulawulo lwefama – ukwenza nokulondoloza inzuzo



Instructions: 

Folio strap: Ulawulo

Byline: Ulwazi luhlanganiselwe ngokusebenzisa incwadi yoqeqesho ngoLawulo lweFama ukwenzela iiNzuzo nguMarius Greyling

Grabbing quote: Xa ungakwazi ukulinganisa, akunakukwazi ukulawula.



Njengoko sonke sisazi, umsebenzi wokufama lishishini kanti ukuba ungumlimi orhwebayo mininzi imibandela ekufuneka ithathelwe ingqalelo enokwenza ukuba ishishini lakho libe nenzuzo.



Okulandelayo makuhlale kukhunjulwa:

Injongo ephambili kukwenza nokulondoloza inzuzo elondolozekayo.

Yonke into eyenziwa efama inamandla eempembelelo kwingeniso. Ingeniso - Inkcitho = Inzuzo/Ilahleko.

Kwenziwa iingcebiso malunga nezinto emazenziwe/ezinokwenziwa kunye/okanye okufunekayo ngokwasemthethweni malunga nolawulo lwemimandla eyahluka-hlukeneyo yolawulo lwasefama. Eyokuba amacebiso alandelwe oko kuya kuba kukukhetha noxanduva lomvelisi/umlawuli.

Ulwazi – lwangaphandle nolwangaphakathi (iirekhodi zangaphakathi) lubaluleke kangangoko.

Ishishini lokufama eMzantsi Afrika liyinxalenye nomthwalo welali elihlabathi, ngoko ke liyachatshazelwa yiloo nto yenzeka ehlabathini.

Ifama ibonwa njengesixokelelwano esipheleleyo kanti ummandla ngamnye uneempembelelo kweminye imimandla, ngamanye amazwi indlela yokulawula eli shishini yindlela ehlanganisela ngokupheleleyo.



Umda wolawulo

Kaninzi uva okulandelayo: “Kutheni abanye abavelisi kummandla othile baqhubela phambili ngaphezu kwabanye abalima kwakuloo ngingqi phantsi kweemeko ezifanayo, okanye kutheni abanye abavelisi besinda kumaxesha anzima lo gama abamelwana babo betshatyalaliswe ziimeko ezifana nezo?” Impendulo kukuba abanye abavelisi balilawula phucukileyo ishishini labo lokufama kunabanye. Kodwa yintoni ulawulo, okanye malunga nalo mba, ulawulo lwefama?



Ulawulo lwefama lunokuchazwa njengokuthatha ezona zigqibo zibalaseleyo (eziphenjelelwa ziinjongo ngokufanelekileyo) malunga nomthombo ongabantu ukuze kuzuzwe iinjongo zeshishini elithile.



Isakhono sokulawula ngokwenkcazo kuthetha ukuba umvelisi makasebenzise imisetyenzana emine yolawulo, ukwenza isicwangciso, ukuhlela umsebenzi, ukuwuphumeza nokuwulawula, ngokuncomekayo. Nangona iyinto enokwenzeka ukwahlukanisa phakathi kwemisetyenzana emine, inkqubo yolawulo yinkqubo enganqunyanyiswayo. Phakathi kwenkqubo yolawulo umvelisi makasebenzise iqela lemisetyenzana yolawulo eyile ukuthatha izigqibo, unxibelelwano, inkuthazo, unxulumaniso, ukugcina ucwangco, ukuthuma nokukhokela.



Umsebenzi wokufama uchazwa njengokuthatyathwa kwesigqibo esijoliswe kwimpumezo. Ukwenza ezona zigqibo zifanelekileyo malunga nemibandela yokufama enokusetyenziswa, umvelisi makabe nokulandelayo:



Ingqiqo enesidima nomoya wokuphendula ngezigqibo azenzileyo umntu;

Amava malunga nezenzo;

Ulwazi ngobuchule bomsebenzi;

Ukuhlakanipha malunga noshishino; kananjalo

Ulwazi ngefama ayilawulayo.



Imimandla yolawulo

Phakathi kweshishini lokufama umnini/umlawuli makalawule imimandla elandelayo:



Ulawulo lwemveliso – ukuvelisa ubuqu beemveliso;

Ulawulo lokuthenga – ukuthenga amagalelo omsebenzi wokuvelisa nezinto ezibubutyebi xa zinokuthengiswa;

Ulawulo lokuthengisa – ukuthengisa iimveliso;

Ulawulo lwemali – ulawulo lwemali lubandakanya iirhafu, ukwenza izicwangciso ngempahla engashenxiswayo, umngcipheko kunye nentandabuzo;

Ulawulo lwendlela yokuqhuba umsebenzi – ukulawula iofisi neengxelo;

Ulawulo lwemithombo yobutyebi obungabantu – abaqeshwa nomsebenzi;

Ulawulo lobudlelwana nowonkewonke – iintlobo zobudlelwana nonxibelelwano;

Ulawulo lwezinto ezibubutyebi xa zinokuthengiswa – ukulawula indlela yokusebenza, ulondolozo nokuthengisa;

Ulawulo lwempahla – ukulawula indlela yokusebenza; kananjalo	

Ulawulo jikelele – impilo nokhuselo lwasemsebenzini, ulawulo lomlilo, ubusela nokhuseleko lwefama.



Indlela yokuphucula ummandla ngamnye kule mimandla nokukhulisa kunye nokulondoloza iinzuzo kuya kuxoxwa ngako kwiiPula/Imvula zeenyanga ezizayo. Iingcebiso kunye/okanye amacebiso, aya kuba luncedo ekwandiseni nasekulondolozeni inzuzo yeshishini, aya kunikwa malunga nommandla ngamnye wolawulo. Isalathiso sezinto ezifunekayo ngokwasemthethweni naso siya kunikwa. Nangona kunjalo, kuya kuxhomekeka kumvelisi/umlawuli ngamnye ukuba uyawasebenzisa na amacebiso okanye hayi. Akukho mntu unokunyanzelwa. Malunga nemigqaliselo yasemthethweni, xa umvelisi/umlawuli engawasebenzisi amacebiso uya kuluthwala ngokwakhe uxanduva ngesigqibo sakhe.







