Maintenance (OPOT) 										Xhosa



Ulondolozo lwesixhobo sokutyala



Imiyalelo:

Folio strap: 

Byline: Ulwazi lufunyenwe kuluhlu lwezifundo zoBhambathiso kwezoLimo



Ukunikwa kwenkonzo kwisixhobo sokutyala isityalo ngokwemiqolo kunokwenza umahluko phakathi kwesityalo esinika inzuzo kunye neelahleko eziphezulu. Ukukhetha, ukubeka, ukugquma kunye nokomeleza imbewu yeyona misebenzi ibalulekileyo kwimveliso yesityalo. Ukuba isixhobo sokutyala asisebenzi kakuhle ngenxa yokunganikwa nkonzo, ngoko ke isiphumo esinokubakho sinokunika izivuno ezinganeno kwezo bezilindelekile.



Isixhobo sokutyala isityalo ngokwemiqolo sisixhobo esingafuni mpazamo kwaye njengawo nawuphi umatshini ololo hlobo, sifuna ukhathalelo olukhulu. Makhe siqwalasele okubandakanyekayo.



Inkonzo enikwa ekuqaleni kwexesha lonyaka lokutyala

Coca isixhobo sokutyala ngocoselelo. 

Qwalasela ukuba ingaba akukho zithintelo na kwiinxalenye zesixhobo sokutyala ezinokunqanda intsebenzo-matshini ukuba ingasebenzi kakuhle.

Hlola intsebenzo-matshini yokuchola-chola ukukhangela iindawo ezonakalayo okanye ezaphukileyo; khanda okanye ususe ezinye ezonakeleyo ngokufaka ezinye endaweni yazo. 

Qwalasela isivutheli okanye ifeni kwizixhobo zokutyala ezisebenzisa umoya; uze uqwalasele imitywino, ngakumbi ngakwi-diski okanye umgqomo.

Hlola imizantsi yezitsibisi zembewu zohlobo lwepleyiti. 

Tshintsha iindawo ezibonisa ukonakala ngokufaka ezinye endaweni yazo, ezifana nentsimbi esisinqandi-mazinyo, intsimbi egeqayo, izipringi kunye nepleyiti enabe amazantsi yesitsibisi, ngokunjalo neenxalenye ezaphukileyo okanye ezonakeleyo.

Qwalasela zonke iibholiti ukuba ziqinile na; kananjalo qwalasela imidibaniso yemibhobho kunye neegaskethi kwisiqhoboshelo sesichumisi esilulwelo. 

Ukuba iziqhoboshelo zesichumiso esomileyo, izibulali-lukhula kunye nezitshabalalisi-zinambuzane bezithanjiswe ngeoyile xa isixhobo sokutyala besigcinwa, ngoku zisule zome.



Ulondolozo ngexesha lonyaka lokutyala

Ngexesha lonyaka lokutyala, tsalela isixhobo sokutyala ngaphakathi ubusuku bonke okanye sigqume ukuthintela ukuqokelelana kokufuma kwizitsibisi zokulondoloza izinto ezisetyenziswayo.



Ukuthambisa ngamafutha

Thambisa isixhobo sokutyala isityalo ngokwemiqolo ngamathuba okuphumla acetyiswa kwincwadi yoqeqesho   	lomsebenzisi. 

Sebenzisa uhlobo oluchanekileyo lwesithambisi. 

Ukunqanda ukuhlala kokungcola kwiibheringi, yiba soloko usula izifakelo phambi kokuzithambisa.



Phambi kolondolozo ekupheleni kwexesha lonyaka lokutyala

Khupha konke kwaye ucoce iibhokisi zesichumiso, izibulali-lukhula kunye nezitshabalalisi zezinambuzane, ngokunjalo namazantsi ezitsibisi zembewu ukuthintela ukurusa nokukhuthuka. 

Qwalasela iinxalenye ezonakeleyo uze ufake ezinye endaweni yazo phambi kwexesha lonyaka lokutyala elilandelayo.

Faka umaleko kwizivuli-misele, izigqumathelo zeemela okanye iidiski, kunye nazo naziphi iindawo “ezipolishwe’ ngeoyile okanye ngegrisi ukuthintela ukurusa.

Thambisa zonke iibheringi. 

Bophelela iziphawuli kwimo yothutho, uze ulondoloze isixhobo sokutyala kwisakhiwo. Thintela ukushenxa kwesixhobo sokutyala, amavili ajonge phezulu asuke emhlabeni okanye emgangathweni.



QAPHELA: Musa ukulondoloza isixhobo sokutyala kuxinzelelo lwamanzi kwisilinda ekude. Ukuphungula uxinzelelo lwamanzi, cima i-injini yetrektara uze ushenxisele izixhathiso zamanzi emva naphambili amaxa aliqela. Ngoku yahlukanisa imigca yamanzi uze ususe isilinda yamanzi ukuba unqwenela oko.



AMACEBISO NGOKHUSELEKO

Iincwadi zoqeqesho lomsebenzisi wesixhobo sokutyala nowetrektara zibandakanya amacebiso angqalileyo okhuseleko. Apha sikhankanya izimvo ezimbalwa jikelele. Amacebiso alandelayo aqhelekileyo okusebenzisa isixhobo sokutyala izityalo ngokwemiqolo ukuthintela ukwenzakala okunokubakho okanye ilahleko yobomi:

Yiba soloko usithobela ezantsi emhlabeni isixhobo sokutyala xa singasebenzi. Nanini xa kusenzeka, yenza inkonzo nezilungiso kwisixhobo sokutyala emhlabeni.

Qiniseka ngokusebenzisa izixhasi ze-jack okanye iibloko xa usebenza ngaphantsi kwesixhobo sokutyala

ukuthintela isixhobo sokutyala ukuba singawi.

Vumela umntu omnye kuphela, umsebenzisi, kwitrektara xa itrektara nesixhobo sokutyala zisebenza.

Ukucoca, ukuthambisa, okanye ukulungalungisa umatshini ohambayo kusenokukwenzakalisa. Kanti ukuhamba okanye ukuma phezu kwendledlana emxinwa xa sihamba isixhobo sokutyala kusenokumwisa umntu.

Phatha imichiza yezolimo ngegiyeri efanelekileyo yokhuselo. Ukukhetha okanye ukusebenzisa ngendlela engafanelekanga kunokwenzakalisa abantu izilwanyana, izityalo, imihlaba okanye ezinye izinto. Landela imiyalelo yomenzi wemichiza.











