Maintenance										Xhosa



Kwenzeke ntoni ngolondolozo?



Instructions:

Folio strap: Ulondolozo

Byline: NguJane McPherson, umphathi wenkqubo yakwaGrain SA yenkqubo yoPhuhliso

Ezi foto zezikhukukazi ezifukame kwimigqomo yezixhobo zokutyala namaqanda akwibhokisi yezixhobo zetrektara zitsale umdla wethu kumbuzo wolondolozo loomatshini. Oku kwetha kolondolozo asiyonto yenzeka ngemini enye – kodwa sisiphumo seenyanga neminyaka yokungalukhathaleli ulondolozo. 



Ukusetyenziswa kwezixhobo yinxalenye eyingxam yorhwebo kwezolimo – ngaphandle kwako umda wethu wokusebenza uphelela kwisixa somsebenzi onokwenziwa ngumntu omnye ngemini. Ulondolozo loomatshini kufuneka lube yindlela esiphila ngayo – kufuneka uqwalaselo oluncinci yonke imihla xa kunjalo akusayi kubakho zingxaki. 



Ukwaphuka kukholisa ukwenzeka qho xa itrektara okanye isixhobo sisebenza – kanti eli likholisa ukuba lelona xesha ofuna ngalo umatshini. Ukuba ke kodwa, unika ingqalelo kulondolozo lokuthintela, unokugcina imali eninzi kunye nexesha. 



Ukubeka phantsi izixhobo kwixesha lonyaka elixakekileyo kunokuthetha ukuqhawuka kwezikeyi kumfama. 



Le yiPula-Imvula kaDisemba eyinyanga efana neenyanga uninzi lwamafama asebenza nzima kakhulu ngazo emasimini abo – betyala isityalo sokugqibela sombona, behlakula amasimi ukuze batshabalalise ukhula, betshiza impehla egqobhoza isikhondo kananjalo bevuna ingqolowa yabo. 



Zimbalwa izinto ezinokukukhumbuza nezinokukunceda: 

Ulondolozo lwemihla ngemihla lwetrektara lubaluleke ngaphezu kokuba uninzi lwabasebenzisi lukholelwa. Umzekelo, ukuba uyasilela ukuqwalasela nokulungisa itrektara yakho yonke imihla, okulandelayo kunokwenzeka:

Isicoci somoya sisenokuvalwa kukungcola, ukuze oko kubange ukusebenziseka okwandileyo kwesibaseli nokwetha kwamandla.

Isicoci somoya sisenokuba nemigqobho sivumele ukungcola kungene kwinjini, ukuze ukonakala kukhawuleze kwenzeke.

Inqanaba leoyile yesingxobo somphambo wokujija lisenokuhla kakhulu, oko kubange ukonakala okukhulu kwenjini ngenxa yokunqongophala kokuoyileka okwaneleyo.

Ioyile kwisingxobo somphambo wokujija isenokuba mdaka, oko kubange ukonakala okukhulu kwiinxalenye ezingaphakathi zenjini.

Isixokelelwano sokupholisa sisenokulahlekelwa sisipholisi sayo, ngenxa yoko injini ibe shushu kakhulu, nto leyo enokonakalisa ngokuxhalabisayo iibheringi, iintsimbi ezihla zinyuka, kunye neevalvu.

Isitya sentlenge yesibaseli sisenokuvalwa kukungcola nerusi ukuze oko kubange ukubaleka kwenjini okungalingenanga, kanti inokude ime.

Iinxalenye ezingaqinanga okanye iinxalenye ezingafakekanga kakuhle zinokusilela, ziwe okanye zonakale, oko kwenze ukuba itrektara ingabi nalukhuseleko xa isetyenziswa.



Kuthintele ukwaphuka nokonakala okuneendleko ezingaka ngokuthatha imizuzu embalwa ngemini nganye phambi kokwenza ukuba itrektara iqalise ukusebenza ngokuqwalasela ulondolozo olulandelayo lwetrektara:

Qwalasela kwaye uhlaziye isicoci somoya.

Qwalasela inqanaba leoyile kwisingxobo somphambo wokujija.

Qwalasela inqanaba lolwelo kwisixokelelwano sokupholisa.

Thambisa izifakelelo zeoyile ngamafutha.

Qwalasela isitya sentlenge yesibaseli.

Oku kunokubonakala kungumsebenzi omkhulu, kodwa ukuba unokulandela esi siqhelo sincinci itrektara yakho iya kuqhuba ngokukusebenzela kwaye uya kukwazi ukuvuna isityalo ekupheleni kwexesha lonyaka. 



Ekupheleni kwexesha lonyaka lehlobo, izixhobo ezininzi ziyekwa kude kube lixesha lonyaka elilandelayo. Phambi kokubeka isixhobo, qwalasela okulandelayo: 

Shenxisa yonke inkunkuma, umhlaba ocukeneyo neoyile emdaka kumatshini.

Peyinta ngokutsha onke amabala akhuthukileyo okanye aqhekekayo.

Faka umaleko wepeyinti kwiindawo ezidibana nomhlaba okanye thambisa ioyile ukuthintela irusi.

Thambisa umatshini uphelele njengoko kucetyiswa kwincwadana yoqeqesho lokuwusebenzisa

Gcina izixhobo ngaphakathi (xa kunokwenzeka oko) ukuthintela ukuchachamba.

Phakamisa isixhobo uze usixhase ukuze ususe ubunzima baso emavilini. Khusela amavili elangeni ukuba umatshini uphandle (isingxobo esiqhelekileyo singakwenza oko).

Ukuba isixhobo sisebenza ngoxinzelelo lolwelo, faka isitshixo sokhuseleko uze uphungule uxinzelelo kwiisilinda zolwelo okanye mthobele phantsi umatshini. Zirhoxise iisilinda ngokupheleleyo ukukhusela iintsimbi zesilinda ekuruseni.



Kuthi kufika eli xesha, zibe izixhobo zokutyala seziwugqibile umsebenzi wazo obalulekileyo wokuhlwayela imbewu nokufaka isichumiso emhlabeni – ngoku lixesha lokuzikhathalela kancinci nazo: 

Khupha okuphakathi kwaye ucoce iibhokisi zesichumiso, izibulali zokhula nezibulali zezinambuzane, ngokunjalo namazantsi ekutaka kuwo imbewu ukukhusela ukurusa nokutyabuka. 

Qwalasela iinxalenye ezaphukileyo okanye eziqhekekileyo uze ufake ezinye endaweni yazo phambi kwexesha lonyaka elilandelayo.

Thambisa izivuli zemisele, imela okanye izigqumathelo ze-disk nazo naziphi iindawo ezipolishwa ngeoyile okanye amafutha ukuthintela ukurusa.

Thambisa zonke iibheringi. 

Tshixela iziphawuli kwisimo sesithuthi uze ulondoloze isixhobo sokutyala kwisakhiwo. 

Xhasa isixhobo sokutyala ngamavili ukuze sisuke emhlabeni okanye emgangathweni.







