Livestock (Maize) 									Xhosa



Ukufuya nokulima – umdibaniso olungileyo 



Instructions: 

Folio strap: Ukongezelela ixabiso

Byline: NguJane McPherson, umphathi wenkqubo yaseGrain SA yeNkqubo yoPhuhliso lwamaFama



Inkoliso yabavelisi bezityalo inayo nenxalenye yemfuyo emsebenzini wayo wokufama. Iinkomo neegusha zikholisa ukusetyenziselwa ukutya iintsalela zezityalo, nasekusebenziseni amadlelo efama. Kubaluleke kakhulu ukusebenzisa wonke umhlaba okhoyo kangangoko kunokwenziwa – akululanga ukufumana iinzuzo emsebenzini wokufama kwaye nayiphi ingeniso esecaleni nokuba incinci kangakanani iyanceda. 



Elizweni lethu, sikholisa ukubona ukutyisa okugqithisileyo. Oko kuyasidanisa kuba kusisiphumo sokugcina iinkomo ezininzi kakhulu, iigusha neebhokhwe emhlabeni othile ukuze ekugqibeleni umhlaba ungabi sakwazi ukulondoloza nayiphi impahla. Ukubhuqisa umhlaba ngokutyisa impahla kuthetha ukuba neliso elibona kufutshane kuphela kwaye sonke kufuneka sizabalazele ukuqinisekisa ukuba siwagcina amanani empahla esiyityisayo ingalawo amiselwe indawo leyo. Ukuba akuqinisekanga ngesakhono sokuthwala somhlaba wakho, zidibanise nesebe lendawo yakho lezoLimo, bona bayakukwazi ukwenza uvavanyo lomhlaba wakho. 



Omnye wemiba exhalabisayo ngumhlaba odityanelweyo. Ingxaki ayisosixokelelwano sokuqeshiswa komhlaba – ingxaki lulawulo lwesixokelelwano. Wonke umhlaba kufuneka ulawulwe, kwaye nabani onegunya makathathe izigqibo ezichanekileyo, nokuba kungenzeka ukuba angathandwa okwethutyana. Ukuba zininzi izilwanyana emhlabeni omncinci, mazithengiswe ezinye. Qalisa ngokuthengisa izilwanyana ezingandiyo. 



Imfuyo

Yonke imfuyo mayichazwe ngokweMilinganiselo Emikhulu Yemfuyo (Large Livestock Units - LSU). Isantya sokuguqula siboniswe kwitheyibhile 1.

Khumbula ukuba injongo yalo mzekeliso kukufumanisa isantya sokugcina impahla efama. 



Itheyibhile 1

Imfuyo 
 

 
Inani
 
Ukuguqula
 
i-LSU
 
Ixabiso/Inqanaba le-LSU


 
Ukuxabiseka
 

 
Impahla enkulu 
 
Eseyikhulile
 

 
1
 

 

 

 

 
 
 
Izilwanyana zobudala bonyaka omnye 
 

 
0,5
 

 

 

 

 
 
 
Inkunzi
 

 
1,2
 

 

 

 

 
Impahla emfutshane
 
Eseyikhulile
 

 
0,25
 

 

 

 

 
 
 
Amatakane 
 

 
0,1
 

 

 

 

 
Imilinganiselo Yemfuyo Esisixa Esipheleleyo (LSU) 
 
 
 

 

 

 

 

 


Into eyenza ukuba uphumelele asilonani lezilwanyana onazo kuphela, kodwa yimeko yezilwanyana, kananjalo nokwanda kwazo. Kufuneka ufumane ithole kwinkomo nganye qho ngonyaka – ngolo hlobo ke uneshishini. Unako ke ukuthatha isigqibo ngesilwanyana oza kusithengisa ukuze ngokwenza njalo, uyile ingeniso. 



