Legal (Maize) (385 words)								English



Umba wezomthetho kwishishini lakho



Instructions: 

Folio strap: Ukongezelela ixabiso

Byline: NguJane McPherson, umphathi wenkqubo yaseGrain SA yeNkqubo yoPhuhliso lwamaFama



Eyona ndlela ibalaseleyo yokwakha ishishini lakho lomsebenzi wokufama kukuba usebenze njengosomashishini ongumnini oyedwa – musa ukungenisa abanye abantu kwishishini lakho. Sonke sahlukile – abanye bayakwazi ukusebenza nzima kanti abanye abakwazi; abanye bathanda ukufama ngemfuyo ukuze abanye bathande umsebenzi wokuvelisa izityalo; abanye bayaloyika ityala kanti abanye abanjalo; abanye bafuna ukuba umsebenzi wokufama ube ngumsebenzi wabo wethuba elipheleleyo kanti abanye bafuna umsebenzi wokufama ube ngumsetyenzana osecaleni.



Ukuba uyazenzela umsebenzi wokufama, usesihlalweni sokuqhuba – oku akuthethi ukuba akunakufuna ncedo. KUFUNEKA ufune uncedo ebantwini abanamava, kodwa xa inguwe olawulayo, unako ukuthatha izigqibo uze uphumeze ezo zigqibo ngexesha elichanekileyo. Amashishini amaninzi awaphumelelanga kuba kaloku iqela lilonke kufuneka lithathe isigqibo – abanye babe bengenalo nolwazi, kanti abanye abanamdla, bakhona nabangakwazi ukusebenzisana nabantu, babekhona naboyikayo ukuzinikela emsebenzini, ukuze abanye bangazihambi iintlanganiso loo nto yenze ukuba iintlanganiso zingalenzi inani elifunekayo lokubamba intlanganiso ukuze kuthathwe izigqibo. Kunzima ukwenza umsebenzi wasefama, oko kuthethe ukuba xa uxhomekeke kwimvisiswano nabanye, ishishini lakho liysilela. 



Umba wezomthetho



Umbutho Wempahla Edityanelweyo – (Communal Property Association - CPA)
 

 

 
Ishishini leMvisiswano 
 

 

 
I-Trust
 

 

 
Iqumrhu
 

 

 
Imbumba esondeleyo
 

 

 
Ishishini lomnini oyedwa
 

 

 
Ubulingane
 

 

 


Umba wezomthetho weshishini lakho uneziphumo ezifikelela kude – malunga nokuthathwa kwezigqibo, ukuphumeza, intlawulo yomsebenzi owenziweyo, ukwabelana ngenzuzo nerhafu. Zama ukugcina umsebenzi ungenabugocigoci. 



Xa usebenza wedwa, akukho nto ikunqandayo ukuba ube lilungu leshishini lemvisiswano. Asiyikhuthazi into yokuba usebenze njengeshishini lemvisiswano. Zisebenzele, ube lilungu leshishini lemvisiswano kuphela ngenjongo yokuthenga nokuthengisa. Ukuba ulilungu leshishini lemvisiswano, ninako ukuthengisa kunye – oku kunceda abo bangekavelisi ngokwaneleyo ukuzithengisela ngokwabo (ukutya okuziinkozo kufuna izixa zobhambathiso – iitoni ezingama-50 okanye iitoni ezili-100). Ninokuvisisana ngendlela eza kuninceda nonke, kodwa akukho mntu oza kukulibazisa. 





