xhosa.1519.purity
USis Purity olilungu leqela leengcaphephe zokutya kweentsana lakwaPurity, uphendula imibuzo yakho malunga nokondla usana lwakho
Umbuzo woku-1:
Usana lwam, uCynthia, lusana olonwabileyo. Uneenyanga ezisi-7 kwaye kulula ukumonwabisa. Utya kakuhle, kodwa uyangcolisa. Usuka axhumel' icephe kuze ukutya kuthi saa! Uyazithanda ngokukodwa iiPurity desserts nekhastadi - kuba uyazithanda izinto eziswiti. Ndinexhala lokuba uza kutyeba. Ndithini"
- P Ntai, Soweto
Impendulo:
Noxa iiPurity desserts neekhastadi zisempilweni, kubalulekile ngeli xesha ukumtyisa iindidi zokutya ezohlukeneyo uCynthia, ufake nezinenyama, ezine-ayoni eninzi, ziluncedo kwingqondo esakhulayo kwaye usana lukhula londlekile. Ukutya okusebhotileni okunenyama kwakwaPurity, okufana nePurity Vegetables And Beef With Apples And Pears, iVegetables With Lamb And Apples And Peaches kuqulathe iziqhamo eziqhelekileyo nencasa yokutya okutsha ukongeza iindidi zokutya akutyayo.
Xa sele eziqhelile, ungaqala umtyise imacaroni, ibeef nokunye ukutya okuhluthisayo. AbakwaPurity baneendidi ezingaphezulu kwama-80 zokutya ezahlukeneyo needesserts ongakhetha kuzo ngoko musa ukuxhalaba ngokonwabisa uCynthia ngexesha lokutya. Ukuba ufuna angatyebi musa ukumnika iziselo ezihlwahlwazayo, iitshipsi okanye iibhiskithi eziswiti.
UCynthia uvakala ngathi lusana oluzithembileyo - ndiqinisekile akazukuku-phoxa. Ukuba uyaloxutha icephe mnike elakhe elithambileyo aza kudlala ngalo - utsho ube nexesha lokumfaka icephe eligcweleyo emlonyeni ngelixesha yena esadlala!
Umbuzo wesi- 2:
Kutheni iibhotile zakwaPurity zingabekwa efrijini evenkileni" Ngokuqinisekileyo ngaphandle kwezinqandi-kubola, azinakungonakali noxa ndiwujonga umhla wokonakala kwazo xa ndizithenga.
USista eklinikhi unomsindo kuba ziliqela iintsana ezifika zinesisu esihambisayo. Andifuni yenzeke loo nto kuBongani, usana lwam oluneenyanga ezisi-8.
Nceda undichazele ukuba kutheni iibhotile zePurity unako ukuzisebenzisa emva kwexesha elide"
- Z Mkhize, Vryheid
Impendulo:
Umbuzo omalunga nezinqandi kubola uyathandwa ngoomama, loo nto ke itsho indinike ithuba lokuthetha ngokhuseleko.
Iimveliso zakwaPurity azinazinqandi-kubola, ziphekelwa ebhotileni evaliweyo ukuze iintsho-longwane zingangeni. Kufuneka usoloko ujonga ukuba iqhosha elisisikhuseli lisezantsi na. Xa uyivula ibhotile, kufuneka ikhale, oku kubonakalisa ukuba iyaqala ukuvulwa. Kuhle xa uwujonga umhla wokonakala obhalwe ngokucacileyo kwiimveliso zakwaPurity. Khumbula, xa utyisa uBongani, phaka ukutya okumlingeneyo esityeni. Xa umtyisela ebhotileni, awunakukugcina ukutya okushiyekileyo kuba izingcwe zakhe ziza kukumanzisa.
Iibhotile zakwaPurity, xa sezike zasetyenziswa ngolu hlobo, zingagcinwa iintsuku ezimbini ukuya kwezintathu zivaliwe efrijini.
USis Purity uthi...
inqaku lentengiso
OOMAMA KUFUNEKA BESOLOKO BEDIBANA NABEZEMPILO PHAMBI KOKUBA BAQALE UKUTYISA UMNTWANA UKUTYA OKUQINILEYO. OOGQIRHA BABANTWANA ABANINZI ABAZIMELEYO EMZANTSI AFRIKA BACEBISA UKUBA USANA LWAKHO ULUNIKE IPurity EYENZELWE aBANTWANA ABAQALISA UKUTYA UKUTYA OKUQINILEYO.
Iinyanga ezibhalwe ezibhotileni zethu zitshintshiwe! Isizathu soku kukuba abakwaPurity banik' inkxaso kwiWorld Health Organisation (WHO) kunye neSebe lezeMpilo leli loMzantsi Afrika, NGOKO BAGQIBE KWELOKUBA BATSHINTSHE UBUDALA BEENTSANA EZIQALISA UKUTYA OKUQINILEYO KUBE ZIINYANGA EZINTANDATHU KWIIMVELISO ZONKE ZAKWAPurity. Kodwa ukutshintsha kwemibhalo yethu, akuzitshintshi iimveliso zakwaPurity zakuhlala ziziimveliso ezithenjiweyo ngoomama, abazisebenzise ukondla izizukulwana ngezizukulwana zabo. Azinazo IZINQANDI-KUBOLA, IMIBALA NEENCASA zOKUZENZELA, zineencasa nokuqina okwahlukeneyo nezakha-mzimba ezincedisa ukukhula kosana lwakho ngokwasemzimbeni nokwasengqondweni![x]
