Key performance areas

Yintoni imimandla yemisebenzi engundoqo?

Instructions:

Folio strap: Ulawulo

Byline: NguJane McPherson, umphathi wenkqubo Yophuhliso yakwaGrain SA 

Njengomfama, uxakeke ngezinto ezininzi – zonke ngesizathu. 

Uvavanya uze uhlele umhlaba wakho, kuba kutheni?

Ukuze ubone eyona ndlela ibalaseleyo onokuwusebenzsa ngayo umhlaba wakho.

Uthatha iisampulu zomhlaba uzithumele ukuze zihlalutywe, kuba kutheni?

Ukuze ube nako ukufaka isichumiso esichanekileyo kwisityalo sakho ukuze ufumane isivuno esisesona sifanelekileyo.

Umhlaba uyawukrazula okanye uwuhlakule, kuba kutheni?

Ukuze imvula enayo ikwazi ukungenelela emhlabeni.

Uyawukrrwela/uyawulima umhlaba ngethuba lefusi, kuba kutheni?

Ukuze ugcine umhlaba ungenalukhula ukuze kugcineke ukufuma emhlabeni.

Uphanda imimandla yentengiso enokubakho yesityalo onesicwangciso sokusityala, kuba kutheni?

Uqinisekisa ukuba uya kuba nommandla wentengiso sakuba sityaliwe isityalo.

Ungena kubhambathiso lwentengiso kwixabiso elithile, kuba kutheni?

Ukuze uqinisekise ukuba imveliso yesityalo iya kuba nenzuzo.

Ulungisa umandlalo wezithole, kuba kutheni?

Ukuze uqiniseke ukuba xa utyala imbewu iya kuba kubunzulu obuchanekileyo nokudibana okulungileyo nomhlaba ofumileyo ukuze kubekho ukuntshula.

Utyala inani elithile lezityalo ngehektare nganye yomxube ongowona ufanelekileyo, kuba kutheni?

Ukuze ukwazi ukuvuna esona sityalo sibalaseleyo.

Utyala isityalo ngesichumiso esithile ngokwenani elithile le-kg/ha, kuba kutheni?

Ukuze uvune isityalo esisesona sifanelekileyo. 

Utshiza intsimi ngesibulali sokhula saphambi kokuhluma, kuba kutheni?

Ukuze uthintele ukhula ekuntshuleni nasekukhuphisaneni nesityalo ngokufuma, ngesichumiso, ngokukhanya nangomoya.

Utshiza intsimi ngesibulali sezinambuzane emva kokutyala (okanye usasaza amahlalutyana), kuba kutheni?

Ukuze uthintele umonakalo owenziwa zizinambuzane kwisityalo sakho esisahlumayo.

Ulima phakathi kwesityalo sakho semiqolo, kuba kutheni?

Ukuze ubulale naluphi ukhula olunokukhuphisana nesityalo sakho.

Ufaka umaleko wangaphezulu kwisityalo sakho, kuba kutheni?

Ukuze unike isityalo ukuchuma okuyimfuneko ngenjongo yokwandisa isivuno sakho kangangoko.

Ukuze sinike isityalo sethu elona thuba linokufumaneka lifanelekileyo lesivuno esihle kangangoko, kuba kutheni?

Ukuze sifumane owona mgangatho ubalaseleyo unokufumaneka wesityalo.

Izinto ezikhankanywe ngasentla zizo zonke izinto ofanele ukukwazi ukuzilawula - unako ukwenza izigqibo wandule ke ukuthabatha inyathelo. 

Umbuzo olandelayo ngowokuba ingaba ungazi njani na ukuba zonke ezi zinto uzenze kakuhle na okanye akunjalo? Inye kuphela indlela onokuqiniseka ngayo ukuba usebenza kakuhle kukuba uzibekele umgangatho ukuze uthelekise umsebenzi wakho nawo. Xa unokukhangela eminye yemibuzo engasentla, uya kukwazi ukuba nempendulo eya kuba mhlawumbi ngu”ewe” okanye ngu”hayi” – umzekelo, umbuzo ngokuhlelwa nangokuthatyathwa kweesampulu zomhlaba – uya kuba ukwenzile oku okanye akukwenzanga. Nangona kunjalo, inkoliso yeminye imibuzo ilandelwa yeminye imibuzo kwaye inako ukulinganiswa ngokomgangatho:

Krazula okanye lima intsimi 

Ngomhla othile oqingqiweyo, kwaye ngokobunzulu obuthile.

Krwela/lima umhlaba ngethuba lefusi

Ingaba ugcine ukufuma komhlaba okwaneleyo ukuze utyale isityalo nokuze uhlakuleke kakuhle umhlaba xa kusina iimvula ezilindelekileyo?

Ngena kubhambathiso lwentengiso kwixabiso elithile

Sesiphi isivuno esilindelekileyo kwaye ngeliphi ixabiso?

Lungisa umandlalo wezithole

Ingaba ulungiselelo lomandlalo wezithole lwanele, kwaye ingaba oku ukwenze kuselithuba ukuze utyale isityalo ngexesha elilelona lifanelekileyo lokutyala ukwenzela umhlanganisela onesicwangciso sokuwutyala?

 Tyala inani elithile lezityalo ngehektare nganye 

Zingaphi izityalo ngehektare nganye obunesicwangciso sokuzityala kwaye ingaba oku uphumelele ukukwenza?

Tyala isityalo ngesichumiso esithile ngokwenani elithile le-kg/ha

Zingaphi ii-kg/ha obunesicwangciso sokuzityala kwaye ingaba uphumelele koku? 

Tshiza intsimi ngemichiza eyahlukahlukileyo

Ingaba usebenzise eyiphi imichiza kwaye ingaba usebenzise isixa esichanekileyo/ngehektare nganye?

Lima phakathi kwesityalo sakho semiqolo

Ingaba ulutshabalalisile ukhula?

Faka umaleko wangaphezulu kwisityalo sakho

Ingaba ubunesicwangciso sokufaka ntoni kwaye ufake ntoni ke?

Vuna isityalo ngexesha elifanelekileyo

Ufumene isivuno esingakanani/ngehektare, kwaye ubeke ixabiso eliqhelekileyo elingakanani elo ukwazi ukuthengisa isityalo ngalo? 

Zonke ezi zinto zinako: 

Ukwenzelwa isicwangciso

Ukuphunyezwa

Ukuhlalutywa ngokwempumelelo



Kukho i-inshorensi yegalelo ekhoyo efumaneka eARS nakwamanye amaqumrhu) eyilelwe ukukukhusela kwizenzo zikaThixo – ezi yimbalela, zizikhukula, zizichotho, yiqabaka, ngumoya nomlilo. Nokuba kunjalo, akakho ozimisele ngokufaka wena kwi-inshorensi ngenxa yolawulo lwakho olungalunganga. Kubaluleke kangangoko ke ukuba uhlalutye, wenze isicwangciso uze uphumeze zonke izenzo zolawulo ezibaluleke kakhulu. 

