Key 											Xhosa



Ukuba nesakhono semveliso sisitshixo sempumelelo



Imiyalelo: 

Folio strap: Ulawulo

Byline: Ulwazi lufumaneka kwincwadi yoqeqesho yoLawulo lweShishini lezoLimo



Umbandela obaluleke kakhulu ngempumelelo yomsebenzi wokufama kukuba nesakhono semveliso – oku kubandakanya imiba emibini elandelayo:

Ukuba nesakhono – ukwenza into elungileyo; kananjalo

Ukuthembeka – ukwenza izinto ngendlela elungileyo.



Ukuba nesakhono semveliso asiyonto efana ncam nesiphumo semveliso okanye nemveliso ngokwayo kodwa kubonisa izinto eziphuculweyo kwisakhono sokuguqula amagalelo ukuba abe ziziphumo zemveliso (iziphumo okanye iimveliso). Kusisiphumo segalelo elisingise ekukhuleni kwesiphumo semveliso; kaloku sukuba eminye imibandela seyiqwalaselwe. Kuyimveliso yosungulo engenakubanjwa ngesandla, ukuthembeka, ulawulo, uphando, imozulu kunye nethamsanqa.



Xa ukusetyenziswa kwezixhobo zegalelo ezifana nesichumiso, isiniki-mandla kunye noomatshini kufikelele kwelona qondo liphezulu okanye xa igalelo elingesosixa siphelele kwaphela sazo zonke iziganeko zegalelo lisiya kwindawo enganiki themba kancinci nje, ukuba nemveliso eyandayo kuya kuba yingxam yomthombo wokukhula kwesiphumo semveliso.



Ukukhula kwesakhono sokuba nemveliso kubonisa inguquko kwezobugcisa kunye neendlela zokuphucula isakhono kulawulo oluphucukileyo okanye kwiziganeko zoqoqosho lomlinganiselo olukhokelela ekuveliseni okuthe chatha kwinqanaba elinikiweyo lesiphumo. Ukusebenza ngokwesakhono semveliso kuthetha ukusebenza phucukileyo akuthethi ukuba kunyanzelekile ukuba usebenze nzima. Ukukhula kwesakhono sokuba nemveliso kunzima ukukulinganisa. Ukulinganisa ukukhula kwesakhono sokuba nemveliso kufuna ubalo lwazo zonke iziphumo kunye namagalelo kananjalo nokuzama ukulinganisa iziganeko zokuphucuka nezomqukuqelo wenene weenkonzo ezivela kumagalelo. 



Kubalulekile ukuqwalasela imilinganiselo yonyaka edlulileyo yesakhono semveliso esiphathekayo malunga nemiba eyahluka-hlukileyo yomsebenzi wemveliso kwifama yakho xa uqalisa ngenkqubo yocwangciso yezinto eziphathekayo nezemali kusenzelwa ixesha lonyaka elizayo.

