Journey (Maize) 									Xhosa

Ukuthatha uhambo olusingise kumsebenzi wokurhweba ngemveliso



Imiyalelo: 

Folio strap: Inkqubo yophuhliso lwamafama

Byline: NguJane McPherson, umphathi wenkqubo yaseGrain SA yeNkqubo yoPhuhliso lwamaFama



Ubizo lweNkqubo yoPhuhliso lwamaFama kukuphuhlisa abalimi abanesakhono, abalondolozekayo, abamnyama abarhwebayo. Le nkqubo yinxalenye yokugqibela yohambo olusingise kumsebenzi wokurhweba ngemveliso. 



Zonke iiprojekthi ezahluka-hlukileyo ezenza inxalenye zenkqubo yethu zinegalelo ekuzuzweni kweenjongo zethu – iintlanganiso zamaqela ofundo-nzulu, iimvavanyo zeenkcazo-miboniso, iintsuku zamafama, ulwazi ngabalingane bohlulelwano, ukhutshiswano lonyaka lwamaFama, iNkqubo yamaFama ekwiBanga eseliPhambili, izifundo zoqeqesho, iziganeko zosasazo kwirediyo nePula Imvula. 



Imiqathango yokukhethwa kwabalimi abakwiBanga eseliPhambili

Ufikelelo kumhlaba omhle nolimekayo ofanele umsebenzi wokuvelisa ukutya okuziinkozo, nethemba lomhlaba owongezelelweyo ukuze akwazi ukufikelela kwiwonga lokurhweba lweetoni ezingama-250 obona buncinci. (Ithuba lokusebenzisa umhlaba malikhuseleke, nangona singazikhathazi ngokuba ingaba umhlaba ngowakho na, ngumhlaba oqeshiweyo okanye ngumhlaba ophantsi kwengqesho edityanelweyo na). 

Nanini xa kunokwenzeka, umlimi kufuneka akwazi ukuzisebenzela ngokwakhe angabi yinxalenye yeqela. Ngokwamava ethu, xa abantu besebenza njengeqela, kusuka kubekho ungquzulwano oluninzi olwenza ukuba ibe ncinci kakhulu inkqubela eyenzekayo. Abantu abakwazi ukuzikisa amalinge abo kumsebenzi wemveliso.

Iitrektara nezixhobo zokusebenza ezaneleyo. Ngokwenene asiyonto inokwenzeka ukuba ube ngumlimi orhwebayo ngaphandle kokuba ube nofikelelo kwiitrektara kunye nezixhobo zokusebenza (Kwezinye iziganeko, abalimi kunokufuneka ukuba babe nobhambathiso ngexesha lokulima, okanye lokuvuna njl.njl. kodwa kufuneka akwazi ukwenza ubukhulu bomsebenzi ngokwakhe, okanye azenzele wonke umsebenzi ngokwakhe).

Umlimi kufuneka ukuba abe ebelilungu leqela lofundo-nzulu kwaye abe ebeye kwizifundo ezifanelekileyo zaseGrain SA ezithathu/ezine obona buncinci. Ngokuya kumaqela ofundo-nzulu, abalimi bayakwazi ukufumana ulwazi malunga nemveliso yokutya okuziinkozo. Zonke izifundo zoqeqesho zinegalelo ekuxhotyisweni komlimi ngoko ke kufuneka aye kwizifundo ukuze ancediswe ngokuphumeza izifundo azifunde kwifama eyiyeyakhe. 

Umlimi makakuthakazelele ukuthatha icebiso, azinikele emsebenzini wokufama kwaye abe noluvo-mbonakalo ebonisa ukuba nethemba. Xa umlimi engumlimi wokutya okuziinkozo kufuneka ukuzimisela nokuzinikela, kanti siye sifumanise ukuba inkoliso yabalimi bexesha elingaphelelanga bayoyiswa. Uphuhliso lomlimi ukuba abe kwiwonga lokurhweba luthatha ithuba elide ukuze ke ngoko lube lulwandiso-butyebi obubanzi – akufanelekanga ke ukuchitha yonke loo mali emntwini ongazimiselanga ngomsebenzi wokufama. 

Ngaphandle kokuba umlimi unemali eyaneleyo eyinkunzi yokuqalisa ukusebenza ngaphandle kwemali-mboleko, umlimi makakufanele ukufumana ityala, ukuze akwazi ukufikelela kwimali-mboleko yemveliso (umthetho omiselweyo omtsha wenza ukuba kuphantse kungabi yonto inokwenzeka ukuba abalimi bafikelele kwiimali-mboleko ukuze ke ngoko bangakwazi kuqhubela phambili). 

Kukho ixabiso kumlimi onamanye amashishini afaka ingeniso nawo. Nangona kunjalo, umlimi makazibandakanye ngokwakhe abe sefama. Asisebenzi “ngomnini-mhlaba ongekhoyo”.

