Irrigation (Maize)									Xhosa

Ukunkcenkcesha – kuthetha ukuthini?



Imiyalelo: 

Folio strap: Ukunkcenkcesha

Byline: Ulwazi lufunyenwe kwiMveliso yoMbona phantsi kwencwadi yoqeqesho ngokuNkcenkcesha

Ihlabathi linamava emeko emandundu yamanzi njengoko amanani abantu eqhuba ngokwanda kodwa sibe isixa samanzi akhoyo ehlabathini singandi sona (sinyiniwe). Imephu ibonisa ubukho bamanzi kwiindawo ezahluka-hlukeneyo zehlabathi. 















Baninzi abantu ehlabathini abangenalufikelelo lokhuseleko lokutya nolwamanzi ahlaziyekileyo okusela. Iindawo ezininzi zinomhlaba obharhileyo (owomileyo) ngoko ke abavelisi basebenzisa ukunkcenkcesha ukuze bakwazi ukwenza okulandelayo:

Ukuvelisa izityalo ngamanzi agciniweyo kwimimandla enemvula esezantsi kakhulu okanye engathembekanga.

Ukusebenzisa amanzi agciniweyo avela kwindawo emgama omde ukusuka apho. 

Ukunciphisa umngcipheko wokusilela kwezityalo nokwandisa ukhuseleko lokutya kwesizwe.

Ukwandisa imveliso ngehektare nganye. 

Ukuvelisa izityalo ngethuba lamaxesha onyaka anemvula nawomileyo. 

Ukuvelisa ngaphezu kwesityalo esinye ngonyaka ngamnye.

Ukusebenzisa ngendlela encomekayo iintlobo zolwandiso-mali yokuqalisa ishishini. 

Ukunika inkxaso kummandla wentengiso osoloko usanda. 

Ukuvelisa izityalo zodidi oluphucukileyo. 

Ukuphuhlisa nokuzinzisa iziphaluka zasemaphandleni. 

Ukuvelisa izityalo zobungcali kwimimandla ezomileyo (le mimandla inethamsanqa lemvula ena kwizityalo ngexesha elilindelekileyo).

Imimandla emikhulu yaseMzantsi Afrika iphantsi kweemeko zemozulu yobushushu nokubalela, amanqanaba aphezulu okuqhuma komphunga wamanzi kanti zijika zifumane iimvula eziphantsi nezineziqabu, apho imveliso yezityalo ekwelona banga liphezulu ingenakuba khona ngaphandle kokusetyenziswa kwamanzi awongezelelwayo. Umsebenzi wokuvelisa imveliso yezityalo ngaphandle koncedo lokunkcenkcesha kwaziwa ngokuba sisondlo semvula, okanye ngumsebenzi wokuvelisa izityalo kumhlaba owomileyo.

Imozulu enobushushu negqatsa ilanga ubukhulu becala, nangona kunjalo, ilungele ukulinywa kwezityalo kwaye yinto enokwenzeka ukulima iintlobo-ntlobo zezityalo ngokubanzi phantsi konkcenkcesho kwimimandla apho kukho khona imihlaba efanelekileyo nobutyebi bamanzi obaneleyo. Malunga nama-44% omhlaba ophantsi konkcenkcesho waphuhliswa ngoshishino lwabucala, ukuze ama-26% abe phantsi kwezicwangciso zikarhulumente kubandakanywa i-4% ephantsi kwezicwangciso zabavelisi bomsebenzi wezixa ezincinci kanti ama-30% aphantsi kwezicwangciso zonkcenkcesho lweebhodi.





