Wheat											Xhosa



Ukufakela ingqolowa kwiPula-Imvula



Instructions:

Insert: Izityalo zasebusika eziziinkozo 

Insert: Uphawu lohlobo olulodwa

Byline: NguJane McPherson, umphathi wenkqubo wakwaGrain SA wenkqubo yoPhuhliso

Ngokufunda le Pula-Imvula, kufuneka unike ingqalelo kwiNkqubo yoPhuhliso lwamaFama yakwaGrain SA. Kwixesha elidlulileyo, le nkqubo ibifumana inkxaso-mali phantse yakwaMaize Trust kuphela, kwaza ngenxa yoko, sanyanzeleka ukuba sipapashe amanqaku anxulumene neshishini loMbona kuphela. 



Kutshanje unokuba uqaphele ukuba sifakele namanqaku aphathelele kwiMbewu yeOyile kwimagazini – oku kwenzeka ngenxa yenkxaso-mali evela kwiTrust yoPhuhliso lweMbewu yeOyile neProtheyini (Oil and Protein Seeds Development Trust.). Ngoku sichwayitiswa kukukwazisa ukuba siphumelele ekufumaneni inkxaso-mali yeTrust yeeSiriyeli zaseBusika (Winter Cereals Trust) kanti ukususela kuhlelo lwalo Disemba, siza kuba nezongezo zekota nganye yonyaka kwiPula-Imvula eziya kuqulatha amanqaku malunga nemveliso yeNgqolowa kwimimandla yemvula yehlobo. 



Okwangoku esi songezo siya kusishicilela ngesiNgesi nangeSesotho kuphela ukuze ke ngoko sifakelwe kuludwe lomjikelezo wesiqhelo wePula-Imvula ngokuphathelele neFree State. Kwisicelo esifakwe kwiTrust yeeSiriyeli zaseBusika (Winter Cereals Trust), sicele iqela lemisebenzi eyilwayo ukunceda abavelisi bengqolowa abasaphuhlayo kwiFree State eseMpuma neseSizikithini. Siza kube sityala iimvavanyo zemiboniso emibini – omnye eModderpoort, kufutshane eLadybrand ukwenzela amafama kummandla wasempuma ukuze omnye ubeseGlen, kufutshane eBloemfontein ukwenzela amafama akummandla osesizikithini. 



Injongo yezi mvavanyo iya kuba kukubonisa amafama ezona ndlela zifanelekileyo – iindlela ezichanekileyo zokuhlakula ukwenzela olona londolozo lufanelekileyo lokufuma komhlaba kwiinyanga zasehlotyeni, ukukhetha izityalo eziyimihlanganisela, amanani ezityalo, ukuchumisa nokutshabalalisa ukhula nezibulali zezityalo. Kanti kuya kubanjwa iintsuku ezimbini zamafama kwiimvavanyo zemiboniso – kuhle ukuva ngezi zinto, kodwa ukuzibona kukufumana ingqiqo yenene. 



Nangona luluninzi uncwadi olunxulumene nokuveliswa kwengqolowa kwimimandla yemvula yasehlotyeni, siza kuhlanganisela incwadi yoqeqesho ngakumbi ukwenzela amafama asaphuhlayo kwinqila. Apho siza kuba sijolise khona kakhulu kuza kuba kukwisenzo sokulondoloza ukufuma – owona mbandela ubalulekileyo kumsebenzi wokuvelisa ingqolowa kummandla weemvula zasehlotyeni. Kwakhona incwadi le yoqeqesho iya kuqulatha izahluko malunga nomhlaba, isityalo esiyingqolowa, iimfuneko zezondlo engqoloweni, iindlela zokutyala eziya kubandakanya ukukhethwa kwemihlangansela ngokunjalo amanani ezityalo nemihla yokutyala, ukutshatyalaliswa kokhula kwisityalo esikhulayo, ukutshatyalaliswa kwezibulali zezityalo, ukutshatyalaliswa kwezifo ngokunjalo nokuvuna, ukuhlela ngokomgangatho nokuthengisa. 



Emva kokugqiba isifundo, siya kunika izifundo ezithathu zoqeqesho (mhlawumbi izifundo zokuhlaziya, kwabanye) – esinye sesabaphathi besolulo ukuze ezibini ibe zezamafama. Ezi zifundo ziya kunikwa kwithuba leveki enye – iintsasa ziya kunikelwa kwinxalenye yeengcingane ngezifundo ukuze iimva kwemini zichithwe kwimibandela yoqeqesho lokuziqhelanisa ngokwenza. 



Ukuze amafama anikwe inkonzo eyaneleyo, siya kuseka amaqela amane ofundonzulu ajoliswe kumsebenzi wokuvelisa ingqolowa. La maqela ofundonzulu aya kudibana qho ngenyanga, kanti ngethuba leentlanganiso yonke imibandela enonxulumano yaloo nyanga iya kuba zizihloko zengxoxo. 



Sinombulelo ongazenzisiyo ngethuba esilinikiweyo lokunika inkonzo kumafama engqolowa eFree State kwaye sijonge phambili apho sinokusebenza kufutshane khona namafama, aboshishino lwezolimo ngokunjalo Iziko eliNcinci leZItyalo eziZiinkozo (Small Grain Centre) eBethlehem. 





