xhosa.1493.teenfash
Ibhegi emhlophe nelokhwe zezakwaXogo, 011-478-0044
IFASHONI YOLUTSHA
UHulisane CC Ravelle
Le ndwalutho ye-TV isikrobisa kwiwodrophu yakhe eneempahla zakhe zefashoni yale mihla!
1. Istayile sam sefashoni...
Nantoni na endiphatha kakhuhle nendenza ndibe nomtsalane!
2. Andisoze ndiyinxibe ...
I-catsuit. Eish! Ayindifaneli.
3. Eyona nto yexabiso endinayo...
Izihlangu zam ezichophileyo zakwaGuess endazithengela zona ndiziqengqa. Masiyeke le ncoko: Kuba kwinyanga elandelayo ndachaneka, kodwa ke andizisoli!
4. Xa ndibona ixhoba lefashoni...
Ndizinika ithuba lokwetyisa, ndikhuze ngelizwi eliphantsi ndithi "yho" ndedwa - okanye nditsho kubahlobo bam.
5. Ndithenga phi ...
Xa ndifuna isinxibo esihle ndiya eXogo eCresta, abasoze bandiphoxe! Xa ndifuna eziny' iimpahla andinavenkile iyodwa ndiya kuloo venkile inento endiyithandayo.
6. Icebiso lam kwezefashoni...
Musa ukukopa zonke iztayile ozibona phandl' apha akuyiyo yonke into efanela wonke umntu - nditsho nabantu abanomzimba omncinci. Yazi loo nto!
7. Endicinga ukuba kokweli xesha...Iimpahla ezinemibala, ilokhwe ezintle zokuya epatini. Imibala engqindilili iyathandwa! Ingakumbi oopinki, oophepli nootyheli.
8. Ukuba epatini kukho intombazana enxibe ilokhwe efana neyam...
Andinangxaki! Akukho nto imbi apho.
9. Andihambi ekhaya ngaphandle...
Kwelipgloss. Ayisokolisi, ikwenza mhle.
10. Esona sinxibo sibi sam...
Ndandisesikolweni samabanga aphantsi kwaye umama wayendithengel' ilokhwe epinki eyayingathi yeyasefama ehonjise ngayo yonke imifuno oyaziyo nezihlangu ezimdaka ngebala - sendithethe kwanele. Ndiyakuthanda Mama! [x]
