Inputs (799) 											Xhosa



Ukwanda okusoloko kuqhuba kweendleko zamagalelo – ngunobangela wenkxalabo



Imiyalelo: 

Folio strap: Amagalelo

Byline: NguCorné Louw, ingcali yebanga eliphezulu kwezoqoqosho: Amagalelo, eGrain SA



Igrafu 1: Amaxabiso ezichumiso zehlabathi. 

	 Irandi ngetoni nganye

 Iinyanga

	 I-Ammonia

	 I-Di-ammonium phosphate

 I-Potassium

 I-Urea	



Igrafu 2: Ixabiso lehlabathi leoyile yeBrent-crude kunye neendleko zokuthengiswa kwezixa ezikhulu ze-diesel. 

	 Irandi nge-barrel nganye/isenti ngelitha nganye

	 Ixabiso leHlabathi leoyile yeBrent-crude (irandi nge-barrel)

	 Iindleko zokuthengiswa kwezixa ezikhulu ze-diesel (isenti ngelitha nganye)

	 Months



Abavelisi bembewu eziinkozo neyeoyile ngabathathu bamaxabiso. Ngamanye amazwi, abavelisi abanakukwazi ukongeza kuphela iindleko ezandisiweyo zamagalelo kwixabiso lemveliso yabo. Ngenxa yesi sizathu, ukwandiswa okusoloko kuqhuba kwiindleko zamagalelo kubeka esichengeni ukufumaneka kwenzuzo kumsebenzi wokuvelisa imbewu eziinkozo neyeoyile. 



Kubaluleke kakhulu ukuba bobabini abavelisi kunye nabasebenzisi bahlale benolwazi ngokwandiswa kwexabiso legalelo: 



Izichumiso

Phakathi kukaMeyi 2007 noMeyi 2008, ixabiso leli lizwe lezichumiso lande ngokubaxeka. Unobangela omkhulu woku kwandiswa yimfuno ebangwayo neyandileyo yehlabathi jikelele yezichumiso lo gama amanqanaba emveliso yezichumiso ehleli engajiki. Ukukhula kwemfuno ebangwa ngamazwe afana neTshayina neIndiya ngumbandela omkhulu. ITshayina kananjalo seyifake irhafu yokuthumela ngaphandle kwizichumiso, nto leyo eyenze mandundu ngakumbi imeko. 



Ukususela ngoEpreli 2007, amaxabiso ehlabathi jikelele emveliso ande ngokwendlela elandelayo (Itheyibhile 1 kananjalo Igrafu 1):



Itheyibhile 1: Ukwanda kwamaxabiso ehlabathi eemveliso.

I-Ammonia
 
99,6%
 

 
I-Di-ammonium phosphate
 
217%
 

 
I-Potassium
 
173,7%
 

 
I-Urea	
 
79,9%
 

 
			 

Igrafu 1: Amaxabiso ehlabathi ezichumiso. 





Amaxabiso eli lizwe ezichumiso ande afikelela kumanqanaba axhomisa amehlo ukususela ngoMeyi 2007. Ukwandiswa kwamaxabiso kuboniswa ngezantsi kwiTheyibhile 2. 



Itheyibhile 2: Amaxabiso aqhelekileyo eli lizwe ezichumiso.
 

 
Isichumiso
 
Meyi 2007
 
Meyi 2008
 
%

Inguquko
 

 

 
R/ngetoni
 
R/ngetoni
 

 

 
I-LAN (28)
 
2 851
 
3 489
 
22,4
 

 
I-Urea
 
4 072
 
5 058
 
24,2
 

 
I-MAP
 
4 614
 
10 305
 
123,3
 

 
I-Potassium Chloride
 
3 100
 
6 610
 
113,2
 

 


Izichumiso zenza malunga nama-25% eendleko zamagalelo abavelisi bembewu eziinkozo neoyile ngoko ke oku kwandiswa kubanga inkxalabo enzulu kwa-Grain SA. Oku kwandiswa kubeka uxinzelelo olukhulu kwinzuzo yemveliso yembewu eziinkozo neyeoyile. 



Imichiza kwezolimo

Ixabiso lemichiza kwezolimo lande ngokubaxekileyo kwiinyanga ezilishumi elinambini ezidlulileyo. Imfuno ebangwayo ngemichiza ethile yande ngokukhawuleza kunemveliso yale michiza. Iirhafu zokuthumela impahla ngaphandle ezibekwe yiTshayina, kananjalo nexabiso eliphezulu le-crude oil aneempembelelo eziphezulu phezu kwamaxabiso. Ama-99% azo zonke izithako zemichiza kwezolimo eMzantsi Afrika zithengwa ngaphandle kanti ixabiso elicekethekileyo lerandi xa kuthelekiswa nezinye iintlobo zeemali zamanye amazwe nalo libe neempembelelo phezu kwexabiso. 



Iimveliso ezisekwe kwi-glyphosate (ezifana ne-Roundup) zande nge-150% ukuya kuma-240% kwiinyanga ezilishumi elinambini ezidlulileyo. Ngokwesiqhelo, iindleko zale michiza zande malunga ngama-45%. 



Isiniki-mandla

Ixabiso eliqhelekileyo le-Brent-crude lande ngama-63,2% ukususela ngoEpreli 2007. Ukongeza kule ngxaki, ixabiso lerandi xa kuthelekiswa nelo le-dollar lehle ngo-9,6%. 



Iindleko zeli lizwe ze-diesel ethengiswa ngezixa ezikhulu eGauteng zande ngo-63% ukusuka kwiR6,21 per ngelitha enye ngoMeyi 2007 ukuya kwiR10,10 ngelitha enye ngoMeyi 2008 (Igrafu 2). Amaxabiso anyuka qho ngenyanga – oku, xa kudibene namanye amaxabiso anyuka qho aselekhankanyiwe kuwubeka emngciphekweni omkhulu umba wokufumana inzuzo. 



Igrafu 2: Ixabiso lehlabathi le-Brent-crude oil kunye neendleko ze-diesel ethengiswa ngezixa ezikhulu. 







Oomatshini

Inkoliso yezixhobo zokusebenza kwezolimo ezisetyenziswa eMzantsi Afrika ithenga ngaphandle – iimpembelelo zerandi engomelelanga zidlala indima ebalulekileyo apha kumaxabiso ahlala esanda ezixhobo zokusebenza kunye naweetrektara. 



Itheyibhile 3: Inguquko kwipesenti yamaxabiso oomatshini kwezolimo ngokusekwa kunyaka omnye ukuya komnye.
 

 

 
Iinguquko zoNyaka ukuya komnye uNyaka
 

 
Izixhobo zokusebenza 
 
Epreli 2007 ukuya kuEpreli 2008
 
Meyi 2007 ukuya kuMeyi 2008
 

 

 
%
 
%
 

 
Iitrektara
 
11,7
 
16,7
 

 
Oomatshini bokuvuna abahlanganiselayo
 
7,5
 
9,4
 

 
Izixhobo zokwenza ifula
 
14,6
 
19,1
 

 
Izixhobo
 
5,3
 
7,8
 

 
Okwesiqhelo
 
10,8
 
14,8
 

 


Elokushwankathela

Ngubani obange ukwanda kwamaxabiso okutya? Ingaba ngabavelisi bembewu eziinkozo neyeoyile? 



Ngokwesantya sangoku sokunyuka kweendleko zamagalelo, kuza kuba nzima kakhulu ukuba abavelisi bembewu eziinkozo neoyile bavelise izityalo ezilondolozekayo, ngaphandle kokuba amaxabiso embewu eziinkozo neyeoyile nawo anyuke ngokwesantya esifana neso samagalelo. Xa sithetha ngeendleko ezikhoyo zangoku zamagalelo kunye namaxabiso aqwetywayo embewu eziinkozo neyeoyile, kuza kunyanzeleka ukuba abavelisi balwenze ngokuqaphela okukhulu ucwangciso-lwabiwo mali lwabo. Abavelisi kananjalo mabaqinisekise ukuba bahlawula amaxabiso afanelekileyo ngamagalelo abo – mabajikeleze ezivenkileni bekhangela amaxabiso angawona mahle bangakhe balinge bathathe ixabiso abalinikwe kuqala bengawuvavanyanga ummandla wentengiso. Zidibanise nabakwaGrain SA malunga namaxabiso angawona matsha, nanokuthi asetyenziswe njengesixhobo sokubeka iziseko. 



Kuya kufuneka ukuba wenze izibalo ngokuqaphela malunga nokuba sesiphi isityalo ofuna ukusityala – kufuneka ukwazi ukwenza ingeniso, kungenjalo, akusayi kusinda njengomfama. Khumbula ukuba amaxabiso amagalelo asenokunyuka kwakhona lingekafiki ixesha lonyaka elizayo lokutyala. 

