Input											Xhosa

I-inshorensi yegalelo – ingaba unako ukufaka isityalo sakho kukhuselo lweinshorensi?

Imiyalelo: 

Folio strap: I-inshorensi

Byline: NguJane McPherson, umphathi wenkqubo yakwaGrain SA yeNkqubo yoPhuhliso lwamaFama



Njengoko umsebenzi wokufama usenziwa ngaphandle, mininzi imingcipheko kwaye kwiziganeko ezithile, ixabiso lokutyala isityalo lingaphezu kwexabiso lomhlaba apho siza kutyalwa khona. Kukholisa ukuba abavelisi baboleke imali kwiziko lezemali okanye kwishishini lezolimo ukuze bathwale iindleko zesityalo sabo. Ukuboleka nokubolekisa ngemali kubeka umntu emngciphekweni, njengoko abo babolekisa ngemali bengafuni kulahlekelwa yiyo. Okuqhelekileyo kukuba obolekayo kufuneka anikele ngokhuselo lwemali-mboleko – ngamanye amazwi, umboleki uza kuyibuyisa njani imali ayibolekileyo ukuba isityalo siyasilela ngaso nasiphi isizathu?



Ukuba ungumnini womhlaba oqhuba kuwo umsebenzi wokufama, umbolekisi ukholisa ukufuna ukuba umvumele abhalise isibophelelo phantsi kwesiqinisekiso sobunini bempahla (title deed). Oku kuthetha ukuba xa ungakwazi ukubuyisa imali oyibolekileyo, baza kuyithengisa impahla yakho ukuze bafumane isixa sabo semali obabamba yona. Xa sibhekiselela kubavelisi abasaphuhlayo, oku kubabeka ezingxakini ezininzi – kungaba lusizi ukulahlekelwa ngumhlaba kuba isityalo sakho sisilele. Baninzi abavelisi abasaphuhlayo abangengobanini bomhlaba abalima kuwo – omnye umhlaba uqeshiwe, omnye omninzi udityanelwe. Lo ngumhlaba kaRhulumente olawulwa ngugunyaziwe wohlanga). Akunakufumana isibophelelo ‘bond’ ngomhlaba odityanelweyo kuba wena njengomvelisi, akunayo i’title deed’ yomhlaba. Kwithuba elidlulileyo, abavelisi abenza umsebenzi wokufama emhlabeni odityanelweyo abakwazanga kufumana imali-mboleko, njengoko bebengenakhuselo lwayo. I-inshorensi yegalelo ingena kule ndawo – unako ukubeka isityalo entsimini phantsi kweinshorensi ukuze kubekho ‘umsebenzi kaThixo’, iqumrhu leinshorensi liya kuhlawula isixa osikwelitayo.



Ngenxa yokunyuka kweendleko zomsebenzi wemveliso kwezolimo kunye nokuncipha kwezakhono zabavelisi zokukhusela imali-mboleko, imfuno yeinshorensi yegalelo eMzantsi Afrika ikhule kakhulu. Imveliso isekwe ubukhulu becala kwithuba elide lomvelisi, isivuno esiqhelekileyo esivelisiweyo (Average produced yield – LAPY) kwicandelo lomsebenzi wokufama opheleleyo kanti ke isixa (ipesenti) ethile iyaqinisekiswa.



Ukuze uyifanele imveliso, abavelisi kufuneka banikele ngoxwebhu olulandelayo:

Indawo ekuyo impahla. 

Iimaphu zefama ezilinganiswe ngeGPS ezibonisa yonke imihlaba ngaminye, iinombolo zemihlaba nemimandla eyahluka-hlukeneyo. 

Amalungiselelo okuqesha umhlaba – ingaba ngumhlaba wakho, umhlaba oqeshiweyo, umhlaba odityanelweyo njl.njl.?

Ngubani oza kuboleka umvelisi imali?

Imbali yemveliso ngomvelisi/ngefama nganye malunga nokulandelayo: 

Iihektare ezityaliweyo; kananjalo

Izivuno ezifunyenwe kumaxesha onyaka kumaxesha onyaka emveliso amahlanu adlulileyo. 

Uhlalutyo lomhlaba olungekho ludlala kuneminyaka emibini nolubonisa isalathiso somhlaba-ifama.

Iinkcukacha ngemisebenzi yokufama – imisebenzi yokulima ephambili nelandela ephambili, isityalo esifanele ukutyalwa, imihlanganisela, izichumiso, imisebenzi yokutshabalalisa ukhula nezibulali-zityalo njl.njl.

Iinkcukacha zababhambathiswa abaza kwenza umsebenzi.

Imihla yokutyala neyokuhluma – imihla ethile exeliweyo ivunyelwe kwaye makungabikho sityalo sityalwa ngaphandle kwale mihla eziya kuba phantsi kweinshorensi.

Umhlaba uya kukhuselwa njani emaseleni?

Isityalo siya kukhuselwa njani ekonakalisweni yimfuyo? 



Ummandla weemvula zasehlotyeni

Umgaqo-nkqubo weendleko zegalelo zommandla weemvula zasehlotyeni usoloko unxulunyaniswa nomgaqo-nkqubo wezichotho onembuyekezo ephantsi kweinshorensi elingana okanye engaphezulu kwithuba elide, isivuno esiqhelekileyo esiveliswa ngumvelisi kwifama leyo. Umvelisi wenza isigqibo ngepesenti (isixa) yomonakalo afuna ukuyithwala malunga nomngcipheko wesichotho ngokuzikhethela isixa semali ye-excess.



Ummandla weemvula zasebusika

Umgaqo-nkqubo weendleko zegalelo kummandla weemvula zasebusika wona uzimele ngokwawo kwaye awunxulunyaniswa nomgaqo-nkqubo wesichotho. Isichotho ngomnye wemingcipheko yegalelo ophantsi kwe-inshorensi, ke ngoko uqwalaselwa neminye imingcipheko yegalelo.



Ukhuselo lwegalelo kumhlaba owomileyo

Imingcipheko ekhuselwayo phanti kokhuselo lwegalelo kumhlaba owomileyo ibandakanya okulandelayo: isichotho, umlilo, uthutho, iqabaka, imbalela, imvula egqithisileyo, ukhukuliseko lwamanzi, ikhephu, ingqele, umoya, uqhwithela nezinye iilahleko ezibangwe ziimeko zemozulu ezimbi, izifo zezityalo ezingalawulekiyo, izibulali-zityalo ezizinambuzane kunye nezilwanyana zasendle.



I-inshorensi yeendleko zegalelo ngokunxulumene nemisebenzi yokufama eyamkelekileyo

Ukulima kwabavelisi kuya kusoloko kulandelwa ngoqwalaselo ukuqinisekisa ukuba kulandelwa izenzo zomsebenzi wokufama ezifanelekileyo. Oku kubandakanya okulandelayo: 

Izenzo zokulima ezamkelekileyo; 

Ukugcinwa kokufuma;

Ukutshatyalaliswa kokhula;

Imihlanganisela eyamkelweyo yembewu yequmrhu iARC; 

Imihla yokutyala – njengoko imiselwe liqumrhu lembewu laseARC; 

Iinkqubo zokutshiza ezipheleleyo; 

Umhlaba osemdeni namasimi ayingxaki angalinywanga (osidibi, ophetshethwa ngumoya, amasimi axinene ngamanzi okanye amasimi ekulula ukuba onakaliswe ziintaka); 

Ukufaka isichumiso xa kuthelekiswa nomsebenzi wohlalutyo; kananjalo 

Imichiza yokutshabalalisa ukhula engafakwanga ngamabakala ohlaselo. 



Ukhuselo lwegalelo lokunkcenkcesha

I-inshorensi yegalelo iza ngexabiso eliphezulu, kanti xa ixabiso lamagalelo liphezulu, ukuze ixabiso lemveliso lithande ukuba phantsi (njengoko kunjalo ngenkoliso yezityalo kweli bakala), kwaye ukuthatha olu hlobo lweinshorensi kuyimfuneko enkulu, kodwa kungathetha ukuba xa sekuthethiwe kwaza kwenziwa, umlimi akasenamali yaneleyo emva kokuvuna. Usenako ukuboleka imali ukwazi nokuyibuyisa, kodwa uya kuba wenze inzuzo engakanani? Ingaba wean njengomvelisi wokutya unalo elinye icebo? Hayi ncam – kuya kufuneka ukuba uthathe isibophelelo (bond) sempahla yakho okanye uthathe i-inshorensi yegalelo ukuze ukhusele imali-mboleko yakho. Okanye akusayi kufumana mali-mboleko yemveliso yakho!



Oku akukubanga kwaphela, kuba xa usenza zonke izinto ngendlela efanelekileyo, njengoko lifuna iqumrhu leinshorensi, uya kuba uwenza kakuhle umsebenzi wakho wokufama, ngokusebenzisa iindlela zanamhla zokwenza umsebenzi wemveliso, kwaye amathuba akho okufumana isityalo esilungileyo aphucuka gqitha. 

