Improvements (Maize)									Xhosa



Amanyathelo okuphucula ifama abalulekile



Imiyalelo: 

Folio strap: Ukongezelela Ixabiso

Byline: NguJane McPherson, umphathi wenkqubo yaseGrain SA weNkqubo yoPhuhliso lwamaFama



Umhlaba ongalinywanga unexabiso elinganeno kunalowo uphuhlisiweyo. Yiloo nto kubalulekile ukugcina izakhiwo, izibiyeli neendlela ezikwiifama zakho zikwimeko entle kwaye uzilondoloze.



Izakhiwo ezisemhlabeni mazigcinwe zikwimeko elungileyo ukuze zisetyenziselwe – ukulondoloza, ukuphatha iinkozo zezityalo okanye ukucheba iigusha. Kucetyiswa kakhulu ukuba ugcine iitrektara zakho nezixhobo zokusebenza phantsi kophahla, njengoko ukusebenzela phandle kunokonakalisa izinto ezininzi. 



“Izibiyeli ezilungileyo zisinika abamelwana abalungileyo”, kufuneka ukwazi ukugcina imfuyo kwindawo efanele ukuba kuyo. Ukuba ulimile, kubalulekile ukukhusela izityalo emfuyweni. Kumxokomelwano ofanelekileyo wokutyisa impahla, iikampi ezithile kutyiswa kuzo ngamaxesha athile onyaka – oku kukhusela ingca kwaye kunika ixesha kwiintlobo zengca ezimnandi, ukuba ziphinde zikhule. 



Iikhonto nemisele yamanzi zibaluleke kakhulu ekuthinteleni ukhukuliseko lomhlaba – ukhukuliseko lubanga ukonakala okusisigxina kwaye luxanduva lommi ngamnye ukukhusela umhlaba ukuze izizukulwana zexesha elizayo zikwazi nazo ukusebenzisa umhlaba ukuze zilondondoloze impilo yazo. 



Iindlela zibaluleke kakhulu kumsebenzi wasefama wokurhweba – iimveliso ezifana nezichumiso, kufuneka zize efama kanti imveliso yethu kufuneka ikwazi ukusuka efama iye kwimimandla yentengiso. Ulondolozo lweendlela lubalulekile xa kusingiswa kwezolimo zokurhweba. 



Izakhiwo
 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 
Ukubiyela
 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 
Iikhonto
 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 
Imisele yamanzi
 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 
Iindlela
 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 

 




