Indlala (Umbona) 								IsiXhosa



Ixhala eliyindlala – liyinto ekhoyo esoloko inkulu eMzantsi Afrika



Imiyalelo: 

Folio strap: Ngokubanzi

Byline: UGq Kobus Laubscher, Umphathi Jikelele waseGrain SA



Umbutho Wophuhliso LwamaFama Okutya Okuziinkozo osandula ukubunjwa (Grain Farmer Development Association – GFADA), ngokusebenzisana Nothungelwano Lwetyathanga Lexabiso Lokutya Okuziinkozo (Grain Value Chain Network – GVCN), awunaxhala ngokungabikho kwenzuzo ngemveliso yokutya okuziinkozo okubanzi kwaseMzantsi Afrika kuphela, kodwa ukwaxhalaba ngeempembelelo ezinamandla abhubhisayo phezu kwabantu abasangena kwezolimo.



Ukusekwa kwaba balimi batsha yenye yeenjongo eziphambili zikaRhulumente ngoko ke i-GFADA ifuna ukuxhasa abafiki ngawo onke amandla enawo. Ukunika aba bafiki umhlaba wodwa kube kungekho nkxaso nankuthazo yimbi kukuphika okugxekekayo kobukho beemeko ezigqubayo aba bafiki abajongene nazo. Amalungu eGVCN anobungcaphephe namava okubambana ngezandla nokunika inkxaso, kodwa yindima kaRhulumente ukunikwa kweemali ezifunekayo zokuthenga izixhobo eziyimfuneko ukuze bafumane ithuba lokulondolozeka nokuba lincinci kangaka.



Enyanisweni, kubaluleke kakhulu ukuba iimeko zeshishini ngokuphelela kwalo ziphengululwe kakuhle. Liyabaleka lona ixesha kanti kuya kuba yimini elusizi xa abantu baseMzantsi Afrika sebefumana amava okunqongophala kokutya. Eli lixesha lokuba wonke ubani abone ukuba phantsi kweemeko ezikhoyo ngoku, eli xhala liya ngokuba yinto eza kusoloko ikhona.



Ingxaki ilele phi?

Amaxabiso emveliso anxulunyaniswe ngokungqalileyo kwiindleko zamagalelo zehlabathi kanti uMzantsi Afrika lelinye lamazwe anezona zindleko ziphezulu zamagalelo ehlabathini. Ukunyuka kweendleko zemveliso kwenzeka ngesantya esingaphezulu kunamaxabiso okuthengisa imveliso, nto leyo ebeka uxinzelelo olukhulu kubalimi.



Ukwenza imveliso nokukhuthala zezona zisombululo zibini zibalulekileyo zengxaki. Uphando ke ngoko lunyanzelekile ukuze kuphuculwe izenzo zokwenza imveliso. Imibandela eqhwalelisayo kukuba uRhulumente akakhuphi zingxowa-mali zaneleyo zokwenza uphando oluvakalayo.



Amaxabiso anyukayo abanga ukuba imida enyukayo yenzuzo ngehektare nganye iqatshelwe okanye umlinganiselo wokukhupha imveliso wenziwe banzi ngakumbi. Oku kuthetha ukuba iiyunithi zokulima kufuneka zandiswe ukuze zinike ingeniso eshiyeka njengenzuzo eninzi. Kungenjalo, abafiki abatsha banokufikelela kumanqanaba afunekayo engeniso eshiyeka njengenzuzo kuphela ngenkuthalo ethe chatha nangezobugcisa zamva nje. Injongo yokungenela kuqoqosho lomlinganiselo isekhona. Phantsi kwale meko abafiki abatsha bathembele ekugqithiselweni phambili kwezakhono zobuchule nakwinkxaso enganqunyanyiswayo, engumbono we-GFADA. Esi sisithintelo esikhulu ebantwini abafikayo kwezolimo. Umsebenzi wezolimo lishishini lemingcipheko eliwubeka esichengeni sokungabi nanzuzo ngeminyaka emibi. 



Kwicala lengeniso, amaxabiso akwanxulunyaniswa nezimbo zehlabathi kwaye awathembeki ngenxa yamanqanaba otshintshiselwano. Oku kungaphaya kwamandla abalimi kwaye kuphembelela ngakumbi iimvumelwano zotshintshiselwano. Kanti amaxabiso awayeki ukuguqu-guquka malunga nokulungelelaniswa kwempahla ethengwa kumazwe angaphandle nethengiswa ngaphandle kanti kwithuba langoku asondele kulungelelaniso lokuthengisa ngaphandle kanti ke oko kunyina inzuzo nangakumbi.



Amaxabiso abekwa ngokwezixokelelwano zokusebenza zommandla wentengiso okhululekileyo, aya esandisa ukubaluleka kwemfuno ebangwayo nokunikwa kwenkxaso. Umsebenzi wemveliso waseMzantsi Afrika ungaphezu kweemfuno ezibangwa kweli lizwe zommandla wentengiso ngoko ke amalinge okuthengisa kumazwe angaphandle asenokungabi nanzuzo. Inkxaso yehlabathi kwithuba langoku iphezulu kakhulu nto leyo enyanzelisa ukuthotywa kwamaxabiso. Imigaqo-nkqubo karhulumente yalapha enyina imida icinezela uphuhliso lwemimandla emitsha yentengiso (izibaseli zendalo), nto leyo edodobalisa ukongezelelwa kwexabiso.



Abalimi baseMzantsi Afrika bonwabela inkxaso encinci kaRhulumente okanye ayibikho naleyo incinci, nto leyo ebathintelayo kukhutshiswano ngokuthengisa kwamanye amazwe apho abalimi bafumana khona inkxaso karhulumente. Urhulumente waseMzantsi Afrika kufuneka aphengulule ulawulo lwakhe lweemali zerhafu ukuqinisekisa inkxaso yomlimi ephucukileyo nokuthengeka kumsebenzisi.



									

