Help (Maize)										Xhosa





Ndincedeni torho – Ndifuna ukufama!





Imiyalelo: 

Folio strap: Ukongezelelwa kweXabiso

Byline: NguJane McPherson, umphathi wenkqubo yaseGrain SA weNkqubo yoPhuhliso lwamaFama



Baninzi abalimi abasifowunelayo benesi sicelo – “Ndincedeni torho, ndifuna ukufama”. Abanye baba bantu akukho nto banayo kwaphela, lo gama abanye benomhlaba nezixhobo zokusebenza. Ukufama lishishini kwaye ukuqhuba naliphi ishishini kunzima namhla – kufuneka uxhobe, uzinikele kwaye ube nolwazi. 



Malunga nabo banqwenela ukuba ngabalimi kodwa babe bengenalo ufikelelo lomhlaba okanye oomatshini, le ngxaki inzima ngakumbi. Nangona kunjalo, khumbula ukuba akukho mfuneko yokuba ube nomhlaba ukuze ube ngumlimi. Enyanisweni, wonke umhlaba uyimboleko kuthi – sonke singabakhathaleli bomhlaba ukuze xa sisifa, siwushiye uphila umhlaba. Ukuba unomdla onzulu kumsebenzi wokufama, fumana ufikelelo emhlabeni, nangona kunjalo, ungaqalisa ngomhlaba omncinci. Unako ukuqesha umhlaba (khumbula ukuba umhlaba wobunini babucala nawo unako ukuqeshiswa kanti kwakhona, uninzi loomaspala beli lizwe lunemihlaba yokubolekisa enokufumaneka xa uwuqesha). Kufuneka uqalise kwaye kufuneka uziqhelanise nokulima – awunakuba ngumlimi ngokufunda iincwadi kuphela, njengoko izifundo ngomsebenzi wokufama azinzimanga njengokulima ngokwenza. 



Into elandelayo ekufuneka unayo lulwazi – ukulima kunamacala amaninzi. Ngokuxhomekeke kuhlobo lokufama onesicwangciso sokulwenza, usenokufuna ukwazi ngezityalo (zonke izityalo zembewu eziziinkozo nezeoyile, imifuno, ifula nontlakantlakiso), izilwanyana (impahla eninzi, impahla encinci, iinkuku, izilwanyana zasendle neehagu) oomatshini (iitrektara, izixhobo zokutyala, izitshizi kunye nezixhobo zokulima) kanti okukona kubalulekileyo, kufuneka wazi ngokulawula imithombo yobutyebi oza kuyisebenza (imali, amadoda, oomatshini kunye nezinto ekusetyenzwa ngazo).



Xa unako ukufikelela kumhlaba omncinci, nokuba yihektare enye okanye ezimbini – qhuba! Wakuba uqalisile, uya kuba usendleleni yokuba ngumvelisi wezityalo orhwebayo. Sowuyifundile indlela elungileyo yokwenza yonke into – yenze ke ngendlela elungileyo. Ngelishwa, sifumanisa ukuba abantu bathi beyifundile indlela elungileyo yokwenza izinto, kodwa baqhube ngokwenza izinto ngendlela endala. Uthi uOprah Winfrey, “Ukuba abantu bazi phucukileyo, benza phucukileyo”. Ukuba ufundile ngokuthathwa kweesampulu zomhlaba ukuze kuhlalutywe isimo sezondlo zomhlaba wakho – yenza njalo! Xa iingcebiso ngesichumiso zibuyela kuwe – sebenzisa isichumiso esichanekileyo (nokuba kukwihektare enye kuphela). Thenga imbewu echanekileyo, qiniseka ukuba utyala inani elichanekileyo lezityalo emqolweni nokuthi izithuba eziphakathi kwemiqolo zichanekile. Tshabalalisa ukhula – ukhula lulutshaba lokuqala lomsebenzi wokulima, luyeba kwizityalo zakho! Luba amanzi, ukutya, ukukhanya kwelanga nomoya – akakho phakathi kwethu onokunyamezela ukubelwa, ngokunjalo nezityalo zakho azinako ukunyamezela ukubelwa. 



Xa sowuqinisekile ukuba uyakuqonda ekufuneka kwenziwe emsebenzini wokufama, sukuba elo ilixesha lokwandisa ubukhulu bomhlaba owusebenzisayo. Siqhele ukuva abantu abaninzi besithi umhlaba wabo mncinci kakhulu awulingenanga ukuba balime – kodwa ingaba umhlatyana onawo uwusebenzisa kangangoko na? Ingaba mhlawumbi uvelisa ngaphezulu kumhlaba omncinci onawo? Ingaba usebenzisa lonke icebiso – olikhumbulayo ukuba kusoloko kukho abantu abazi ngaphezu kokuba usazi kwaye bayakuthakazelela ukukunceda. 





