

Heart (Maize) 									IsiXhosa

		

I-Grain SA – entliziyweni yeshishini lezityalo eziziinkozo 



Imiyalelo: 

Folio strap: Ukongezelela ixabiso

Byline: NguJenny Mathews, usihlalo weNkqubo yaseGrain SA yoPhuhliso lamaFama



I-Grain SA ilawula inkqubo yoPhuhliso lwamaFama efumana inkxaso-mali kwiMaize Trust , kwiOil and Protein Seeds Development Trust, kwiSorghum Trust nakwiWinter Cereals Trust, ngenjongo yokuxhobisa abalimi baseMzantsi Afrika ngolwazi olufumaneka kuqeqesho, nakwinkonzo enezakhiwo zenkxaso ezisebenzisekayo nekulula ukufikelela kuzo. 



Ngenxa yokuba iGrain SA ineqela leengcaphephe ezibekwe ngobuchule ukuze zinikele ngeentlobo zobuchule nemfundo yomgangatho ophezulu kubalimi abatsha baseMzantsi Afrika, kwithuba langoku iya ngokuduma ngendlela ekhawulezileyo njengenkokeli kummandla woPhuhliso lwabaLimi kweli lizwe. Amalungu aseGrain SA akholelwa ekubeni le nkqubo iya kuncedisa kwinkqubo yenguqu, ngokunika inkxaso kubantu abebehlelelekile kwithuba langaphambili ukuze bangene kukhutshiswano ngendlela engenamkhethe kwishishini lezityalo eziziinkozo. Nangona kunjalo, kubalulekile ukuqonda ukuba ingubani iGrain SA, kwaye idlala yiphi indima kwimo ekubhekiselelwe kuyo yezolimo lwaseMzantsi Afrika. 



Ngubani iGrain SA?

I-Grain SA ngumbutho onika inkonzo ngokuzithandela nogqaliselo lohlobo olulodwa kwishishini lesizwe nelehlabathi lezityalo eziziinkozo. Ijolise ekukhuthazeni umdla wabo bonke abalimi bezityalo eziziinkozo eMzantsi Afrika.



Nawuphi umlimi osebenza ngezityalo eziziinkozo, nokhuthaza iinjongo zeGrain SA, unelungelo kwaye uyakhuthazwa ukungenela umbutho emva kokuhlawula iimali zokuba lilungu ezifunekayo.



Yeyiphi indima edlalwa yiGrain SA kubume bemeko yezolimo eMzantsi Afrika?

I-Grain SA ngugunyaziwe okwishishini lesizwe nelehlabathi lezityalo eziziinkozo kwaye injongo yayo kukusebenza njengesithethi esimele bonke abalimi bezityalo eziziinkozo baseMzantsi Afrika ngendlela ekhuthaza umdla wabalimi bezityalo eziziinkozo kunye nomsebenzi wothungelwano ngokubanzi kwishishini lezityalo eziziinkozo.



I-Grain SA isebenza njengomlindi kwishishini eli kwaye uzibandakanya nomgaqo-nkqubo kwiinkqubo zokwenza izigqibo ezichaphazela umdla wabalimi bezityalo eziziinkozo, ekwenza oko egameni lamalungu. I-Grain SA ibandakanyeka ngamandla ekunikweni kwemibono nezimvo zabalimi bezityalo eziziinkozo kurhulumente nasekuvisisaneni norhulumente ekusonjululweni kweengxaki nakuwiso-mthetho oluyilwayo.



Ugqaliselo olusentloko lweGrain SA kukuzabalazela imveliso encomekayo nobume bemeko yentengiso engenamkhethe yezityalo eziziinkozo. Umbutho lo ukwazibandakanya ngamandla nabanye abadlali bendima abafana neUSA neBrazil kwityathanga lexabiso ukuze kuphuculwe iqondo lokhutshiswano kwishishini elibanzi lwezityalo eziziinkozo.



I-Grain SA isebenza ngamaQela eeNgcaphephe okuSebenza 

La maqela aquka abasebenzi baseGrain SA, iingcaphephe zohlobo olulodwa nabalimi abakwisiGqeba. Ezi ngcaphephe, phakathi kweminye imisebenzi:



Zikubeke phambili ukuhlola ubume bemeko yezolimo nokuzibandakanya ngenkuthalo kwiikomiti zeengcebiso zabaPhathiswa ukuze ziqinisekise inkqubo engenamkhethe namathuba alinganayo abo bonke abalimi bezityalo eziziinkozo kweli lizwe;

Zilandela ngoqwalaselo iindleko zegalelo nezemveliso zazo zonke izityalo eziziinkozo; 

Zisebenza njengeqela elingumlindi malunga nomgangatho weenkonzo neemveliso ezisiwa kubalimi bezityalo eziziinkozo;

Zithetha-thethana egameni labalimi namashishini ezolimo kwityathanga lexabiso;

Zenza ufundo-nzulu lobume bemeko yorhwebo ehlabathini zize ziphembelele ukhuselo lukarhulumente lomlimi wezityalo eziziinkozo ukuqinisekisa ukulungelelana kommandla ekudlalelwa kuwo;

Ziqinisekisa ukwenziwa kophando olufanelekileyo ukuze abalimi bezityalo eziziinkozo baseMzantsi Afrika baxhotyiswe ngolwazi nezobugcisa eziya kubagcina bekukhutshiswano; kananjalo

Zihlola ubume bemeko yabalimi abatsha zize zizabalazele ukukhuthaza ukungena kwimveliso yezityalo eziziinkozo nakwimimandla yentengiso. Eli qela nalo lilandela ngoqwalaselo umsebenzi weNkqubo yoPhuhliso lwamaFama.



Ngokuqinisekileyo, nangona iGrain SA ingenako ukunika nayiphi inkxaso-mali kumalungu ayo, iyayinika inkxaso nolwazi oluyimfuneko kangangoko kumlimi ngamnye wezityalo eziziinkozo kweli lizwe. Imisebenzi yombutho yenza kube yinto enokwenzeka ukuba abavelisi bajoise kwinto abayenza ngokubalasela – nto leyo ekukulima nokuthengisa izityalo eziziinkozo! Kubalulekile kubo bonke abalimi bezityalo eziziinkozo ukuqonda ukuba iGrain SA inikela kakhulu ngaphezu kwemfundo noqeqesho!



Wonke umlimi wezityalo eziziinkozo eMzantsi Afrika makazabalazele ukuba lilungu elipheleleyo laseGrain SA elinamalungelo apheleleyo okuvota. I-Grain SA ingamehlo, iindlebe nomlomo wabalimi bezityalo eziziinkozo baseMzantsi Afrika kubume bemeko eya ngokwanda ngokobugocigoci nefumana amava okwanda koxinzelelo oluvela kwiimpembelelo zangaphandle ezifana nokhutshiswano lwehlabathi. Ukuba kungumceli-mngeni kumlimi wezityalo eziziinkozo oselezinzile ukukhuphisana kwimimandla yentengiso kwezi ntsuku, ingaba kunzima kangakanani kubalimi abatsha ukuba bazizinzise njengabalimi abarhwebayo abanempumelelo nabanolondolozo? Ngaphandle kwenkxaso yobungcali, isakhiwo esinesiseko esinjengeGrain SA, iimpembelelo nokhuselo lomdla wabo bonke abalimi bezityalo eziziinkozo uya kuba sengozini.







