Harvest										Xhosa



Ligalelekile ixesha lokuvuna!



Instructions:

Byline: NguJane McPherson, umphathi wenkqubo wakwaGrain SA wenkqubo yoPhuhliso

Iifoto ezikhaphileyo zibonisa intlekele enokufunyanwa ngumfama wengqolowa xa amalungiselelo akhe okuhlanganisela engamanga kakuhle. Ezi foto zathathwa ngoFebhuwari emasimini eMpuma-Koloni – le ngqolowa ayizange ivunwe, kwaza kwafuneka ukuba amasimi atshiswe! 



Ilusizi kakhulu into yokuba emva konyaka wokusebenza ungakwazi ukusa ukutya okuziinkozo kuvimba we-silo yiloo nto kufuneka kwenziwe konke okusemandleni ukuthintela ukwenzeka kwesi siganeko. 



Ngelishwa ingqolowa sisityalo esifanele ukuvunwa ngomatshini ukuze isivuno sibe sihle kangangoko nomgangatho waso ube mhle kanti ngaphezu koko, abavuni bengqolowa baziqhuba ngokwabo nto leyo ethetha ukuba ngoomatshini abanexabiso eliphezulu xa kuthelekiswa neminye. Ukubekwa kwemigangatho yengqolowa kubaluleke kakhulu kwixabiso layo kwaye ingqolowa sisityalo esilahlekelwa ngumgangatho waso ngokukhawuleza okukhulu kwaye kuba lula xa ingavunwanga ngexesha elichanekileyo. Ingqolowa kufuneka ivunwe msinyane kangangoko, njengoko imvula nje encinci ena phezu kwengqolowa evuthiweyo iya kwanela ukuthoba umgangatho wayo ze ngolo hlobo imveliso yengqolowa ingabi nanzuzo. 



Inkoliso yamafama amancinci kuye kufuneke ukuba ixhomekeke kubahlanganiseli bababhambathiswa ukuvuna isityalo sabo. Iliqela imiceli-mngeni enxulumene noku: 

Umvuni ongumbhambathiswa 

Ukholisa ukungena kwiimvumelwano namafama kuselithuba kwixesha lonyaka.

Uyakhuthazeka ukungena kubhambathiso lweehektare ezininzi kangangoko njengoko oku kuthetha ingeniso.

Akakwazi kucingela kwangethuba langaphambili ukuba imvula iya kuna nini kwaye phi ngaloo ndlela unokubambezeleka.

Ukhetha ukuvuna amasimi amakhulu angenazikhonto njengoko umatshini unako ukusebenza iihektare ezininzi ngemini kuba uza kujikeleza amaxa ambalwa entsimini.

Akafuni kulinda iinqwelo zokulayisha. 

Uhlawulwa ngokwenani leehektare azivunileyo hayi ngokomgangatho obonwa ngumfama.

Ujongana namaxesha okungasebenzi – xa oomatshini besebenza kakhulu bayaphuka kwaye oko sukuba kungabonakalanga kwangethuba elingaphambili.

Akakwazi kusoloko ezifumana iinxalenye zoomatshini kuba konke oku kwenzeka ngexesha leKrisimesi nangoNyaka oMtsha xa uninzi lwabantu lukhetha ukuthatha ikhefu.



Konke oku kuvakala kunganiki themba kodwa kuyimfuneko ukuziqwalasela izinto ezinokuba yingxaki ukuze umntu akwazi ukucinga amacebo okoyisa ezo ngxaki. 

Umfama kufuneka:

Enze amalungiselelo nombhambathiswa kuselithuba.

Azame ukuqinisekisa ukuba umbhambathiswa akenzanga sithembiso singaphezu kwamandla akhe.

Aqinisekise ukuba amatye ambalwa entsimini kangangoko kunokwenzeka njengoko anokonakalisa inxalenye kamatshini ovunayo.

Alungiselele iinqwelo zokulayisha ezaneleyo zibe khona emasimini ukuze umsebenzi ungabambezeleki.

Enze amalungiselelo okulondoloza ingqolowa ukuba ayikwazi kususwa entsimini.

Enze amalungiselelo noovimba bee-silo bendawo yakhe apho ingqolowa inokomiswa khona, ithuba xa likhona oku kufuneka kwenziwe. 



Kukho izinto ezimbini ezivusa umxhelo malunga nexesha lonyaka lokuvuna – ukugqibeka komjikelo wemveliso yesityalo esinye ngokunjalo isiqalo selinye ixesha lonyaka. Kubalimi abavelisa ingqolowa eFree State, umba wolondolozo lokufuma emhlabeni uphelele mhlawumbi ngowona mba ubalulekileyo kwinkqubo iphelele yokuveliswa kwengqolowa kwifusi lasehlotyeni. 



Ukubaluleka kokulondoloza ukufuma emhlabeni akunakugxininiswa ngemfezeko. Le nkqubo kufuneka iqaliswe kwangoko emva kokuvuna isityalo sexesha elidlulileyo. Zintathu izinto ezilutshaba lokulondolozeka kokufuma:

Utshaba lokuqala luqukuqelo olwenzeka ngenxa yomphezulu olukhuni kakhulu othintela imvula ukuba igqobhoze okanye xa imvula inkulu kakhulu isuka ingakuvumeli ukugqobhozeka komphezulu womhlaba.

Olwesibini yintshukumo yemijelwana emincinci – oku kukuhamba kwamanzi esiya phezulu ngakumphezulu apho anokuguquka abe ngumphunga aze alahleke emoyeni ongqonge umhlaba. Oku kwenzeka xa umphezulu ugangathekile kwaye ulukhuni. 

Olwesithathu lukhutshiswano olwenziwa lukhula – ukhula olusentsimini lusebenzisa ukufuma wena mfama ozama ukukulondolozela isityalo esilandelayo. 



Kufuneka uphathe amasimi akho ukusuka kwixesha lesivuno sexesha elidlulileyo ukuya kwixesha lokutyala ukuqinisekisa ukuba ulondoloza amanzi amaninzi kangangoko kwimbonakalo yomhlaba kangangoko. Impumelelo yesityalo esilandelayo ubukhulu becala isezandleni zakho! 



