

Graanprodusent								Xhosa



Dibana nabanyulwa

Kuphuhliswa Umvelisi Wonyaka Wezityalo Eziziinkozo



Imiyalelo: 

Folio strap: Umvelisi Wonyaka Wezityalo Eziziinkozo

Byline: NguJane McPherson, umphathi wenkqubo yaseGrain SA yeNkqubo

 yoPhuhliso lwamaFama 


Abanyulwa abathandathu abaya kukhuphisana phantsi kwesihloko esithi: Kuphuhliswa Umvelisi Wonyaka Wezityalo Eziziinkozo: 2008, sebenyuliwe. Ngomhla we-17 Oktobha, ophumeleleyo uya kuvakaliswa kumbhiyozo webhongo oququzelelwa ngabakwaGrain SA:

UDeliwe Ntebele Mutlwane
UDeliwe wazalwa ngowe-1961 eKrugersdorp Kagiso kwaye ungumntwana wokuqala kaMn.u noNksk. Ntebele. Uyise wayengumlimi kanti unina wayengumongi-baguli. UDeliwe utshate noMnu. Mutlwane kwaye banabantwana ababini. Inkuthazo nenkxaso uyifumana kumazala notatazala wakhe.

UDeliwe waya esikolweni sabaqalayo eAobakwe Primary eseItsoseng kwiPhondo laseMntla-Ntshona waza waya kwesemfundo ePhakamileyo eReeitumetse Secondary apho agqibezela khona iBanga le-12. Waqhuba nezifundo zakhe ngokwenza izifundo zobutitshala eBethel Seminar waza wafundela ukubeka isitena nokwakha kwizifundo ze-N6. Yiloo nto uDeliwe wagqibela ngokwakhela iSebe likaRhulumente lamaPhondo neZindlu. 

Ngowe-1991 uDeliwe walushiya phantsi uqeqesho lwakhe waqalisa ngokwenza umsebenzi wokufama ngamaxesha athile kwada kwangowe-2002 apho athe waba ngumlimi wexesha elipheleleyo. Uqeshe ifama eMarotse (kummandla waseDelareyville) kananjalo ukwawenza noninazala lo msebenzi wokufama. Ulilungu leqela lezifundo leFrischgewaagd kummandla waseDelareyville; kwaye uyile kwiindibano zezifundonzulu zamathuba amafutshane ezifana nezifundo zolondolozo lweTrektara nezixhobo zokusebenza efama, Intshayelelo yomsebenzi wokuvelisa umbona, Umsebenzi Wokuvelisa Umbona Okwinqanaba Eseliphambili kunye nokuthengisa, ukulawulwa kweShishini leZolimo kunye nezifundo zokulawulwa koMsebenzi oYilwayo zaseGrain SA, NWK, eze-Promise Farmer neze-Business Today.

UDeliwe ebengumlimi ozimeleyo kajongilanga nombona iminyaka emine kwaye unayo nemfuyo yeenkomo, iihagu, iibhokhwe kunye neegusha. 

UIsaac Khuto

UIsaac Khuto wazalwa ngowe-1944 eBoksburg apho uyise wayesebenza njengomabhalana evenkileni. Akuba neminyaka emibini ubudala abazali bakhe bamthumela eFicksburg ukuba aye kuhlala efama notat omncinci wakhe noanti apho iminyaka yakhe yobuntwana wayichithela khona. Ukususela kwiminyaka esixhenxe yobudala wayesalusa iigusha kwaye usalikhumbula ivumba lengca ekuseni, xa isibhakabhaka sasigabuke kangako ukuze ade abone phezu kweentaba zaseLesotho. Babebukela iitrektara zisebenza emasimini aseLesotho kwaye wayesoloko ezibuza ukuba kazi kungabanjani ukuqhuba itrektara. 

UIsaac wayehamba kwisikolo sasefama waza emva koko waya kwisikolo semfundo ephakamileyo eFicksburg apho waphumelela khona ibanga lesi-8. UIsaac wasebenzela abakwaFrasers eFicksburg iminyaka elishumi elinesibini. Akuba ephuhle umdla wokurhweba, waqalisa ngomsebenzi wokurhweba eyedwa ethengisa iziqhamo nemifuno. Kuthe kuba ishishini likhula, wakwazi ukuzithengela iteksi yakhe yokuqala waza wakwazi ukuliphuhlisa eli shishini phakathi kowe-1978 nowe-1998. Ngowe-1983 uIsaac wabona ithuba lorhwebo kwezezibele waza wathenga ihotele/indlu yabahambi. Nangoku usenayo ihotele leyo kwaye unemvume yokuthengisa utywala. 

Ebomini bakhe, uIsaac ebeyimbethi-manqindi eyingcaphephe. Waqala njengegangxa ngowe-1960 waza emva koko waba yingcaphephe. Uthetha athi: Kwiqonga lokubetha amanqindi umcimbi umalunga nawe kuphela kunye nesakhono sakho,” – kulapho wafunda khona ukuzithemba. “Akukho ndawo yokuzimela kungekho neyokubalekela kwaye ufunda ukujongana nobomi ngokungena ngentloko,” utshilo uIsaac. UIsaac usaqeqesha iklabhu yeembethi-manqindi eFicksburg, kwaye wayengusihlalo weklabhu yeeMbethi-manqindi eFree State kanti okwangoku ungusihlalo wephondo leFree State Boxing Federation. Ukwangusihlalo weqela lofundonzulu leImperani laseGrain SA eFicksburg. 

Ngowe-1998, uIsaac wathenga ifama, iDiyatalana yeehektare ezingama-230 waza waqalisa ngomsebenzi wakhe woqeqesho njengomlimi. Wayefuna ukuyithenga ngokuphelela kwayo ifama yama-460 eehektare kodwa woyika ukuqalisa ngetyala elikhulu kakhulu – ifama yahlulwa ngokweziqingatha ezibini waza wathenga isiqingatha esinye. Ngowe-2006 wakwazi ukuqesha ama-65 eehektare ongezelelweyo omhlaba oowawutyebile nowawukufutshane. 

Ngowe-2007/2008, uIsaac wavuna isivuno esasimalunga ne-3,5 yeetoni/ngehektare zengqolowa kumhlaba ongangama-79 eehektare kanti nangona wathi wafumana umonakalo wombona wakhe owaba nobuzaza wesichotho, isityalo esisentsimini yakhe sisesihle. 

UIsaac utshate noLerato kwaye banonyana namantombazana amabini.

UMaphale Samuel Moloi
UMaphale wazalelwa kwifama yaseMagdelena, apho uyise wayesebenza njengomsebenzi wasefama, kummandla waseFouriesburg ngowe-1969. Babengabantwana abasibhozo – ababini bengamakhwenkwe kanti amantombazana ayemathandathu. UMaphale waya esikolweni kwiLokishi yaseMashaeng ngaphandle kweFouriesburg, apho waphumelela khona iBanga le-12. Ngeempelaveki ebesiya kwifama eyayikufutshane, ifama kaMnu. Du Plessis, apho wayeqhuba khona itrektara aphinde ancedise. UMaphale wabona indlela uMnu du Plessis awayewusebenza ngayo umhlaba waza wasoloko enephupha lokuba nefama eyiyeyakhe. “UMnu du Plessis wandinceda kakhulu ngokuvusa umdla wam kanti kananjalo bendimmamela uNksk Jane McPherson xa ethetha kwiLesedi FM malunga nomsebenzi wokulima izityalo eziziinkozo ndaza ndavuseleleka ukuba ndiphumeze iphupha lam,” uthethe watsho uMaphale.

UMaphale wayesebenza kwiSebe leMibandela yezaMakhaya kwiFouriesburg Border Post ukususela ngowe-1993 - 2007. Ngowe-1996 waqalisa ukufama ngeenkomo neegusha kumhlaba odityanelweyo waseFouriesburg. Ngowe-2004 waqesha ama-30 eehektare zentsimi kumfama orhwebayo, uMnu Osborne, waza watyala umbona. Ngowe-2006 waqesha ama-4 179 eehektare zentsimi kuMasipala waseFouriesburg apho enza umsebenzi wokufama kwithuba langoku. “Mhlawumbi ndinganako ukuqesha ama-400 eehektare zomhlaba onesakhono esiphezulu kulo nyaka, kodwa abakwaGrain SA makhe beze baze kubona lo mhlaba kuqala,” uthethe watsho uMaphale.


UBoy Mokoena
UBoy wazalwa kummandla waseMiddelburg ngowe-1948 apho uyise wayesebenza njengomsebenzi wasefama. Wafunda kwisikolo esasilapho sasefama apho waphumelela khona iBanga lesi-5. Ngeli thuba, utata wakhe wayengumfama wamaxesha athile kumhlaba owawudityanelwe kummandla wase Vlaklaagte. UBoy uthi ukhumbula loo maxesha wayelima ngawo notata wakhe belima ngeenkabi.
 
Ngowe-1981 uBoy waqalisa ngokulima kumhlaba wakhe oziihektare ezili-10 zomhlaba karhulumente awathi wawuqesha. Ethubeni, wanikwa ufikelelo kwiihektare ezingama- 50 zomhlaba okummandla waseVaalspruit (kufutshane eBronkhorstspruit). Kwithuba langoku, uBoy ulima umhlaba oziihektare ezingama-545 awuqeshe kurhulumente kanti ukwaqesha enye yeehektare ezingama-300 enomhlaba otyebileyo kumafama akufutshane. Ulime umbona kuyo yonke le ntsimi kulo nyaka. UBoy kananjalo unomhlambi weenkomo ezingama-300 azityisa kumhlaba odityanelweyo kwiinyanga zasehlotyeni kodwa ebusika zitya emasimini ombona. 

UBoy utshate noLinah owaba sisithandwa sakhe besesesikolweni kanti banabantwana abane. Ulilungu eliqukezayo leqela lofundonzulu laseGrain SA kwaye uyile kwizifundonzulu ngomsebenzi wokuvelisa umbona ngokunjalo nezifundo ngokulondolozwa kweTrektara nezixhobo zokusebenza efama. Kwiinyanga ezizayo ezimbalwa, uza kuya kwizifundo Ezikwinqanaba Eseliphambili ngomsebenzi wokuvelisa umbona nokuthengisa, kananjalo nezifundo zokulawula ishishini lezoLimo (Agribusiness). 

ULabious Manoto
Utata kaLabious wayevela eKoppies eFree State. Wema eLombaardslaagte apho wazalwa khona uLabious ngowe-1948. Ngomnye wabantwana abalishumi elinesibini. Utata wakhe waqaphela ukuba babehlala kumhlaba otyebe kakhulu waza waqalisa ukulima, esebenzisa iinkabi zeenkomo. “Uthando lwam lomsebenzi wokufama lilifa endalifumana kutata wam,” watsho uLabious.

ULabious uphumelele iBanga lesi-8 ngowe-1966, apho athe emva koko waphumelela izifundo zokwakha ngowe-1969. Wayesakha izikolo kummandla waseMafikeng ukususela ngowe-1970 waza wasebenza kwisakhiwo sokuqala ukuba nemigangatho emibini eMafeking. Emva koko, wasebenzela iSebe lemiSebenzi kaWonke-wonke. 

“Ngenxa yothando lwam lomsebenzi wokufama, ndaqalisa umsebenzi wokufama kumaxesha athile ngowe-1975. Ndibe neehektare ezi-15 zomhlaba ongowam (kwindawo edityanelweyo) ndaza ndaqesha omnye weehektare ezingama-30, utshilo uLabious. Ngeli xesha asebenza kwiSebe lezemiSebenzi kaWonke-wonke wayefumana iintsuku ezingama-30 ngonyaka. Ebeqinisekisa ukuba uthatha iintsuku zakhe ngexesha lonyaka lokutyala ukuze ongamele ukutyalwa kwezityalo zakhe. ULabious wayenomntu omnye omsebenzelayo kwaye babesebenza ubusuku nemini ngexesha lokutyala – kwi-Massey Ferguson 65. “Bendisebenza edolophini phakathi kweveki ndize ndigoduke ngeempelaveki ukuze ndize kubona umsebenzi wokufama,” watsho uLabious. 

Ishishini lakhe lokufama lakhula waza ukususela ngowe-1991 wahlala efama evukela emsebenzini yonke imihla. ULabious walima ngamaxesha athile kwada kwangowe-1996 apho wayeselesebenza iihektare ezingama-500. ULabious uqale ukwenza umsebenzi wokufama ixesha elipheleleyo ukususela ngowe-1997 kanti kwithuba langoku selelima malunga neehektare ezili-1 000. 

USamuel Nyambose
USamuel wazalwa efama, kummandla waseReitz apho uyise wayengumsebenzi wasefama, ngowe-1944. Wayengomnye wamakhwenkwe amahlanu kusapho lwakhe. USamuel wafunda eReitz waza waphumelela iBanga lesi-8. Uthe akugqiba ukufunda waya eGoli apho wasebenza khona kwiqumrhu lobunjineli njengomsebenzi obamba apha naphaya iminyaka emithandathu. USamuel wathi ke waya ePhuthaditjhaba wavula ivenkilana encinci yempahla esetyenziswa mihla le ekhaya. “Njengoko ndandizalelwe efama ndandisoloko ndifuna ukuba ngumfama yiloo nto ndathi ndakufumana ithuba lokuqesha ifama kummandla waseKaallaagte ngowe-1997, ndalitsibela elo thuba,” watsho uSamuel. Wahlala kulo mhlaba iminyaka emithathu. Ngowe-2000 wathenga ifama iLorelei kummandla wasePaul Roux ngokusebenzisa isibonelelo sama-R30 000 nemali-mboleko eLand Bank. 

“Amaxesha abe nzima kakhulu, kodwa kulo nyaka ngoncedo lwaseGrain SA nolweOVK, ndikwazile ukuhlawula ityala lam lemveliso eOVK nelaseLand Bank kanti ndinemali eseleyo yokutyala iihektare ezingama-30 zengqolowa,” uthethe watsho uSamuel.

