xhosa.1492.muthi
sithetha ngamayez' esintu
Ukunyanga
ukungavukelwa
BONA XHOSA - January 2008
UKUNGAVUKELWA xa uyindoda yingxaki enkulu. "Ndiziva ndineentloni," utshilo umfundi othile weBONA onengxaki yelungu lobudoda elikhawuleza lichithe kwindibano yesondo. "Ingaba izinyanya zam zinento yokwenza nale ngxaki"
"Siyathandana kakhulu nowakwam, kwaye ndinoloyiko lokuba indlela endenza ngayo kwezesondo iza kwahlutha ulonwabo lwethu."
Ngokuqinisekileyo izinyanya azinanto yakwenza nale ngxaki. Kodwa kubhetele xa eyithetha kuba amanye amadoda angcungcutheka ethe cwaka.
Omnye onama-50 eminyaka uthi yiminyaka engama-25 ngoku engavukelwa ngokupheleleyo!
Nokuba ungakanani... "Ubudoda bam buthatha ixesha elide ukuqina," ubhale watsho umfundi onama-21 eminyaka waseThekwini.
"Liqale ukungaqini kakuhle kwiinyanga ezili-10 ezidlulileyo," litshilo elinye ityendyana. "Ekuqaleni intombi endincuma nayo ibinovelwano, kodwa ithe yakuqhubeka le ngxaki yathi iza kundishiya kuba andisayithandi. Ike yakrokra nokuba ndinenye intombi endincuma nayo!"
"Ngoku ndiyaboyika abasetyhini. Kaloku bayancokola ngokwenzeka emagumbini okulala, andifuni ke ukuba yintlekisa xa befumanisa ukuba "ndiyinto engenamsebenzi ebhedini," utshilo omnye umfundi.
Xa ungavukelwa kufuneka okungaphezulu komvusa-nkunzi. Ufanele ujonge izinto ezithile ngaphambi kokufun' unyango...
Kubalulekile ukubonana nogqirha. Umzekelo, usenokuba unesifo seswekile esingaba ngunobangela wale ngxaki.
Okanye isifo esisulela ngesondo.
Kanti nokwabelana ngesondo nowasetyhini osexesheni ngaphandle kokuzikhusela ngekhondom.
Nokusela kakhulu utywala kungenza ungavukelwa.
Noxindezelelo lwengqondo.
Unyango
Ke ngoku, sithini ngonyango"
Ndicebisa ukuba besebenzise iyeza ekuthiwa nguchukwane. Liza kukunceda uvukelwe kwaye lingakhawulezi ukuwa ilungu lobudoda. Liyafumaneka kumaxhwele namagqirha aseLimpopo.
Kubalulekile! Qiniseka ukuba uchukwane umfumene kwigqirha elithembekileyo!
Kubekho nembiza. Ukusel' isiqingatha seglasi kabini ngemini iveki yonke kucoca ubudoda bakho.
Ziliqela ke iindidi zeembiza, kodwa ndikhetha eyenziwe ngamanzi abandayo, amathunga nemingwavuma.
Kodwa kuqala dibana negqirha eliza kuvumisa ngamathambo ukuba aza kukulungela kusini na la mayeza.
Ukutya amandongomane, intlanzi, itshizi, usele ubisi, zingakunceda kwindlela oqhuba ngayo kwindibano yesondo
Lumkela ukunyangwa ngokucima, kuba oku kungonakalisa izintso zakho.
Kakade ke, ukucima akusosisombululo sisiso kwiingxaki zakho zesondo. Ukucima kabini ngonyaka kwanele, ngeyeza legqirha elithembekileyo.
Kufuneka liqinisekise ngomlinganiselo ngokuvumisa emathanjeni.
Ukuba isisu sakho siyaluma emva kokucima, sela izinto ezifana neti emnyama, isidudu, ijusi namarhewu rhoqo ukuthintela ukuphelelwa ngamanz' emzimbeni.
Mandiyigxininise into yokokuba, sukusebenzisa omavukengceni xa ufuna imbiza okanye iyeza lokucima.
Okokugqibela...
Ukwenza umthambo rhoqo nomvusankunzi onjengebhangalala owugalela esidudwini ungakunceda xa unengxaki yokungavukelwa kakuhle. [x]
kubhale uFORCE KHASHANE
Xa unemibuzo ngamayez' esintu, bhalela kule dilesi:
Muthi Talk, Box 473014, Parklands, 2121 okanye umthumelele i-email ku- muthi@caxton.co.za
