Goal											Xhosa



Ingaba silahlekelwe ngumkhondo weentsika zenjongo?



Instructions:

Folio strap: Uphuhliso

Byline: NguJane McPherson, umphathi wenkqubo yakwaGrain SA yeNkqubo yoPhuhliso lwamaFama



Izizixa ezikhulu imali echithwa liSebe leMibandela yezeMihlaba, iSebe lezoLimo, iiTrust zeZityalo eziZiinkozo zakwaGrain ezahluka-hlukileyo, amashishini ezolimo, amaqumrhu enkxaso yegalelo, imibutho yobutyebi obuyimithombo namashishini abucala (NGO’s) (ukubala abambalwa kuphela) kuphuhliso lwezolimo eMzantsi Afrika. Umbuzo osalayo mnye – ingaba konke oku kunaso na isiphumo esinqwenelwayo?



Uphuhliso, lubandakanya uphuhliso lomfama, singatsho ukuba lunxulumene nabantu. Ngabantu ekufuneka bekhulile, baphuhle, bafunde bazuze namava. Ukujolisa kuphuhliso lomfama akunxulumenanga nokubona lowo unokuvelisa ezona nkozo zininzi, kodwa kumalunga nokuncedisa amafama ukuzuza izakhono nolwazi oluya kumnika isakhono sokwenza umsebenzi wokufama ezimele yedwa, kwaye ibe ngumsebenzi olondolozekayo nonenzuzo. 



Ukuba sikufuna ngenene ukwenza umahluko kubalulekile ukujolisa kubantu ngabanye kananjalo nakubahlali ukuze sifumanise imithombo yobutyebi abanayo sandule ukwakha kuloo mithombo yobutyebi. Kulula kakhulu ukusuka umntu angxamele kwindawo ethile, ajolise koko bangenako abantu aze enze ngathi uyabancedisa ngokwenza konke acinga ukuba kufuneka bakwenzelwe. Kwenzeka ntoni ke xa seleyeka ukubenzela ezo zinto? Okufunekayo kukuba sisuse abantu kwindawo abakuyo kwixesha langoku, sithe chu kwaye siqaphela, siqinisekise ukuba bazonwabele iinguquko namalinge ophuhliso, bade bafike apho bafuna ukuba khona (hayi apho thina sicinga ukuba kufuneka bafike khona). 



Kubonakala ngathi kujoliswa kumba othi “okukhulu kuko okuphucukileyo”. Ngokuqinisekileyo likhona ibanga ekufuneka beqale kulo abantu, nokuba lelomsebenzi omncinci. Kukho abantu abangabalimi abalondoloza ubomi kuphela nabangenabhongo lokuba yenye into engaphaya kwaleyo – kanti naleyo into ilungile. Kuphinda kubekho abo benza umsebenzi wokufama kakuhle ngenene kwaye baqhubela phambili ukusuka emsebenzini omncinci kanti baya kugqibela ngokuba ngabalimi abakhulu, ngenye imini. Bakhona ke nabo benza umsebenzi omkhulu wokufama kananjalo babe bewenza kakuhle (enyanisweni, maninzi amabanga ahlukahlukileyo phakathi kwasezantsi naphezulu). 



Ukuba izindululo zophuhliso zethu kufuneka zilondolozekile, kufuneka sifumane abantu apho bakhoyo sibasuse apho – andikuncomi ukufumana ababhambathiswa abakhulu afika batyale, balime baze bavune kanti oko kuya kubizwa ngokuba ‘luphuhliso lwamafama’ – asilophuhliso olo kuba kaloku aba babhambathiswa bangasuka baqeshe umhlaba lowo kuphela. Enyanisweni, amafama mhlawumbi bekunokuba bhetele xa bebeqeshisa ngomhlaba wabo kubabhambathiswa njengoko iindleko zokusebenza zixhome ngokungathethekiyo, ngaloo ndlela ke umbhambathiswa unesabelo kwiinzuzo ezifumanekayo (utya kabini yena lo gama umfama esenokungabi nanto ayityayo kwaphela).



Masibuyele kwiziseko sijolise kuphuhliso lwabantu. Ukuba umhlaba wakho usetyenziswa ngabanye ababhambathiswa abakhulu – cinga nzulu ngendawo oya kuyo nexesha oya kulithatha xa ungumfama xa kuthelekiswa naxa ungumnini-mhlaba. 

