Gears (Maize)												Xhosa



Ingqiqo ngolinganiselo lweegiyeri



Imiyalelo:

Folio strap: Ukusebenzisa koomatshini

Byline: Ulwazi lufunyenwe kuluhlu lwezifundo zoBhambathiso kwezoLimo

Photos: 	Iigiyeri nemiba yolinganiselo

Izinyo levili

Igiyeri yeenyawo

Okuqhutywayo 

Umqhubi

Ivili legiyeri



Oomatshini abaninizi basebenzisa iigiyeri. Umzekelo omhle kakhulu ngowebhayisekile, yona eneegiyeri ezenza kube lula ukutshova ibhayisekile, ngakumbi xa kunyukwa umnqantsa. Into eqhelekileyo kukuba iibhayisekile zibe nevili elikhulu legiyeri, elinendawo yokubeka unyawo neqhotyoshelwe kunye namavili egiyeri ashiyanayo ngobukhulu, kwivili langasemva. Xa indawo yokubeka unyawo ijikeleziswa ityathanga litsala amavili egiyeri ajikele ngaphaya ngasemva.

Jonga ivili legiyeri elinendawo yokubeka unyawo eqhotyoshelweyo uze uthelekise ubukhulu balo namavili egiyeri kwisizikithi sevili elingasemva. Yintoni oyiqwalaselayo malunga nawo?

Baninzi abantu abakhe banyuka umnqantsa ngebhayisekile. Ngokuya unyuka umnqantsa kuya kuba nzima ukutshova yiloo nto umkhweli webhayisekile akholisa ukutshintsha iigiyeri ukuze kube lula noko. Xa umqhubi webhayisekile etshintsha iigiyeri, ityathanga lisuka kwigiyeri encinci liye kwigiyeri enkulu enamazinyo athe chatha. Ukuze ke ngoko kube lula ukutyhala iindawo zokubeka iinyawo ukuba zijikele. Xa eya ngokuba maninzi amazinyo egiyeri engasemva, kuya ngokuba lula ukutshova ibhayisekile ukunyuka ummango nangona ibhayisekile ihamba kancinci ukuya phambili.

Kuya kwenzeka ntoni xa umqhubi webhayisekile onyuka umnqantsa etshintsha igiyeri ukusuka kwivili legiyeri enkulwana ukuya kwencinanana? Ingaba kuya kuba lula okanye kuya kuba nzima ukutshova ngeenyawo?


Ulinganiselo lweegiyeri (ulinganiselo lwesantya)

Isizathu sokuba iibhayisekile kube lula ukuzitshova ngeenyawo ukunyuka umnqantsa xa kutshintshwe iigiyeri kwenziwa yinto ebizwa ngokuba lulinganiselo lweegiyeri (isantya solinganiselo). Ulinganiselo lwegiyeri lunokubalwa ngokwamanani kanti imizekelo iboniswe ngezantsi. Kanye-kanye, ulinganiselo luthelekelelwa ngenani lamazinyo evili ngalinye legiyeri, ityathanga alihoywa kwaye alingeni kwisibalo songqinelwaniso.



UMZEKELO:

Ukuba igiyeri yendawo yokubeka unyawo ijikeleza kanye, ingaba igiyeri yezinyo levili iya kujikeleza kangaphi?



INANI LAMAZINYO KWIGIYERI YEENYAWO = 60 YAMAZINYO = 2 (IGIYERI YEZINYOLEVILI LIJIKELEZA    

INANI LAMAZINYO KWIZINYO LEVILI	      30 YAMAZINYO	   KABINI)

   



Ulinganiselo lweegiyeri nalu	          	     1	       :	            2

 					IGIYERI	       IGIYERI

				        YEENYAWO	  YEZINYO LEVILI    

  

Umzekelo ongasentla ubonisa ukuba ngexesha ngalinye igiyeri yeenyawo ijikeleza kanye, igiyeri yezinyo levili elingasemva ijikeleza kabini ukuze kube lula ukunyuka ummango.



Zama imibuzo elandelayo:

Ukuba igiyeri yendawo yokubeka unyawo ijikeleza kanye, ingaba igiyeri yezinyo levili iya kujikeleza kangaphi?









INANI LAMAZINYO KWIGIYERI YEENYAWO = _____________= 

INANI LAMAZINYO KWIZINYO LEVILI	      	

  

 Ulinganiselo lweegiyeri nalu	          	     1	       :	

 					IGIYERI	       IGIYERI

				        YEENYAWO	  YEZINYO LEVILI      



Ukuba igiyeri yendawo yokubeka unyawo ijikeleza kanye, ingaba igiyeri yezinyo levili iya kujikeleza kangaphi?



INANI LAMAZINYO KWIGIYERI YEENYAWO = _____________= 

INANI LAMAZINYO KWIZINYO LEVILI	      	

  

 Ulinganiselo lweegiyeri nalu	          	     1	       :	

 					IGIYERI	       IGIYERI

				        YEENYAWO	  YEZINYO LEVILI      



Ukuba igiyeri yendawo yokubeka unyawo ijikeleza kanye, ingaba igiyeri yezinyo levili iya kujikeleza kangaphi?



INANI LAMAZINYO KWIGIYERI YEENYAWO = _____________= 

INANI LAMAZINYO KWIZINYO LEVILI	      	

   

Ulinganiselo lweegiyeri nalu	          	     1	       :	

 					IGIYERI	       IGIYERI

				        YEENYAWO	  YEZINYO LEVILI      



Ingaba ulinganiselo lweegiyeri lusiphembelela njani isantya?
Ulinganiselo lweegiyeri lusixelela indlela igiyeri enye ejikeleza ngayo ngokukhawuleza xa ithelekiswa nenye.

Xa igiyeri yethu yegalelo (yamazinyo ali-10) ijikeleza ngesantya se-5 rpms , kwaye ibe inxulunyaniswe kwigiyeri yethu yesiphumo (yamazinyo angama-50), igiyeri yethu yesiphumo iya kujikeleza ngesantya se-1 rpms. 

Kutheni?
Ulinganiselo lwethu lweegiyeri yi-50:10... okanye 5:1

Ukuba igiyeri yethu encinci ijikeleza nge-1x, igiyeri yethu enkulu ijikeleza nge-1/5 kuphela. Ithatha imijikelezo emi-5 yegiyeri yethu encinci iyise kumjikelo om-1 wegiyeri yethu enkulu. Ngoko ke igiyeri yethu enkulu ijikeleza ngesantya se-1/5 = 1rpm. 

Kwenzeka ntoni xa ulinganiselo lwethu lweegiyeri luyi 1:3?
Kwesi siganeko igiyeri yethu yegalelo ithe chatha ngobukhulu nge-3x kunegiyeri yethu yesiphumo. 

Ukuba igiyeri yethu yegalelo ibijikeleza ngesantya sama-20 rpms, umjikelezo ngamnye, ubuya kwenza imijikelezo emi-3 yegiyeri yethu yesiphumo. Isiphumo sethu besiya kuba ngama-60 rpms.

Umqhubi noMqhutywa

Umqhubi yigiyeri okanye izinyo levili elinamandla angqalileyo. Kumzekelo webhayisekile, umntu oqhuba ibhayisekile utyhala iindawo zokubeka iinyawo. Izinyo elikhulu levili eziqhotyoshelwe kulo iindawo zokubeka iinyawo ‘ngumqhubi’ (linamandla) kanti izinyo levili elincinci kwivili elingasemva ‘liyaqhutywa’. Asiyonto eqinisekileyo ukuba elikhulu lingumqhubi welincinci – ubukhulu abubalulekanga. Into ebalulekileyo kukuba ngubani obe namandla kuqala? 



Khumbula ukuba xa kukho amazinyo amavili al iqela ahlanganiswe ngamatyathanga, axokomezelwe kwintsimbi enye, isenokuba lelinye izinyo levili elinokuba ngumqhubi kulandelelwano olulandelayo. 



Xa kulandelwa ulandelelwano, kubalulekile ukukhangela ubukhulu beegiyeri / amazinyo amavili. Amazinyo amavili aphembelela isantya sokujika-jika kwentsimbi. Isantya sokujikeleza kwentsimbi siso esalatha isantya sokujikeleza kwentsebenzo-matshini yembewu ukuze sona salathe ukuba ingakanani imbewu etyalwayo. Ukukhawuleza okuthe chatha kokujikeleza kwentsimbi, kwalatha uchatha wembewu etyalwayo. 



Xa kufakwa amaqondo, unokufumanisa ukuba kutyalwa imbewu eninzi kakhulu, ngoko ke yazi ukuba ukuqhutywa kwentsebenzo-matshini yembewu yintsimbi okokugqibela,kwenzeka ngokukhawuleza okukhulu kwaye kufuneka kucothisiswe. Inye indlela yokucothisisa intsimbi kukuguqula ubukhulu bamazinyo amavili abandakanyeka ekuqhutyweni kwaloo ntsimbi. 

