Food											Xhosa



Qaphela ukhuseleko lokutya 



Instructions:

Folio strap: Ukhuseleko lokutya

Byline: Lilungalungiswe ukusuka apha www.health24.com



Ukutya ukutya okanye ukusela amanzi anongcoliseko kunokubanga iintlobo ezahlukahlukileyo zosulelo. 



Ukutyhefeka kokutya ligama elisetyenziswa gabalala malunga neentlobo zosulelo ezifunyenwe ekutyeni. Imiqondiso eluphawu lokutyhefeka kokutya ibandakanya iintlungu ezihlabayo zesisu, urhudo, isicefecefe nokuhlanza. Iintsholongwane zingoonobangela abaxhaphake kakhulu bokutyhefeka kokutya, okulandelwa ziintsholongwane zeevayirasi kunye nezixhaphazayo. 



Akunakusoloko ukwazi ukuluqaphela ngokulubona ngamehlo, ukulungcamla okanye ukulujoja ungcoliseko lokutya okanye olwamanzi kodwa unako ukuyinciphisa imingcipheko kakhulu kangangoko ngokulandela amanyathelo angenabugocigoci achazwe ngezantsi. 



Impilontle yomntu ngokwakhe

Hlamba izandla zakho rhoqo kwaye ngokucocekileyo ngamanzi nesepha, ngakumbi 

emva kokuya ngasese; 

emva kokuchukumisa izilwanyana; 

emva kokuthimla okanye emva kokufinya; 

phambi nasemva kokulungisa ukutya; 

emva kokuchukumisa inyama, intlanzi okanye iinkuku ezingaphekwanga.

Gquma izilonda ezisezandleni zakho ukuthintela ungcoliseko xa usebenza ngokutya. Qinisekisa ukuba iibhandeji okanye iiplasta zicocekile. 



Ukusela amanzi

Qala ngokuwabilisa amanzi phambi kokuwasela xa ungaqinisekanga ngokuba ingaba kukhuselekile na ukuwasela. Amanzi empompo akholisa ukukhuseleka, kodwa amanzi avela kweminye imithombo, efana nemilambo namaqula, awakhuselekanga. 

Londoloza amanzi akhuselekileyo kwisiqulathi esicocekileyo, esigqunyiweyo, kukhethwa ukuwagcina kwisibandisi. 

Qinisekisa ukuba iziselo ezibandayo neetyhubhu zomkhenkce bezenziwe ngamanzi akhuselekileyo. 

Khumbula ukungawaginyi amanzi angenakhuseleko xa uhlamba ebhafini okanye xa uqubha. 



Impilontle kwigumbi lokuphekela

Hlamba imiphezulu enjengetafile yegumbi lokuphekela, ikhawuntala okanye isinki, phambi nasemva kokulungisa ukutya apho. Gcina iindawo zokulondoloza ukutya zicocekile (ezifana namathala kunye nezibandisi. 

Izinto ezichithekileyo zisule kwangoko. 

Sebenzisa amalaphu ahlukileyo okucoca igumbi lokuphekela kulawo okucoca ezinye iindawo zendlu. 

Bulala iintsholongwane kumalaphu egumbi lokuphekela, izifunxi nezikhuculi ngokusebenzisa i-bleach uze uwacoce phantsi kokukhanya kwelanga, nto leyo encedayo ukubulala iintsholongwane. Ukuba une-microwave, ukubeka ebushushwini amalaphu kunye nezifunxi imizuzwana engama-60 kuyanceda ekubulaleni iintsholongwane. 

Hlamba umgangatho wegumbi lokuphekela kanye ngeveki obona buncinane, ngamalaphu asetyenziselwa kuphela umsebenzi lowo. 

Hlamba izitya, izixhobo zokutya kunye neebhodi zokunqunqa ngononelelo – kukhethwa emanzini ashushu anesepha othi umane ukuwatshintsha xa eba mdaka. Hlambulula izitya ngamanzi acocekileyo, ukuba kunokwenzeka, 

Sebenzisa izixhobo zokutya nezitya ezilungileyo endaweni yezineentanda nemikrwelo emibi. Iintsholongwane zihlala kwiintanda ezisezikomityini nasezityeni nakwimikrwelo ekwiziqulathi zeeplastikhi nakwiibhodi zokunqunqa. 

Ukutya okungaphekwanga kusebenzisele ibhodi yokunqunqa. Kukhethwa ukuba usebenzise ibhodi ethile malunga nenyama, iinkuku kunye nentlanzi, ukuze usebenzise enye malunga nezinye iintlobo zokutya. Kungenjalo, coca ibhodi kakuhle ngamanzi ashushu anesepha emva kokunqunqa uhlobo lokutya ngalunye. Iibhodi zeplastikhi okanye zamatye zezona zikhuselekileyo enyameni engaphekwanga. 

Musa ukuphinda usebenzise izitya zokutya nezokutyela emva kokuba bezidibene nenyama ekrwada, intlanzi okanye inkuku, de ube uzihlambe ngononophelo. 

Gcina inkunkuma emgqomeni ogqunyiweyo ukhuphe kuyo inkunkuma kwaye uwucoce rhoqo. 

Gcina umnyango neefestile zekhitshi zivuliwe kangangoko kunokwenziwa ukuze kufumaneke impepho elungileyo, oku kuyanceda kuthintelo lomngundo nentsholongwane ye-fungus. 



