Fist-aid											Xhosa



Inyanda yasekhaya yoncedo lokuqala lokunyanga 



Instructions: 

Byline: Ailungalungiswe ukusuka apha www.health24.com



Umzi ngamnye kufuneka ube nenyanda yoncedo lokuqala lokunyanga enako konke okufunekayo. Gcina enye ekhayeni lakho ukuze enye ibe semotweni yakho. 



Londoloza inyanda kwindawo epholileyo, neyomileyo, ibe kude apho banokufikelela khona abantwana abancinci. Qiniseka ukuba uyayazi indlela yokusebenzisa zonke izinto ezikuyo nento ezisetyenziselwa yona. 

 

Ingaba inyanda yasekhaya yoncedo lokuqala lonyango kufuneka iqulathe ntoni? 

3 x iibhandeji ezibhijelwayo (50 mm) 

3 x iibhandeji ezibhijelwayo (75 mm) 

2 x iibhandeji ezingoonxantathu 

Umaleko we-gauze: 1 eyomileyo ne-1 eqatywe ipalafini 

1 ibhotile ye-Dettol okanye i-Savlon (50 ml) 

2 x iimaleko ezincinci zezilonda 

2 x iimaleko zezilonda eziphakathi ngobukhulu 

2 x iimaleko ezinkulu zezilonda 

1 iteyiphu esongwayo encamathelayo (1 m x 2,5 cm) 

1 isikere sokusika ibhandeji 

Izipeliti 

1 isihlambululi samehlo 

Izincothuli 

1 x umaleko wesilonda sokutsha 

1 Ityhubhu yamafutha alwa ukubhutyuka kwesilonda 

1 Iiglavu ezilahlwayo emva kokuzisebenzisa kanye 

1 isixhobo esingumlomo wokufaka i-CPR 

1 ipakethi yeeplasta ezahlukahlukileyo 

1 umbekelelo obandayo 

iiParacetamol ezifana nePanado 

I-calamine lotion, ioyile ye-tee tree, ioyile ye-arnica, I-aloe-vera nocwambu lwe-propolis 

I-thermometer (isixhobo sokulinganisa ubushushu) 

Ulwelo lokubuyisela amanzi emzimbeni olunjenge-Rehidrat 

Amacephe okwenza imilinganiselo






